Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20170126-7695
13/7/1/2
IMIBUZO:   W Mercuur    IFONI:   021 467 2630  IFEKSI:   021 467 2258

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEFET:  DCF 0008/2017


IYA:   

KUBALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEIMG, KUBACEBISI NGEZIFUNDO, KWIINQUNUNU, KWIINTLOKO ZAMACANDELO EZEMBALI, KWIINTLOKO ZAMACANDELO EZEMBALI NAKOOTITSHALA BEZEMBALI BEBAKALA 12


 

ISIKHOKELO SOVIWO SEHISTORY SEBAKALA 12 SIKA-2017-2019: IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE (NSC)


1. Kwacelwa iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke kwiSetyhula E3 ka-2017 ukuba uthathele ingqalelo isikhokelo soviwo seHistory seBakala 12 sika-2017-2019.
2. Isikhokelo i-2017 History Examination Guidelines sithatha indawo yesikhokelo soviwo sika-2014.
3. Iinkalo ekugxininiswa kuzo kwikhontenti yeHistory zitshintsha qho ngeminyaka emithathu ukuqinisekisa ukuba kufundiswa zonke izihloko ezikhankanywe kwiiNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements) (CAPS)).
4. Makubhekiswe imibuzo ngesikhokelo i-History Examination Guidelines ka-2017 kuNks B Tobin nge-imeyili: Bridget.Tobin@westerncape.gov.za okanye ngefoni 021 467 2251
5. Abafundi abaya kubhala uviwo lweHistory ngoJuni 2017 kwizifundo ezithile kunyaka omiyo ezinye kunyaka olandelayo ngokwenkqubo i-Modulated Examination Option baya kuvavanywa kwikhontenti ka-2014-2016.
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beHistory beBakala 12 abasesikolweni ukuze bakuthathele ingqalelo.
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:30


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"2017 Grade 12 History Examination Guidelines"  (ubukhulu: 76 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe