ISALANTHISO: | 20170110-7136 12/2/13/P |
 | IMIBUZO: | JV Bronkhorst | IFONI: | 021 467 2564 | IFEKSI: | 021 467 2258 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOPHUHLISO KWEKHARITYHULAM YEFET: DCF 0001/2017 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI BEZIFUNDO, KWIINQUNUNU NAKOOSIHLALO BAMABHUNGA OLAWULO |
| UQEQESHO LOKUXHOTYISWA NGEZAKHONO ZEPRAKTHIKHALI NOQHELISO LWEENKCAZO YOMGAQO-NKQUBO WEKHARITYHULAM NOVAVANYO (CURRICULUM AND ASSESSMENT POLICY STATEMENT) (CAPS)) LUTITSHALA BEZIFUNDO ZOBUGCISA NGETHUBA LEEHOLIDE ZESIKOLO ZANGOMATSHI, NGOJUNI NANGOSEPTEMBA 2017 |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lalicelwe liSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke ukuba lazise zonke izikolo ezifundisa izifundo zobugcisa kwiPhondo leNtshona Koloni ngokuqaliswa kwezifundo ezigxininisa kubugcisa (technical specialisation subjects) kuqukwa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences, zezikolo zobugcisa. |
2. |
Zonke izikolo zazisiwe ngeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam yeFET DCF 0005/2015 ngomhla wokuqaliswa kwenkqubo leyo. |
3. |
Impumelelo yokuqaliswa kwezifundo zobugcisa ezitsha, kuqukwa i-Technical Mathematics kunye ne-Technical Sciences, ixhomekeke ekuqeshweni kwabasebenzi abanezakhono ezifunekayo kunye nolwazi lwekhontenti. |
4. |
Ngoko ke kuyimfuneko ukuba kuqeqeshwe utitshala abaya kufundisa izifundo zobugcisa ezitsha. ISebe iWCED lityumbe amaziko axhotyiswe ngokukuko akufaneleyo ukuqhuba uqeqesho lwaba titshala. |
5. |
Kubalulekile ngoko ke ukuba basebenzisane bonke utitshala abasuka kwizikolo zobugcisa ukuqinisekisa ukuba utitshala abafundisa i-Civil, Electrical ne-Mechanical Technology, ne-Technical Sciences, bayaya kwiiseshoni ezimbini zoqeqesho lweentsuku ezintlanu ukususela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngethuba leeholide zesikolo zikaJuni nezikaSeptemba ka-2017. |
6. |
Utitshala abatyunjelwe ukufundisa i-Technical Mathematics bamele ukuya kwiseshoni yoqeqesho lweentsuku ezintlanu ukususela ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngethuba leeholide zesikolo zangoMatshi nangoJuni ngo-2017. Iya kuba yaziswe kwakamsinya imihla neendawo ezichanekileyo. |
7. |
Izifundo ezigxininisa kubugcisa ze-CAPS, i-Technical Mathematics ne-Technical Sciences zaqaliswa kwiBakala 10 ngo-2016. Ezi zifundo ziya kuqaliswa kwiBakala 11 ngo-2017 nakwiBakala 12 ngo-2018. Ngoko ke, uqheliso noqeqesho lokuxhotyiswa ngezakhono kutitshala beBakala 12 maluqhubeke ngo-2017. |
8. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke utitshala esikolweni sakho ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:16
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |