1. Umhla wama-25 kuMeyi ukhunjulwa qho ngonyaka eMzantsi Afrika "njengoSuku lweAfrika".

2. Injongo yokukhumbula uSuku lweAfrika kukubhiyozela uManyano lweAfrika nenkululeko yamazwe aseAfrika kwiziphatha-mandla zobukoloniyali (colonial powers).

3. Esi sikhumbuzo siya kunika ithuba lokwazisa nokuba nokwazi ngokufanayo iyantlukwano yeenkcubeko ezahlukeneyo ezikolweni, lo gama esi sikhumbuzo sisombulula abona nobangela bokuhlaselwa kwabemi bamanye amazwe abakwiindawo zoluntu lwasekuhlaleni.

4. Kucelwa iinqununu nootitshala bafumane ixesha elifanelekileyo kwiveki yoSuku lweAfrika lokwazisa abafundi ngobaluleko lolu suku kubo bonke abemi.

5. Apha kufakwe nezihlomelo ezilandelayo:

  • Isihlomelo ukuncedisa malunga nemisebenzi yolu suku
  • Iikopi zoMhobe weManyano yeAfrika (AU)
6. UMhobe weAU (AU Anthem) uyafumaneka ngokunjalo nakwiziko lewebhu leSebe leNtshona Koloni apha:
http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/index.php/student-parent-support/africa-day-celebrations

7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu kucelwa uqhagamshelane no-Bridget Tobin, oyi-DCES yezeMbali, kule dilesi ye-imeyili Bridget.Tobin@westerncape.gov.za okanye kule foni 021 467 2590.

8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:05:11

"Curriculum activities linked to Africa Day"  (ubukhulu: 42 KB)
"African Union Anthem"  (ubukhulu: 37 KB)