1. Ngo-2013 iSebe leMfundo esiSiseko lapapasha izicwangciso zokuqalisa inkqubo yokuqaliswa ngeZigaba kweeLwimi zesiNtu (IIAL).

2. I-IIAL yinkqubo eyiprayorithi enenjongo yokukhuthaza ubumbano nentsebenziswano kwezentlalo (social cohesion) kuluntu lwethu. Ikwanenjongo yokuphucula nokuphuhlisa iilwimi zesiNtu zaseburhulumenteni ebezikade zisingelwa phantsi kwixa elingaphambili njengoko oku kwamkelekileyo kwimigaqo yoMgaqo-siseko weRiphablikhi yaseMzantsi Afrika, ka-1996 nakwisiCwangciso soPhuhliso seSizwe (National Development Plan).

3. Iprogram ye-IIAL ifundiswa kwinqanaba loLwimi lweSibini oloNgezeleweyo (Second Additional Language (SAL)) ukususela kwiBakala 1 ukubheka phambili njengoko kucacisiwe apha:

"Ugxininiso kutyhilelo kuLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo lusekuphuhliseni ukukwazi kwabafundi ukuqonda nokuthetha ulwimi – izakhono ezisisiseko zokunxibelelana nabanye abantu." (INkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam kwi-Nkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (National Curriculum Statement: Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS) 2016).

Iinkqubo zovavanyo kuLwimi lweSibini oloNgezelelweyo (SAL) zimele ukuba zezingamiselwanga neziqhubeka okoko yaye aziyi kuthathelwa ingqalelo ukulungiselela ukupasa nokudlulela kwesinye isigaba.


4. Ngo-2014 ukuya ku-2016 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lilinge (piloted) laze laqalisa inkqubo ye-IIAL (isiXhosa njengolwimi lwesiBini oloNgezelelweyo) kwizikolo eziyi-10, nakuba kunjalo, iSebe iWCED kusafuneka liqalise le nkqubo ye-IIAL kwizikolo ezimalunga ne-900 engadlulanga u-2018.

5. Zonke izikolo ezingazifundisiyo iilwimi zesiNtu zazeburhulumenteni ebezikade zisingelwe phantsi kulindeleke ukuba ziyiqalise inkqubo ye-IIAL engadlulanga u-2018. Ngenxa yezithintelo zebhajethi zangoku, iSebe iWCED lisakhangela iindlela ezintsha zokunika inkxaso ukuqaliswa kwe-IIAL nokuhlangabezana neenjongo zokuphunyezwa kwayo.

6. Esi saziso ke ngoko senzelwe ukucela zonke izikolo ezingasifundisiyo isiXhosa uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (isiXhosa SAL) kwiSigaba seSiseko (FP) nezo zikolo zisifundisayo ngoku njengesifundo esenziwa emva kokufundisa (extramural subject), zisiqalise isiXhosa uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (isiXhosa SAL) zisebenzisa ootitshala bazo abakhoyo besiNgesi okanye besi-Afrikansi.

7. Izikolo ezivolontiyela ukuqalisa le nkqubo ye-IIAL kuya kufuneka ukuba:

  • zikwazi ukufikelela kubuxhaka-xhaka bezonxibelelwano (digital hardware) (bekhompyutha nedathaprojektha)
  • zandise ithayimtheyibhile yeBakala 1 ngemizuzu eyi-30 ngosuku; yaye
  • ziqhubeke ngokufundisa isiXhosa uLwimi lwesiBini oloNgezelelweyo (isiXhosa SAL) kwiBakala 2 emva ko-2019 yaye ziqalise ngezigaba esi sifundo ngonyaka ngamnye ukunyukela kwibakala elilandelayo.
8. ISebe iWCED liya kunika izikolo oku kulandelayo:

  • izixhobo zokuncedisa ukufunda nokufundisa;
  • uqeqesho lootitshala nokucwangcisa kwikota yokuqala ka-2018; kunye
  • nenkxaso yaqho emva koko.
9. Kucelwa uqaphele ukuba ayikho enye inkxaso-mali eya kunikwa ootitshala liSebe iWCED.

10. Ziyacelwa izikolo ezivolontiyayo ukuba zizalise yaye zibuyisele le fom iqhotyoshelweyo apha nontsikelelo.nyamza@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-25 Agasti 2017. Imbalelwano engaphezulu emalunga nomkhombandlela iya kuthunyelwa kwezi zikolo phambi kokuphela kwekota yesithathu.

11. Kucelwa ubhekise yonke imibuzo kuNks Nyamza kule nombolo yefoni 021 467 9268 okanye kule dilesi ye-imeyili nontsikelelo.nyamza@westerncape.gov.za.

12. Kucelwa iinqununu zixoxe ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane nabasebenzi abachaphazelekayo namalungu ebhunga lolawulo ukuze bakuthathele ingqalelo.

13. Ithakazelelwa kakhulu inkxaso yenu yale nkqubo izisa iinguqu ibaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:07:10

"School profile reply slip"  (ubukhulu: 52 KB)