1. Le ingcaciso emfutshane ichaphazela ukuqaliswa kokufundwa koncwadi olumiselweyo lweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) zeBakala 12 zango-Oktobha/Novemba 2017 kunye neemviwo zangoFebruwari/Matshi 2018 mayifundwe kunye neSetyhula S4 ka-2008 yowe-08 Meyi 2008; iSetyhula S13 ka-2013 yowe-02 Disemba 2013; iSetyhula S15 ka-2014 yowe-12 Novemba 2014 kwakunye neSetyhula S4 2016 yowe-28 Oktobha 2016.

2. Emva kokukhutshwa kwekhathalogu yokuqala i-Grade 10-12 Literature Catalogue ngo-2015, kwaye kwaqatshelwa ukuba ezinye iilwimi azinazo iimathiriyeli zokufunda ezintsha kuzo zonke iintlobo zoncwadi njengoko kufunekayo. I-DBE yaqalisa emva koko ngenkqubo yokuskrina eqhubeke ngo-2016, ngenjongo yokuvala izikhewu. Nakuba kunjalo, inkqubo yokuskrina ka-2016 ibingekabi nako ukuqwalasela iimathiriyeli ezifanelekileyo zokuvala izikhewu njengoko injongo yayikukwenjenjalo kwasekuqaleni.

3. Emva kokuthetha-thethana nabo bonke abathathi-nxaxheba, nangesizathu sokuba kungekho mathiriyeli zintsha kwezinye zezihloko ezifunekayo, iSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (Department of Basic Education (DBE)) ligqibe ekubeni limisele la manyathelo exesha lenguqu alandelayo:

IiLwimi zeNkobe zaseBurhulumenteni (Home Languages) (HL) kunye neeLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo (First Additional Languages) (FAL)

  1. Kwimeko apho i-Literature Catalogue ka-2015 inika uluhlu olupheleleyo lohlobo loncwadi oluthile, izihloko ezitsha ziya kuqalisa ukusetyenziswa ngo-2017 njengoko kucwangcisiweyo. Umzekelo, uLwimi lweeNkobe lwesiNgesi (English Home Language) lunoluhlu olupheleleyo lweenoveli ezimbini ezintsha (eziphantsi kodidi lwe-classic kunye nodidi lwe-contemporary). Oku kuthetha ukuba kuya kufundwa iinoveli zibe mbini ezintsha ngo-2017, yaye kusetwe kuzo iphepha lemibuzo loncwadi kuviwo luka-Oktobha/Novemba 2017 nakwiphepha lemibuzo loncwadi kuviwo lukaFebruwari/Matshi lweNSC ngo-2018.
  2. Kwimeko apho i-Literature Catalogue ka-2015 inganiki luhlu lupheleleyo lwezihloko kuhlobo loncwadi oluthile, izihloko ezingekhoyo makufakwe endaweni yazo izihloko ezisuka kwiSetyhula S4 ka-2008. Umzekelo, kwimeko yoLwimi lweeNkobe makufakwe idrama ibe nye kuphela endaweni yezimbini, abafundi baya kukhetha phakathi kokufunda idrama entsha okanye bakhethe ibe nye esuka kuluhlu olucatshulwe kwiSetyhula S4 ka-2008.
  3. Kwimeko apho kungekho zihloko zitsha zikhoyo zohlobo loncwadi oluthile kwi-Literature Catalogue ka-2015, izihloko ezicatshulwe kwiSetyhula S4 ka-2008, ziya kufundwa yaye zivavanywe kwiimviwo zeNSC zikaOktobha/Novemba 2017 nakwiimviwo zeNSC zangoFebruwari/Matshi 2018.
4. Kubaluleke kakhulu ukuqaphela ukuba kumiselwe isihobe (poetry anthology) soLwimi lweeNkobe kunye nesoLwimi lokuQala oloNgezelelweyo ngalunye. Ukuba inqanaba lolwimi olo lunengqokelela entsha (new anthology) yemibongo, iphepha lemibuzo loviwo lweNSC luka-Oktobha/Novemba 2017 nangoFebruwari/Matshi 2018 luya kuqulatha imibongo ekhethwe isuka kwingqokelela yesihobe entsha.

5. Ngokufanayo, kwimeko apho i-Literature Catalogue ka-2015 inganiki ngqokelela zemibongo ezintsha, umzekelo, i-FAL yesiZulu, neyingqokelela ecatshulwe kwiSetyhula S4 ka-2008, iya kufundwa yaye ivavanywe kwiimviwo zeNSC zika-Oktobha/Novemba 2017 nakwiimviwo zangoFebruwari/Matshi 2018.

6. Ngokufanayo nakwisihobe, inye kuphela ingqokelela yamabalana amafutshane emiselwe uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo lwaseburhulumenteni. Ukuba inqanaba lolwimi olo inengqokelela entsha, iimviwo zika-Oktobha/Novemba 2017 neemviwo zangoFebruwari/Matshi ziya kusetwa kumabalana amafutshane akhethwe kwi-Literature Catalogue ka-2015.

7. Kwimeko apho i-Literature Catalogue ka-2015 inganiki ngqokelela yamabalana amafutshane, umzekelo, i-FAL yesiXhosa, eyingqokelela ecatshulwe kwiSetyhula S4 ka-2008, iya kufundwa yaye ivavanywe kwiimviwo zeNSC zika-Oktobha/Novemba 2017 nakwiimviwo zangoFebruwari/Matshi 2018.

8. Isikhokelo esinikwe kwiSetyhula S15 ka-2014 ngokuphathelele kuNcwadi lweMveli (Folklore) (eyesithoba i-HL yaseburhulumenteni yoLwimi lwesiNtu) sisasebenza kwiimviwo zeNSC zika-Oktobha/Novemba 2017 nakwiimviwo zangoFebruwari/Matshi 2018.

9. Fumana apha kuqhotyoshelwe isiHlomelo A (ikhasi 1-5) uluhlu lwezihloko zeeNoveli eziya kufundwa ngo-2017 kuLwimi lweeNkobe lwaseburhulumenteni nakuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo ngalunye.

10. IsiHlomelo B (ikhasi 6-10) siqulathe uluhlu lwezihloko zeDrama eziya kufundwa ngo-2017 kuLwimi lweeNkobe lwaseburhulumenteni nakuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo.

11. IsiHlomelo C (ikhasi 11-23) siqulathe uluhlu lwezihloko zemiBongo eya kufundwa ngo-2017 kuLwimi lweeNkobe lwaseburhulumenteni nakuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo ngalunye.

12. IsiHlomelo D (ikhasi 24-30) siqulathe uluhlu lwezihloko zamaBalana amaFutshane eziya kufundwa ngo-2017 kuLwimi lweeNkobe lwaseburhulumenteni nakuLwimi lokuQala oloNgezelelweyo ngalunye.

13. IsiHlomelo E (ikhasi 31-40) sidwelisa izihloko zoNcwadi lweMveli oluya kufundwa ngo-2017 kuLwimi lweeNkobe lwesiNtu lwaseburhulumenteni ngalunye.

14. IsiHlomelo F (ikhasi 41-43) siqulathe uluhlu lwezikolo zeeLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo.

IiLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo zaseBurhulumenteni (SAL)


15. Lo gama iiNkcazelo zoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statements (CAPS)) imisela ukuqalisa ukusetyenziswa kweentlobo zoncwadi ezine, ezizezi, isihobe, inoveli, idrama kunye namabalana amafutshane, kwiPhepha lokuQala le-SAL, inkqubo yokukhetha izihloko ayikwazanga ukukhetha uluhlu olupheleleyo lwezihloko ezifanelekileyo kwii-SAL ezininzi.

16. Ngenxa yesi sizathu, iiLwimi zeSibini ezoNgezelelweyo (Second Additional Languages (SALs)) ziya kunika izihloko ezifumanekayo kwi-Literature Catalogue ukulungiselela iimviwo zika-Oktobha/Novemba 2017 neemviwo zeNSC zangoFebruwari/Matshi 2018. Kwimeko apho kungekho zihloko zitsha, ii-SAL ezichaphazelekayo ziya kuqhubeka ngokunika kuphela amaBali amaFutshane kwiimviwo zeNSC zika-Oktobha/Novemba 2017 nakwiimviwo zangoFebruwari/Matshi 2018. Kwimeko apho kukho izihloko ezitsha, ezi ziya kuqaliswa ukongezelela kumaBalana amaFutshane akhoyo, ngokungaphandle kwe-SAL yesiXhosa.

17. Kutyunjwe izihloko ezitsha kwezi lwimi zilandelayo neziya kuqalisa ukusetyenziswa kwiimviwo zika-Oktobha/Novemba 2017 nakwiimviwo zangoFebruwari/Matshi 2018. Khangela amakhasi 41 ukuya kwele-43 ukufumana ilisti yezihloko.

  • Izihloko ze-SAL kunye neze-SAL yeSiswati zeengqokelela ezintsha zamabalana amafutshane sezityunjiwe
  • Kwi-SAL yesiAfrikansi, kutyunjwe isihloko sedrama esitsha
  • Kwi-SAL yesiNgesi, kutyunjwe inoveli, idrama nengqokelela yesihobe
  • Kwi-SAL yesiXhosa, kutyunjwe izihloko ezitsha zenoveli nedrama
  • Kwi-SAL yesiTswana, kutyunjwe isihloko senoveli esitsha.
18. Kucelwa ngoko nangoko wazise okukule ingcaciso emfutshane bonke abathathi-nxaxheba abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:10

"Annexures"  (ubukhulu: 4 291 KB)