1. Ukufunda ulwimi nobuchule bokulusebenzisa kuqatshelwe njengenkalo efuna ingqwalaselo ephambili kwinqanaba likazwelonke nakwelephondo.
2. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) liqalise ngokufundisa ngesiNgesi kwiKharityhulam iPhela (English Across the Curriculum) (EAC) njengendlela yokuphucula uLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT) ukususela kumaBakala 1 ukuya kwele-12, ngokwenjenjalo kusonjululwe isithintelo kwancitshiswa neziphumo ezingancumisiyo ezinokubangelwa kukurhoxiswa kwenkqubo yokunyinyisa yeelwimi (withdrawal of language compensation). Umalusi, oliBhunga loQinisekiso lweMigangatho, uthathe isigqibo sokugcina ukunyinyisa nge-3% kubafundi abafunda ngesiNgesi njengolwimi lwesibini kwiBakala 12 ukususela ngo-2016 ukuya kutsho ku-2022.
3. Iziphumo zeSatifikethi seMatriki zikaZwelonke zibonisa ukuba abafundi abasithetha ngokungagqibelelanga isiNgesi nababuthathaka kwizakhono zokusebenzisa ulwimi ekufundiswa ngalo abaqhubi kakuhle kwikharityhulam iphela. Lo mba ugxininisa inyaniso yokuba ulwimi lokufundisa nempumelelo kwizifundo zinxibelelana ngqo. Ngoko ke, ubuchule bolwimi lomfundi bunendima ebalulekileyo kwiziphumo njengoko zonke izifundo eziziikhontenti zisekelwe kulwimi.
4. Ngoku zimbini ii-LoLT kwinqanaba leMfundo noQeqesho oluQhubelekayo kwizikolo zaseMzantsi Afrika. Ezi sisiNgesi nesiAfrikansi. Izikolo ezininzi kwiphondo zifundisa isiNgesi njenge-LoLT.
5. Kunyanzelekile ukuba bonke abafundi baxhotyiswe ngakumbi nge-LoLT ukuze babe nako ukufumana ubuchule obaneleyo bokunxibelelana ngempumelelo nokubhala phantsi kunye nokunxibelelana ngomlomo. Kucelwa izikolo zikunciphise ukulumela intetho ngolunye ulwimi (code switching) nokuxuba uvanga intetho (code mixing) ukuze kuqinisekiswe ukufundwa ngakumbi kwe-LoLT njengolwimi lovavanyo (language of assessment). Kwimeko yezikolo ezininzi ezikweli phondo, oku kungabhekisa kwisiNgesi.
6. Bonke ootitshala kufuneka bakuthathele ingqalelo oku yaye baquke ukufundiswa kolwimi kwizifundo eziziikhontenti kucwangciso nakumalungiselelo abo. Oku kuquka ukufundiswa kwesigama sesifundo eso.
7. Esi sicwangciso siboniswe kwincwadana yemigaqo i-DBE’s Manual for Teaching English Across the Curriculum: Book 2. Le ncwadana yemigaqo luqulunqo lwemisebenzi yezifundo ezithile nemiboniso yezicwangciso zezifundo ezithile olwenziwe ngamagosa ephondo nawezithili kwanootitshala abaziinkokeli (lead teachers) abamele zonke izigaba. Izinto zokuncedisa ukufunda kwanencwadana yemigaqo ye-EAC zingafumaneka apha: http://www.education.gov.za/TeachingEnglish/tabid/729/Default.aspx.
8. Kukhuthazwa ootitshala bazalise iiklasi zabo ngeetekisi zokufunda (text-rich classroom environment) ukuphucula ukufundwa kolwimi. Oku kuquka udonga ekuncanyathiselwe kulo amagama (word wall), iitshati ezifanelekileyo nengqokelela yeencwadi kunye nesifundo esifundiswayo.
9. Ukongeza, ulwimi lovavanyo kufuneka lufundiswe ngokucacileyo (explicitly) kubafundi ukwenzela ukuba babe nako ukuphendula imibuzo ebuzwayo. Ootitshala mabagxininise kumagama angundoqo (key words), kumagama okubuza imibuzo (question words) namagama anika iintsingiselo (content words). Khumbula ukuba wonke utitshala ungutitshala wolwimi yaye sonke isifundo masiquke abafundi ekufundeni nasekubhaleni.
10. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhuthaza zonke izikolo zisebenzise isicwangciso seelwimi sephondo (provincial language strategy) esikhuthaza ukufundisa ngokudibanisa nezinye izifundo kwanokufundiswa kolwimi kwikharityhulam iphela.
11. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:05:26