1. ISebe leMfundo esiSiseko likhuphe iSetyhula S3 ka-2017 emalunga neempazamo kwiingqokelela yemibongo yeBakala 12 kwisi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe nakwisi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo.
2. Ukulungiselela ukuqaliswa kwemibongo emiselwe ukufundwa ngo-2017, abacebisi bezifundo nootitshala baqaphele iimpazamo nezinto ezishiyiweyo (errors and omissions) kwingqokelela yemibongo yeBakala 12 yesi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe, o.k.t ku-Verse in my inboks (Vivlia Publishers), nakwingqokelela yemibongo yeBakala 12 yesi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo, o.k.t Verskuns vir Eerste Addisionele Taal (Macmillan Publishers).
3. Ezi mpazamo nezinto ezishiyiweyo zichazelwe abapapashi abathe baphinda bakhupha ezinye iilisti zeempazamo eya kuzo zonke izikolo ezazithenge ezi ngqokelela zemibongo.
4. Kucelwa ukuba bonke abacebisi bezifundo besi-Afrikansi nootitshala beBakala 12 besi-Afrikansi uLwimi lweeNkobe nabesi-Afrikansi uLwimi lokuQala oloNgezelelweyo eNtshona Koloni, baqaphele ezi listi zeempazamo ziqhotyoshelweyo: I-Appendix 1 (Verse in my inboks — Vivlia Publishers) no-Appendix 2 (Verskuns vir Eerste Addisionele Taal — MacMillan Publishers).
5. Ezi zihlomelo ziyafumaneka ngokunjalo kwiziko lewebhu le-Western Cape Education Department’s Curriculum Development website apha: http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za. Yiya ku-"FET: Further Education and Training", uze uklikhe ku-"Languages" emva koko uklikhe ku-"Afrikaans". Klikha ku-"Aflaailêers" ngasekhohlo uze uklikhe ku-"Onderwysbronne".
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:05:31

"Appendix 1 & Appendix 2"  (ubukhulu: 2 818 KB)