1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) liqhuba izifundo ezisasazwa kwiqonga eliyi-interactive telematics platform (izifundo ezisasazwa ngesathelayithi yethekhnoloji (via satellite technology) ngethuba lango-Februwari ukuya kuNovemba 2017.

2. Kule minyaka imbalwa idlulileyo ezi zifundo bezijolise kubafundi beBakala 12 yaye ke ngoko kuye kwaveliswa iziko ledatha elinengcaciso ebanzi nenexabiso (extensive database) kwizifundo ezithile ezinekhontenti yeBakala 12.

3. Apha ku-2017 kuya kugxininiswa kwiBakala 10 no-11, ngoko ke makufundwe umhlathi 7 apha ngezantsi.

4. Ukusasazwa kwezifundo ngo-2017 nakuba kunjalo kuya kubandakanya ikhontenti yeBakala 12 kwizifundo ezithile, ekuzezi: IsiNgesi uLwimi lweeNkobe (English Home Language (HL)), isiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (English First Additional Language (FAL)), Isi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe (Afrikaans Home Language (HL)) nesi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (Afrikaans First Additional Language (FAL)) ne-History.

5. Ukongeza apho kuya kwenziwa iiseshoni ezongezelelweyo zokuphuhliswa kwesakhono sokufundisa (professional development sessions) sootitshala bolwimi lwesiNgesi nolwe-Afrikansi.

6. Kuba ithayimthebhile iquka iqela lezifundo namabakala awahlukileyo, kubalulekile ukuba ootitshala nabafundi balandele ithayimthebhile ngononophelo olugqithisileyo.

7. Kuya kwenziwa ezi zifundo zilandelayo:

  • English FAL (Grade 12)
  • English HL (Grade 12)
  • Physical Sciences (Grade 10 & 11)
  • Accounting (Grade 10 & 11)
  • Geography (Grade 10 & 11)
  • Afrikaans HL (Grade 12)
  • History (Grade 12)
  • Life Sciences (Grade 11)
  • Business Studies (Grade 10 & 11)
  • Mathematics (Grade 10 & 11)
8. Esi siHlomelo A siqhotyoshelweyo sinethayimthebhili yezifundo nezihloko.

9. Izihloko zezifundo ziya kuprintwa kwiincwadana zabafundi (learner booklets) eziya kunikwa umfundi ngamnye kwisifundo ngasinye kwizifundo ezisixhenxe. Iinqununu mazibuze kumququzeleli we-FET kwizithili zazo ukuba iincwadana zeBakala 11 ukuba azikaziswa ezikolweni zazo engadlulanga uLwesithathu we-01 Februwari 2017. Iincwadana zeBakala 10 neBakala 12 ziya kusiwa ngomhla osemva kwalo kwikota yesikolo yokuqala.

10. Abenzi-nkcazo (presenters) ngootitshala abakhokelayo (lead teachers) abakhethwe ngokobuchule babo kwizifundo zabo.

11. Kuba izifundo ziqhutywa apha evekini emva kweeyure zesikolo (after school hours), kubalulekile ukuba iinqununu zixoxe ngamalungiselelo nabazali babafundi namabhunga olawulo azo.

12. Ukubakho kwabafundi kuya kubekwa esweni rhoqo ngamagosa akwandlunkulu nawezithili.

13. Kuya kulindeleka ukuba iinqununu zinike ingxelo qho ngekota engokubakho kwabafundi kwizifundo, kwakunye nangemiba ebeyimpumelelo okanye ebeyingxaki ngale program.

14. Ngo-2016 kwaqhutywa iprojekthi elingwayo (pilot project) kwizikolo ezilishumi apho izifundo zasasazwa ku-intanethi ngezixhobo zethekhnoloji (beamed via live streaming). Oku kube nako ukwenzeka ngenxa yokuba kukho inkonzo ye-intanethi yonxibelelwano eyi-broadband internet service kwizikolo zeSebe iWCED. Izikolo ezingenayo ithekhnoloji yesathelayithi (satellite technology) kodwa ezinako ukufikelela kwinkonzo yonxibelelwano nge-intanethi (broadband internet service), ziyakhuthazwa ukuba zilisebenzise elithuba lihle lokufundiswa mahala ngale nkqubo igqwesileyo. Ezi zifundo zisasazwayo nekhontenti efundiswayo ehamba nazo kunokufikelelwa kuyo ngokungena apha: http://wced.school.za/documents/Telematics/telematics.html. Izikolo ezinqwenela ukubukela ezi zifundo ziqhutywa ku-intanethi (live streaming lessons) mazibhalise ngokuzalisa le fom ka-google apha: https://goo.gl/forms/027fKIZJRltwlUoq1 ungadlulanga owe-23 Januwari 2017.

15. Ukuba unemibuzo nokuba yeyiphi na ngeli phulo, uyacelwa uqhagamshelane no-Dr G Schreuder kule nombolo yefoni: 021 467 2567 okanye nge-imeyili apha: Glynis.Schreuder@westerncape.gov.za.

16. Abaviwa ababhala iiMviwo zokuXabangela zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate) banokuthenga izifundo zenkxaso kwi-DVD ngexabiso elincinane kwiSebe iWCED ngokufonela u-Edumedia kule nombolo yefoni. 021 689 9536. Makujongwe le khathalogu iqhotyoshelwe njengesiHlomelo B.

17. Ziyacelwa iinqununu zazise ngokuqulethwe kule ngcaciso imfutshane abasebenzi abachaphazelekayo, abafundi bamaBakala 10, 11 no-12 nabazali nabagcini babo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:18

IsiHlomelo A: "Telematics schedule for 2017"  (ubukhulu: 70 KB)
IsiHlomelo B: "Telematics Order form"  (ubukhulu: 118 KB)