Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20170117-7342
12/2/11/1
IMIBUZO:   CJ Banda    IFONI:   021 467 2632  IFEKSI:   021 467 2258

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEFET:  DCF 0006/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, KUBACEBISI BEZIFUNDO, KWIINTLOKO ZAMAZIKO ANABAFUNDI BAMABAKALA 10 UKUYA KU-12, KWIINTLOKO ZEZIFUNDO ZESI-AFRIKANSI NAKOOTITSHALA BESI-AFRIKANSI BAMABAKALA 10 UKUYA KU-12


 

ISIMPOZIYAM YE-LOK KA-2017 YOOTITSHALA BESI-AFRIKANSI ULWIMI LWEENKOBE NABESI-AFRIKANSI ULWIMI LOKUQALA NOLWIMI LWESIBINI OLONGEZELELWEYO (BAMABAKALA 10 – 12)


1. I-Letterkundeondersteuningkomitee (LOK) imema bonke ootitshala besi-Afrikansi bamaBakala 10, 11 no-12 ukuba beze kwiSimpoziyam ka-2017 eya kubanjwa ngoLwesihlanu we-17 Februwari 2017 ukususela ngo-15:00 ukuya ku-19:00 nangoMgqibelo we-18 Februwari 2017 ukususela ngo-08 :00 ukuya ku-14 :30 eStellenbosch University eStellenbosch.
2. Le simpoziyam iza kubanjwa kulo nyaka iya kuba yisimpoziyam yeLOK yamashumi amabini. Eyona njongo iphambili yale simpoziyam kukunika inkxaso ukufundiswa koncwadi kodwa kuya kugxininiswa nakwezinye iinkalo zezifundo ezifana nokubhala negrama.
3. Iprogram yesimpoziyam iya kufumaneka kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) phantsi ko-Curriculum Development, http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za nge-23 Januwari 2017. Klikha ku-"FET: Further Education and Training"; ukhethe u-"Languages" kwi-drop-down menu; emva koko ukhethe u-"Afrikaans"; uze uklikhe ku-"Downloads"; ukhethe u- "Onderwysbronne".
4. Intlawulo yokubhalisela iSimpoziyam ka-2017 yi-R150,00 kootitshala ukuze ibe yi-R100,00 kubafundi abasisigxina. Abantu abanomdla bangayidipozitha le mali kwi-akhawunti yetshekhi ye-LOK eyi-Nedbank cheque account, kule nombolo ye-akhawunti: 1089131240. Iitshekhi mazenziwe zibe zezihlawulwa kwi-LOK. Kucelwa usebenzise esi shunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso (reference) xa uhlawula intlawulo yokubhalisa yakho. Abacebisi bezifundo besi-Afrikansi ne-Department of Afrikaans and Nederlands e-University of Western Cape, baya kuthwala uxanduva lwamalungiselelo olawulo nokuya kuqhubeka kule Simpoziyam.
5. Abathathi-nxaxheba banokubhalisa kwikhompyutha (online) ngokulandela le linki ilandelayo: https://goo.gl/forms/DAairsqHFqgoahHA2 baze bazalise ifom eyi-Google form, okanye banokuzalisa esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo baze basithumele ngefeksi. Amaxwebhu abubungqina bentlawulo mawathunyelwe ngefeksi nawo ku-Nks Janine Pekeur we-University of Western Cape kule nombolo yefeksi 021 959 1249 ungadlulanga owe-03 Februwari 2017. Kunokuqhagamshelwana noNks Pekeur kule nombolo yefoni 021 959 2112 okanye nge-imeyili apha lokfeb2015@gmail.com. Niyakhunjuzwa kwakhona ukuba nisebenzise esi shunqulelo "LOK" negama lesikolo esichaphazelekayo njengesalathiso.
6. Ootitshala abahamba umgama we-50km okanye ngaphezulu (uhambo lokuya okanye olokubuya kuphela) kwisimpoziyam baya kubuyiselwa ngeehambo zabo ngokweentlawulo neenkqubo zeSebe iWCED. (Makufundwe iziHlomelo B - D malunga neefom zokwenza amabango. Bonke ootitshala abafuna ukufaka amabango eendleko zohambo bayacelwa ukuba bazalise ifom yeBAS (isiHlomelo D) ebhankini. Banokwenza ibango lesithuthi esinye ngesikolo ngasinye kuphela ngohambo.
7. Ukunceda abaququzeleli beSimpoziyam ye-LOK, bayacelwa ootitshala ukuba babambelele kule mihla yobhaliso ibekiweyo. Akuyi kwamkelwa zicelo zifike emva kwexesha.
8. Kucelwa wazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:19


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat Reader® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat Reader® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: "Registration form - LOK-symposium 2017"  (ubukhulu: 26 KB)
IsiHlomelo B: "S&T Claim form"  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo C: "Claim in respect of official journeys undertaken by privately owned motor transport"  (ubukhulu: 52 KB)
IsiHlomelo D: "BAS entity maintenance"  (ubukhulu: 14 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe