1. I-De Beers English Olympiad lukhuphiswano olutsala ngaphezu kwe-8 000 yabafundi abangenela ukhuphiswano kunyaka ngamnye kuMzantsi Afrika jikelele nakumazwe angabamelwane. Ukhuphiswano luququzelelwa yi-Grahamstown Foundation ne-South African Council for English Education, zibambisene.

2. Iinjongo eziphambili ze-De Beers English Olympiad zezi zilandelayo:

  • ukutyebisa amava abafundi ngokufunda isiNgesi, nokubakhuthaza ukuba basiphicothe ngaphezu kwezo nkalo zifikelelwa yisilabhasi yesikolo;
  • ukukhuthaza ukucinga kwabafundi ngokuphangaleleyo nesakhono sabo sokubhala lo gama bonwabele imingeni yokululungiselela nokubhala uviwo;
  • ukukhuthaza ulwimi lwesiNgesi nokudala umdla wokuba lufundwe ngabafundi abathetha isiNgesi njengolwimi lokuqala nanjengolwimi lwesibini;
  • ukwandisa ukuthatha inxaxheba kwabaviwa bezikolo ebezikade zihlelelekile kwithuba elingaphambili; kunye
  • nokubonelela nokuvula amathuba okufunda kubafundi abanomdla nabangenako ukubhatala imali yokungenela ukhuphiswano, ngokubonelelwa ngeebhasari.
3. Ukhuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi kumaBakala 10, 11 no-12 kunyaka uviwo olubhalwa ngawo. Abafundi abangenela ukhuphiswano mababhaliswe zizikolo kuphela. Njengoko uviwo lusekelwe kwi-open-book system, oko kukuthi ukuphendula imibuzo yoviwo kusetyenziswa izibonelelo, wonke umviwa ufumana ingqokelela yokubhaliweyo (anthology) nesikhokelo sokufunda (study guide), ezidityaniswe kwintlawulo yokungenela ukhuphiswano eyi-R125,00.

4. Umxholo we-English Olympiad yango-2018 uthi-"War and Peace", yaye ingqokelela yokubhaliweyo (anthology) ithi "We Will Remember Them". Kulo nyaka, ingqokelela yokubhaliweyo yimibongo ekhethiweyo emalunga namaxesha eemfazwe necandelo lolwimi eligxininisa kulwimi olukhuthaza iimpembelelo okanye iimbono ezithile.

5. Ukungenela ukhuphiswano lwe-English Olympiad lwango-2018, khuphela le linki: 2018 Call for Entries UZE ukope 2018 Entry Form, okanye uqhagamshelane neGosa le-Olimpiyadi (Olympiad Officer) ukufumana ifom: Call for Entries and Entry Form nge-imeyili (Inguqulelo ye-MS Word version yeFom yokuNgenela (Entry Form) iyafumaneka xa iceliwe.

Amaxesha ase-ofisini:
NgoMvulo ukuya kulwesiHlanu: 08:00 – 16H30


6. Ifomathi yoviwo

Kufuneka abaviwa balungiselele uviwo lweeyure ezintathu, besebenzisa izibonelelo zokufunda (open-book examination). Abaviwa banokusebenzisa ingqokelela yokubhaliweyo (anthology) ngethuba loviwo, nebangela ukuba babe neempendulo ezibonisa ubuchule ngokungaphezulu. Banokukhetha phakathi koLwimi lweeNkobe (Home Language (HL)) noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (First Additional Language (FAL)). Uviwo lwe-FAL lusekelwe kwakuloo ngqokelela ifanayo nomxholo kanye okoviwo lwe-HL, kodwa inganeno imathiriyeli yokufunda. Ayilo phepha lilula noko, kodwa kuya kubakho imibuzo ekukhethiswa phakathi kwayo embalwa yaye kuya kusetyenziswa ulwimi olulula noko kweminye imibuzo. Ziyakhuthazwa zonke izikolo ukuba zibhalise abaviwa bazo ukungenela ukubhala uviwo lweHL. Nakuba kunjalo, abaviwa banokukhetha ukubhala uviwo lwe-FAL, kodwa ukuba babhalisile esikolweni sabo kwisiNgesi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (English FAL) njengesifundo se-Further Education and Training (FET). Ootitshala mabaxele ngokucacileyo kwifom yokungenela ukuba ngaba abaviwa babo babhala uviwo lwe-HL okanye olwe-FAL na. Ukuba akuxelwanga ukuba luviwo lwe-FAL olubhalwayo, kuya kuthathwa ngokuba abaviwa baya kubhala uviwo lwe-HL.

7. I-De Beers English Olympiad iya kubhalwa esikolweni ngoLwesibini we-06 Matshi 2018. Izikolo zinokuqala nangaliphi na ithuba phakathi ko-11:00 no-14:00 ngosuku loviwo, ngokuxhomekeke ekubeni bonke abaviwa bavunyelwe ukuba babhale iiyure ezintathu. Uyacelwa uqaphele ukuba ngenxa yezizathu zokubhalwa koviwo kwanangenxa yezizathu zokhuseleko, akunakwenzeka ukuba izikolo zivunyelwe ukuba zibhale uviwo ngemihla eyahlukileyo. Ziyacelwa izikolo ukuba ziqinisekise ukuba iinkcukacha zomhla nexesha loviwo ziyafakwa kwikhalenda zazo zango-2018. Makuqinisekiswe nokuba abaviwa baya kubanako ukubhala ngolu suku. Umhla woviwo uya kumiselwa lelo xesha lifunekayo lokuhlalutya iziphumo ukwenzela ukuba bamenywe abaviwa abayi-15 abaphume emagqabini ukuza kuMbhiyozo weZikolo kaZwelonke (National Schools Festival) ngoJulayi ka 2018.

8. Amabhaso ka-2018 aquka:

  • BONKE ABAVIWA abagqiba i-English Olympiad ngokwanelisayo ukuqinisekisa ukuvavanywa kwabo, bafumana isatifikethi esibonisa ukuhlelwa kwamanqanaba okuhlolwa koviwo lwabo angala: (IGolide, iSiliva, iBronzi, iMerithi okanye Uthatho-nxaxheba). Abaviwa abangaligqibiyo iphepha, okanye abo baneempendulo ezinganelisiyo abayi kufumana satifikethi.
  • Abaviwa aba-3 abagqwesileyo kwi-HL baya kufumana la mabhaso ayimali eninzi alandelayo:
    Kwindawo yokuqala: yi-R33 000, kwindawo yesibini: yi-R30 000 ukuze kwindawo yesithathu: ibe yi-R27 000. La mabhaso andisa amathuba amahle okuba abo bawinileyo baqhubeke ngokufunda okanye bathathe iihambo.
  • Abaviwa abayi-10 abagqwesileyo be-FAL baya kufumana amabhaso ayimali kunye/okanye iincwadi, okanye iivawutsha zeencwadi.
  • I-Rhodes University Scholarships - abaviwa abayi-42 abagqwesileyo kwi-HL nabayi-8 abagqwesileyo kwi-FAL baya kufumana amabhaso ayimali yokufunda mahala (free tuition scholarships) kunyaka wabo wokuqala kuyo nayiphi na ikhosi efundwa e-Rhodes University kwangoko bakuba begqibe uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate), ngokuxhomekeke ekubeni bazifezekisile iimfuno ezimiselweyo zokwamkelwa eyunivesithi.
9. Bonke abaviwa be-HL nabe-FAL, mabafunde ingqokelela yokubhaliweyo ukulungiselela uviwo. Uviwo luka-2018 luya kuba namacandelo amathathu:

  • ICandelo A: isincoko (50 amanqaku)
  • ICandelo B: Imihlathana yengcaciso yokuthile neyobuchule bokubhala (transactional/creative texts) (20 amanqaku)
  • ICandelo C: imibuzo ekwicandelo lokusetyenziswa kolwimi (30 amanqaku)

Umviwa ngamnye ufumana ikopi yengqokelela yokubhaliweyo, kunye nesikhokelo sesifundo (study guide) neziyinxalenye yentlawulo yokungenela ukhuphiswano.


10. UMHLA WOKUVALA nguLwesihlanu we-27 Oktobha 2017 yaye iindleko zokungenela yi-R125.00.

11. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa ungene kwiziko lewebhhu i-De Beers English Olympiad website apha: http://www.saenglisholympiad.org.za

12. Singathanda ukukhuthaza zonke izikolo zithathe eli thuba lokuthatha inxaxheba kolu khuphiswano lubangela umdla.

13. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:10:10