1. ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe i-DBE) likhuphe iSetyhula S4 ka-2017 emalunga nokusetyenziswa kwamanqaku e-orali (oral marks) kwiimvavanyo eziqhubekela esikolweni nakwiimviwo zamaBakala 10 ukuya ku-12.

2. Inkqubo emiselweyo yovavanyo kwikharityhulam yeelwimi [kubandakanywa uLwimi i-South African Sign Language (SASL) njengoko kuchaziwe kwiNkcazo yoMgaqonkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS))], ibonelela ngeeMvavanyo eziQhubekela esikolweni (ii-SBAs), iimviwo ne-orali njengeekhomponenti ezintathu ezenza amanqaku okugqibela omfundi ekupheleni konyaka wokufunda.

3. ISebe i-DBE no-Umalusi kutshanje, baqwalasele ukuba amanqaku e-orali asetyenziswa njengenxenye yekhomponenti ye-SBA nanjengenxenye yekhomponenti yeemviwo, into ekhokelela ekusetyenzisweni kwamanqaku afanayo (same marks) kabini kwiikhomponenti ezahlukileyo kuwo onke amanqanaba olwimi, kuqukwa ne-SASL.

4. Ukuyilungisa le meko, iSebe i-DBE libhungisene nabo bonke abaququzeleli beelwimi, likuvumile ukuqaliswa ngokukhawuleza koku kulandelayo:
4.1 Imisebenzi yovavanyo yaqho ngonyaka (annual assessment tasks), njengoko kucacisiwe kwi-CAPS, iya kuhlala ingatshintshanga.
4.2 Amanqaku afunyenwe kuyo yonke imisebenzi ye-orali, awayi kuba yinxenye yamanqaku eSBA okugqibela (final SBA mark), kodwa aya kusetyenziselwa ikhomponenti yeemviwo (IPhepha 3 loLwimi lwesiBini oloNgezelweyo (Second Additional Language) nePhepha 4 loLwimi lweeNkobe (Home Language) noLwimi lokuQala oloNgezelelweyo (First Additional Language).
4.3 Amanqaku e-orali asaya kutyenziswa ekwenzeni iripoti yekota (term reporting), kodwa aya kongezelela kuphela kwikhomponenti yeemviwo ze-orali ekubhekiswa kuyo ku-4.2 apha ngentla.

5. ISetyhula S4 yeSebe i-DBE icacisa ukuba izilungiso kwingongoma 4 apha ngentla, zimele ukuqaliswa ukususela ngoku kwisigaba se-Further Education and Training (FET), kumaBakala 10 ukuya ku-12.

6. Ukungqinelana nengongoma 4, kusebenza oku kulandelayo:
6.1 Iirekhodishiti zeelwimi zekhompyutha zeFET ii-electronic FET Languages Record Sheets zeSebe iWCED zitshintshwe apha naphaya ukulungiselela ezi zilungiso njengoko kumiselwe kwiingongoma 4.2 no-4.3.
6.2 Ii-Languages Record Sheets zeFET zeSebe iWCED ezitshintshwe apha naphaya zifakiwe kwiziko lewebhu leSebe iWCED eliyi-WCED Curriculum Development website apha: http://tinyurl.com/m9a3lo6.
6.3 Izikolo ezingazisebenzisiyo ezi rekhodishithi zekhompyutha zeSebe iWCED (WCED’s electronic record sheets) okanye i-South African School Administration Management System (SA-SAMS), zimele ukuzitshintsha apha naphaya iirekhodishithi zazo ukwenzela ukuzingqinelanisa nengongoma 4.2 no-4.3.
6.4 Izikolo eziyisebenzisayo i-SA-SAMS zimele ukuqaphela ukuba isistim ifakelwe izilungiso ukubonisa iinguqu ezicaciswe kwiSetyhula S4 yeSebe i-DBE.

7. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abachaphazelekayo abathatha inxaxheba ekufundiseni iilwimi kuqukwa ne-SASL ukwenzela ukuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:05:31