1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenze amalungiselelo okuqhuba ikhosi yoqeqesho olugxilayo (focused training) lootitshala be-Economic and Management Sciences (EMS) kumaBakala 7, 8 no-9.

2. Injongo yolu qeqesho kukomeleza ukufundiswa kwecandelo le-Economics kwi-EMS kumaBakala 7, 8 ne-9 ngokubanika ulwazi kunye nezakhono ootitshala abasifundisayo ngoku esi sifundo.

3. Uqeqesho luya kuqhubeka ngolu hlobo lulandelayo:

NgoMvulo we-03 Julayi ukuya kuLwesihlanu we-07 Julayi 2017 Uqeqesho luya kuqhubeka kwiintsuku ezintlanu
Amaxesha oqeqesho:

  • NgoMvulo ukuya kuLwesine: 08:00-15:30
  • NgoLwesihlanu: 08:00-14:00

4. Uqeqesho luya kuqhutywa kwiindawo ezimbini ezahlukileyo:

ISithili Indawo Ulwimi loqeqesho
Zonke izithili zedolophu E-College of Cape Town (Pinelands Campus) IsiNgesi
Zonke izithili zamaphandle E-Boland College (Paarl Campus) Isi-Afrikansi
Kucelwa niqaphele: Amalungiselelo endawo yokulala aya kwenzelwa ootitshala abavela kumaphandle abanqwenela ukubakho kwiseshoni yesiNgesi e-College of Cape Town

5. Ukubakho kule khosi yoqeqesho kuya kukhokelela ekufunyanweni kwesatifikethi esingqina ukuba lo ufumene inkxaso eluncedo olukhulu kwisifundo i-EMS.

6. Kukhuthazwa ootitshala baphathe iidivayisi zabo zekhompyutha, njengoko inxenye yolu qeqesho luya kuquka ukudityaniswa kwe-Information Communication Technology (ICT) kwikharityhulam.

7. Inkqubo yokubhalisa

Kucelwa iinqununu zizalise le fom yokubhalisa (isiHlomelo A) iqhotyoshelweyo ziyibuyisele kumququzeleli weGET wesithili ochaphazelekayo ngomhla okanye phambi koLwesihlanu, we-19 Meyi 2017. Kubalulekile kakhulu ukuba izikolo zikhuphe ingcaciso yokubhalisa echanekileyo ukuze kuthintelwe naziphi iingxaki zamalungiselelo ezinokwenzeka ngethuba loqeqesho.


8. Ezohambo
8.1 Isibonelelo sohambo siya kuhlawulwa ngokwale miqathango ilandelayo:

  • Makungqinisiswe abantu abayileyo kuqeqesho luphela.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku ezintlanu mawugqithe kwi-100 km, o.k.t. ubuncinane ube yi-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku ngalunye.
  • Umgama uwonke ohanjiweyo kwithuba leentsuku ezintlanu mawungagqithi kwi-140 km, o.k.t. ubuncinane ube yi-20 km yohambo lokuya nokubuya ngosuku. Abathathi-nxaxheba abagqithisayo kulo mgama abasayi kunikwa mbuyiselo yemali ngomgama ohanjiweyo ongaphezu kwe-700 km bekwacetyiswa babhalisele indawo yokulala endaweni yoko.
8.2 Izicelo zamabango eehambo ziya kuhlolwa ngokwezi khrayitheriya zilandelayo:

Ukusebenzisa imoto yakho Kangangoko kunako, ootitshala mabakhwelisane kwizithuthi.
Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makwenziwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo we-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Usetyenziso lweklabhu yelifti (ehlawulwayo okanye esimahla) kwimoto yakho. Kuphela ngumqhubi okanye umnini-moto onokwenza isicelo sebango leekhilomitha ezihanjiweyo. Makubhalwe uluhlu lwabakhweli.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo eyi-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Usetyenziso lwebhasi yesikolo Isikolo masifake ileta echaza ukuba kwakusetyenziswe ibhasi yesikolo ukuya kule khosi, amagama abakhweli nomgama ohanjiweyo.
Kuya kuhlawulwa umyinge omiselweyo oyi-R3,00 ngekhilomitha nganye.
Akusayi kusetyenziswa mthamo wenjini.
Usetyenziso lomboneleli-nkonzo obhalisiweyo

Qaphela: makufumaneke imvume ebhaliweyo kwangaphambili kumququzeleli weGET wesithili.

Inyathelo 1) Isikolo masifumane iikoteshini zibe ntathu phambi koqeqesho.
Inyathelo 2) Isikolo masifake ezi koteshini kumququzeleli weGET wesithili. Kuya kwamkelwa eyona koteshini isezantsi ngexabiso.
Inyathelo 3) Umququzeleli weGET makanike inqununu isiqinisekiso ngencwadi ebhaliweyo sokuba inkonzo ingafumaneka ngokungena kwimvumelwano (can be contracted).
Inyathelo 4) Isikolo masenze amalungiselelo okuqesha inkonzo.
Inyathelo 5) Emva kwenkonzo isikolo masihlawule umboneleli-nkonzo yaye sifumane irisithi.
Inyathelo 6) Ukwenzela ukuba sifumane imbuyiselo yemali, isikolo masifake ileta kumphathi osingathe izicelo zamabango echaza ukuba kusetyenziswe umboneleli-nkonzo lowo kuze kudweliswe amagama abakhweli neenkcukacha zomgama ohanjiweyo. Makuqhotyoshelwe iikoteshini, imvume yomququzeleli weGET ne-invoyisi yokugqibela ehlawulweyo.

Onke amaxwebhu makagcinwe njengobungqina bomphicothi-ncwadi wangaphakathi.
I-WCED iya kwenza imbuyiselo yemali kwisikolo KUPHELA sisakuba isikolo sifumene amaxwebhu asayiniweyo, kuqukwa nemvume ngencwadi ebhaliweyo ekhutshwe kwangaphambili (prior) yomququzeleli weGET wesithili.
Ootitshala mabalungiselele ukukhwelisa abantu abaliqela bebathatha kwindawo efikeleleka kumntu wonke.

Usetyenziso lwezithuthi zikawonkewonke, umz. iiteksi, ibhasi okanye uloliwe ukuhamba umgama omfutshane Izicelo zamabango makubhalwe kuzo indawo esisiqalo nesigaba sesiphelo sohambo.
Iinkqubo zembuyiselo yemali ziya kwenziwa ngokwemiyinge emiselweyo.
Kusengacelwa ubungqina (amatikiti) ligosa elisingathe izicelo zamabango ukuze zingqinisiswe ngokusemthethweni.
Akuvumelekile ukwenza izicelo zamabango amaxabiso eeteksi ii-metered taxis).

9. Iindawo zokulala nokutya (oku kusebenza kootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni kuphela)
9.1 Iindawo zokulala nokutya (isidlo sakusasa nesidlo sangokuhlwa) ziya kunikwa kwezo ndawo zoqeqesho , ngokuxhomekeke kule miqathango ilandelayo:

  • Umgama wokuya kwindawo yoqeqesho mawudlule kwi-60 km ukuya kwicala elinye, o.k.t. ibe ngumgama we-120 km ukuya nokubuya.
  • Abantu abayileyo kuqeqesho lonke mabangqinisiswe.
  • Ubhaliso malwenziwe lugqitywe kwangaphambili.
  • Mazifezekiswe ngokupheleleyo iimfuneko ezibhalwe ku-9.3 ngezantsi.
  • Kunokukhethwa kuphela into ibe nye (jonga ingongoma 9.3 ngezantsi) yaye abasayi kwenzelwa mbuyiselo yemali ootitshala ngalo naluphi utshintsho okanye kuba befune enye indawo yokulala (alternative accommodation).
9.2 Indawo yokulala iya kufumaneka ukususela ngomhla wokuqala ukuya kumhla wokugqibela wekhosi yoqeqesho, kukho nokukhetha ukufika (check in) ngo-14:00 nango-17:00 ngosuku olwandulela ukuqala kukamasifundisane
9.3 Ootitshala abakufaneleyo ukufumana indawo yokulala banokubhalisela ENYE yezi zikhethwayo zingezantsi:

Indawo yokulala ehostele Kuya kufumaneka indawo yokulala ehostele e-CTLI simahla kootitshala. Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Ootitshala mababelane ngamagumbi.
  • Ootitshala mabaze nezinto zabo zokulala, iitawuli nezinto zokuthambisa.
  • Ixesha lokufika ngeCawa (nge-02 Julayi 2017) lisusela ngo-14:00 ukuya ku-17:00 kuphela.
Amaziko abhalisiweyo anika inkonzo kwiindwendwe umz. ibhedi nesidlo sakusasa, izindlu zeendwendwe okanye ihotele Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R400 ngosuku kwisidlo sangokuhlwa, kwibhedi nakwisidlo sakusasa.
  • I-invoyisi yentsusa esuka kwiziko elo mayisanwe ngabantu ababini (countersigned), oko kusenziwa ngumenzi-sicelo yaye ingeniswe ngexa lokuqhubeka kwekhosi yoqeqesho.
  • Ayinikwa ngqiniseko intlawulo yezicelo ezineenkcukacha ezingaphelelanga okanye ezifike emva kwexesha.
Indawo yokulala yosapho/yabahlobo Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Kunokwenziwa isicelo sebango ukuya kutsho ku-R260 ngosuku kwisidlo sangokuhlwa, kwibhedi nakwisidlo sakusasa.
  • Isicelo sebango masikhatshwe yi-afidavithi efungelweyo esuka kwisizalwana/kumhlobo ochaphazelekayo, esayinwe ngabantu ababini (countersigned), umenzi-sicelo sebango zifakwe kwikhosi yoqeqesho.
Iimvumelwano zokurenta/zokuqeshisa zabucala Kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:

  • Isikolo siya kujongana namalungiselelo okulala kunye nentlawulo (zonke iindleko zesidlo sangokuhlwa, ibhedi nesidlo sakusasa) yoko.
  • Makulandelwe inkqubo esemthethweni:
  • Inyathelo 1) Isikolo masifake ileta eya kumququzeleli weGET, kwangaphambili, ecela usetyenziso lweziko elirentwayo lokufaka iqela lootitshala. Makunikwe iinkcukacha zendawo yokulala, kuqukwa imvumelwano yokuqeshisa, namagama ootitshala.
    Inyathelo 2) Umququzeleli weGET makanike imvume ngencwadi ebhaliweyo. Akukho malungiselelo anokwenziwa agqitywe ngaphandle koku.
    Inyathelo 3) Isikolo kufuneka sihlawule yaye singenise irisithi kunye namaxwebhu akhaphayo (okuqeshisa nokunika imvume yomququzeleli weGET) kwikhosi yoqeqesho.
  • Isicelo sebango siya kuthathwa njengebhili enye, ehlawulwa isikolo eso.
  • Kuya kuhlawulwa isixa esiphezulu seR250 ngosuku ngalunye kutitshala ngamnye - oku kuquka iindleko zokulala, ezesidlo sangokuhlwa, ezebhedi nezebrakfesi. Isixa kanye esibuyiselweyo siya kuthi, nakuba kunjalo, sixhomekeke kwiindleko ncakasana, ukuya kutsho ubuninzi kuma-R250 ngomntu ngamnye ngosuku. Naziphi iindleko ezingaphezulu kwesi sixa azisayi kuhlawulwa yiWCED.
  • Zonke iirisithi zokutya zentsusa (original), amaphetshana eethili, njl. njl. makafakwe kunye nengcaciso esisishwankathelo.
  • Sonke isicelo sebango masifakwe njengebhili enye kunye neleta enika ingcaciso (covering letter) esuka esikolweni ihamba kunye nawo onke amaxwebhu angengawo awentsusua.

10. Indlela yokufaka isicelo sokwenza ibango
10.1 Bonke ootitshala abanqwenela ukufaka isikhalazo mabazalise le Fom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) iqhotyoshelweyo baze bayifake kwi-ofisi ejongene namabango kwindawo yoqeqesho ngosuku lokuqala loqeqesho. IFom yeeNkcukacha zeBhanki (Bank Details Form) mayifakwe isitampu yibhanki yaye makufakwe ifom eyintsusa (original) kuphela. Ootitshala mabazalise le fom PHAMBI kokuba uqeqesho luqale (oko kukuthi, fika kwindawo yendibano nale fom sele izalisiwe).
10.2 Zonke izicelo zamabango mazikhatshwe ngamaxwebhu ayintsusa. Azisayi kwamkelwa iifeksi okanye iifotokopi.
10.3 Abenzi bezicelo zamabango baya kuhlawulwa imbuyiselo yemali kuphela emva kokugqitywa kwekhosi yoqeqesho yaye ngoko ke kuya kufuneka ukuba bazihlawulele ngokwabo iindleko zabo kwasekuqaleni. Apho kuyimfuneko, kucelwa izikolo zincedise ootitshala ngokuphathelele koku. Makugcinwe ubungqina beentlawulo.
10.4 Iimali zembuyiselo zemali ziya kwenziwa kuphela emva kokuqwalaselwa ngobunono kwezicelo zamabango, yaye iWCED inelungelo lokwenza isigqibo sokugqibela apho kukho ukungangqinelani okanye ukungathotyelwa komgaqo khona.
10.5 Zonke izicelo zamabango mazifakwe kwindawo yoqeqesho apho amagosa aya kufumaneka khona ukunceda abenzi-zicelo zamabango.
10.6 Azisayi kwamkelwa izicelo zamabango ezifika emva kwexesha okanye ezineenkcukacha ezingaphelelanga, ngaphandle kokuba kukho iimeko ezixolelekayo ngokukodwa, yaye imbuyiselo yemali kungenakuqinisekwa (cannot be guaranteed) ngayo

11. Imibuzo

Ukuba unayo nayiphi eminye imibuzo, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomququzeleli weGET wesithili:

ISithili Umququzeleli Ifoni I-imeyili Ifeksi
Metro Central Avrille Morgendal 021 514 6770 Anna.Morgendal@westerncape.gov.za 086 236 1892
Metro East Benjamin Crombie 021 900 7051 Benjamin.Crombi@westerncape.gov.za 086 562 3907
Metro North Malefo Makena 021 938 3104 Malefo.Makena@westerncape.gov.za 021 938 3183
Metro South Lorraine Bailey 021 370 2061 Lorraine.Bailey@westerncape.gov.za 086 764 1912
Cape Winelands Edgar Johannes 023 348 0605 Edgar.Johannes@westerncape.gov.za 086 531 0476
Eden & Central Karoo Marietjie Beukes 044 803 8320 Marietjie.Beukes@westerncape.gov.za 086 673 8499
Overberg James Daniels 028 214 7363 James.Daniels@westerncape.gov.za 028 214 7400
West Coast Ursula Esau 021 860 1569 Ursula.Esau@westerncape.gov.za 086 562 3907

12. Bonke abathathi-nxaxheba mabaphathe amaxwebhu abo e-CAPS e-EMS ukwenzela umasifundisane.

13. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abaziintloko zesifundo se-EMS (subject heads for EMS). Kucelwa uqaphele ukuba ubhaliso luya kuvumeleka kude kube nguLwesihlanu we-19 Meyi 2017.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:04:26

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 38 KB)
"BAS entity maintenance"  (ubukhulu: 26 KB)