1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) lenza iinzame zokujongana nengxaki yokushota kwamanzi exhomisa amehlo neye isanda, iphondo lethu elijongene nayo. Amadami ethu amakhulu aye esoma.
2. U-El Nino no-La Nina ziziganeko ezinefuthe lokwenza kube shushu kwanokuba kuphole kuLwandle lwePasifikhi lwaseMpuma yaye zichaphazela ukuna kwemvula. UMzantsi Afrika kungokunje usanda kubuyela kwimeko yesiqhelo emva kwefuthe lika-El Nino elibangele imbalela ethe yatshabalalisa iindawo ezininzi kweli lizwe, neshiye amafama nelahleko ezizigidi zeerandi.
3. Iingxelo zichaza ukuba incinane imvula ene kulo nyaka uphelileyo kunamanye amaxesha kule minyaka iyi-112 idlulileyo. Kuya kuthatha phakathi kweminyaka emithathu ukuya kwemine ukuze amadami azale abe kumaqondo okuzala awamkelekileyo.
4. Sicela zonke izikolo zethu, abafundi nabahlali bathathe inxaxheba kwimisebenzi elungelelaniswe nekharityhulam kwizifundo ngokubanzi, besebenzisana ukwenzela ukukhusela isibonelelo esibubutyebi bendalo esingamanzi esixabisekileyo nesisinika ubomi. Masizifezekise iimfuno zethuba elizayo zokulondolozwa kwamanzi, ulawulo lwemfuno yamanzi nengqiniseko yokufumana ukutya (food security).
5. Ukufezekisa le njongo yokuphucula ulwazi lwabafundi ngengxaki yokushota kwamanzi eya ixhomisa amehlo, nokukhuthaza ukuzibandakanya kwabahlali kwimiba yasekuhlaleni ezisa iinguqu, iSebe iWCED lifuna ukukhuthaza zonke izikolo zisebenzise ezi zikhokelo kucetyiswayo ngazo nokuba kuvunyelwe ootitshala nabafundi baziphonononge izicwangciso zongenelelo ngoncedo eziza nezinto ezintsha.
6. Isihlomelo sinika izikhokelo sezifundo ezahlukileyo. Sicela ukuba zonke izikolo zizibandakanye ezi zikhokelo kwikharityhulam efundiswayo.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bezifundo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:30

Bylae: "Awareness of critical water shortage"  (ubukhulu: 60 KB)