1. Umbono weSebe leMfundo leNtshona Koloni malunga neMfundo nge-eEducation ujolise kootitshala abasebenzisa ithekhnoloji njengenkxaso esoloko ikho kwizifundo eziqhelekileyo nekukudala zisetyenziswa. Injongo kukuba indlela yokufundisa (teaching methodology) ifumane inkxaso kwizibonelelo zethekhinoloji ezizintlobo-ntlobo eziziimultimedia-rich resources lo gama abafundi befumana amathuba amahle okusebenzisa ii-Information and Communication Technologies (ICTs) ukuxhasa ukufunda kwabo.

2. Le pheki yezibonelelo iqhotyoshelweyo iqulethe iiwekhishithi zezifundo ze-FET ezifundisa ikhontenti yamaBakala 10 ukuya ku-12 yaye yenzelwe ezi njongo zilandelayo:
2.1 njengemisebenzi yohlaziyo yabafundi; kunye
2.2 nanjengemizekelo yootitshala yokuba bazenzele eyabo.

3. Izikolo ziya kufumana iikopi ezimbini zephekhi yezibonelelo. Ziyakhuthazwa iinqununu zikuhambise okuqulethwe yiphekhi enye kwiintloko zezifundo ezichaphazelekayo yaye ziyigcine enye iphekhi kwiirekhodi zazo.

4. Ukuba unemibuzo nokuba yeyiphi na ngeli phulo, uyacelwa uqhagamshelane no- Dr G. Schreuder kule nombolo yefoni: (021)4672630 okanye kule dilesi ye-imeyili Glynis.Schreuder@westerncape.gov.za

5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane zonke iintloko zezifundo nootitshala.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:08:08