1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilungise incwadana ethi, Tips for Success, ukwenzela abafundi ngabanye beSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ukubanceda kumalungiselelo abo oviwo. Le ncwadana inika iingcebiso ngokufunda, iingcebiso ngeemviwo, iingcebiso ngokuphumelela kwanenye ingcaciso eluncedo.
2. Le ncwadana mayinikwe umfundi ngamnye weBakala 12 ngoJanuwari 2017.
3. Ukongezelela kwiincwadana ezenzelwe abafundi, kuya kufakwa iincwadana ezongezelelweyo zikatitshala ngamnye weBakala 12. Ezi ncwadana ziya kuziswa ezikolweni ngamagosa ezithili kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ungadlulanga owe-25 Januwari 2017.
4. Ukuba kuthe kanti inani leencwadana eziziswe esikolweni alichanekanga, kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili sakho. Iincwadana ezingaphezu kwemfuneko mazibuyiselwe kwi-ofisi yesithili.
5. Khon’ ukuze ezi ncwadana zibe nesiphumo esinqwenelekayo sokuncedisa abafundi kumalungiselelo abo eemviwo, kucetyiswa kakhulu ukuba ootitshala baxoxe ngokuqulethwe yile ncwadana neeklasi zabo zeBakala 12 yaye bakhuthaze abafundi ukuba bayifunde le ncwadana.
6. Amaphepha emibuzo eemviwo zeNSC zexesha elidlulileyo neememorandam zokumakisha zinokufunyanwa apha http://wced.school.za.
7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:18