1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lizimisele ukunika abafundi inkxaso ekumgangatho ophezulu kwimfundo emalunga nokukhetha amakhondo emisebenzi ukwenzela ukuba abafundi babe nesakhono sokukwazi ukwenza izigqibo benolwazi ngamakhondo emisebenzi yabo exesha elizayo nokuba babe nengqiniseko yokufumana umsebenzi osisigxina.
2. Ukuphumeza le njongo, iSebe iWCED lithenge i-Careers Matter Supplement njengesibonelelo sokuncedisa ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation) kumsebenzi wabo njengabaququzeleli kwinkqubo yophuhliso lwezakhono ukwenzela amakhondo omsebenzi kusetyenziswa inkqubo yemfundo emiselweyo kumaBakala 10 - 12.
3. Eli phetshana liyisaplimenti linika ingcaciso yokwenziwa kwezigqibo, ukuzazi ubuqu, amakhondo emisebenzi ahluka-hlukeneyo, izakhono zobugcisa noqeqeshelomsebenzi (technical and vocational skills), abasebenzi bezobugcisa (artisans), amacandelo ezoqoqosho angundoqo, ezoshishino (entrepreneurship), izakhono ezinqabileyo, inkxaso-mali yezifundo, iibhasari, amaziko emfundo ephakamileyo kunye nezinto eziqhubekayo ngoku kuphuhliso lwezakhono ukwenzela amakhondo emisebenzi. Zonke ezi ngongoma zizihlokwana ezifumaneka phantsi kwesihloko, i-Careers and Career Choices, kumgaqo-nkqubo i-Life Orientation Curriculum Assessment Policy Statement (CAPS), kumaBakala 10 - 12.
4. Isikolo ngasinye siya kufumana iikopi eziyi-50 ze-Careers Matter eziya kuthunyelwa ezikolweni ngekhuriya. Bayacelwa ootitshala bazisebenzise ezi-supplements, baxoxe ngokuqulethwe zizo nabafundi bamaBakala 12 ukwenzela ukuba abafundi babe nesakhono sokukwazi ukwenza izigqibo benolwazi ngamakhondo enisebenzi.
5. Ngaphezu koko, izikolo ziya kufumana iikopi zencwadana ebizwa i-Grade 12 revision booklet yezifundo ezichaziweyo ukunika inkxaso kwimigudu yabafundi yokugqibela "yokuqulela iimviwo" ngenjongo yokufumana iziphumo ezigqwesileyo kwiphondo. Le ncwadana inemathiriyeli eluncedo emayisetyenziselwe iinjongo zohlaziyo.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bezifundo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:08:17