1. I-National Heritage Council (NHC) of South Africa, igqibe ekubeni, njengenxenye yomsebenzi wayo, ifake igalelo ekufundiseni isizwe ngenkcubeko elilifa lethu. Enye yeeprojekthi efuna ukubandakanya abafundi abaselula ezikolweni yi-Heritage Education Schools Outreach Programme (HESOP).

2. Le program iyinxenye yegalelo leSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (DBE) lokukhuthaza bonke abafundi ukuba bazi ngemvelaphi yenkcubeko elilifa lethu yaseMzantsi Afrika neyantlukwano, yaye ilithuba labafundi lokuphuhlisa izakhono zophando ezingundoqo.

3. Olu khuphiswano luya kuba yinxenye yegalelo leDBE lokuphucula ukufunda nokufundiswa kwezeMbali nezoKhenketho ezikolweni.

4. UKHUPHISWANO LWABAFUNDI

Abafundi baya kulindeleka benze imisebenzi EMITHATHU:

  • Umsebenzi 1 (Imibhiyozo yeMinyaka eLikhulu yoBomi buka-OR Tambo)
    Ngethuba lokumiselwa ngokwaseburhulumenteni kwe-Oliver and Adelaide Tambo Foundation, uMongameli uJacob Zuma wachaphazela ukuba, "The values of unity, selflessness, sacrifice, collective leadership, humility, discipline, hard work, internal debates, constructive criticism and self-criticism, and mutual respect, are some of the values that encapsulate what Oliver Tambo stood for."

    Kulindeleke abafundi bachaze abakuqaphelayo ngokuphathelele ekubeni ingaba abemi baseMzantsi Afrika, ngakumbi abasebenzi bakarhulumente noosopolitiki, bayazilandela na iimfundiso awayelwela zona na uOliver Tambo. Mabacacise nezinto ekufuneka zenziwe ukuphucula nokuphuhlisa ezoqoqosho, imfundo, ukuxhotyiswa kwamabhinqa nokukhuthazwa kwezobugcisa, inkcubeko kwanamaphulo enkcubeko elilifa lethu.

  • Umsebenzi 2
    Ngokomthetho i-National Heritage Resources Act, ka-1999 (uMthetho 25 ka-1999) kunye ne-National Heritage Council Act, ka-1999 (uMthetho 11 ka-1999), inkcubeko elilifa lethu ephilayo ithetha ukuba imiba engaphathekiyo yenkcubeko elilifa esiligqithiselwe lona lisuka kwabangaphambili nesenokuquka, phakathi kwezinye izinto: izithethe namasiko, izinto zenkcubeko ezenziwayo, imbali yomlomo, izithethe, iziganeko ezingalibalekiyo, ulwazi lwemveli, izakhono nobuchule, kuze okokugqibela, ibe yinkqubo ephangaleleyo yokujongana nendalo/nokusingqongileyo, uluntu kwanobudlelane bezentlalo.

    Kulindeleke ukuba abafundi baqaphele ezi ntlobo zenkcubeko elilifa lethu engaphathekiyo/inkcubeko ephilayo nephantsi kwesoyikiso/esemngciphekweni. Mabacebise ngendlela enokulondolozwa ngayo yaye ikhuthazwe ukwenzela ukuba kuxhamle isizukulwana sangoku kwanezizukulwana ezizayo. Kulindeleke bachaze iintlobo zenkcubeko elilifa lethu eziphantsi kwesoyikiso, ukubaluleka kwayo, izoyikiso neendlela zongenelelo ngoncedo ezinokwenzeka. Abafundi basenokukhankanya kwakhona ukubaluleka kwenkcubeko elilifa lethu ephilayo ekwakheni imvisiswano kwezentlalo (social cohesion), ukwakhiwa kwesizwe kwanokuzazi ubuthina njengesizwe.

  • Umsebenzi 3
    Unyaka ka-2017 uphawula iminyaka eli-100 emva kokuzika kwenqanawa yomkhosi yaseBrithane, eyi-SS Mendi, nalapho babengaphezulu kwama-600 abemi baseMzantsi Afrika abaphulukana nobomi babo. Kwakhona uphawula iminyaka engama-40 ukususela ekufeni ngokumasikizi kwenkokeli yombutho iBlack Consciousness Movement, uStephen (Steve) Bantu Biko, phantsi kombuso wocalu-calulo. Njengenxenye yesikhumbuzo nokukhunjulwa kwezi ziganeko, kwakhiwa ngoku amadlaka (graves), iindawo ezinamadlaka (burial sites), izakhiwo zezikhumbuzo zamagorha eemfazwe, izakhiwo namatye ezikhumbuzo, njl. njl. nezithi zibe yinxenye yemeko ekuyiyo elizweni ngoku zikwazizikhumbuzo eziphathekayo nezingumqondiso wembali yethu enobuphithiphithi.

    Kulindeleke ukuba abafundi baziqwalasele ezi ntlobo zenkcubeko elilifa lethu ephathekayo kwiindawo zabo zasekuhlaleni kwanokuxoxa ngokubaluleka kwanokufaneleka kwezi ndawo zezikhumbuzo kuMzantsi Afrika omtsha. Abafundi mabacebise ngeendlela ezinokuthi zilondolozwe yaye zikhuthazwe ngayo ukwenzela ukuba kuxhamle isizukulwana ngoku nezizukulwana zexesha elizayo.

5. IIKHRAYITHERIYA

Mazilandelwe ngokuthe mbo ezi khrayitheriya zokukhetha abafundi xa kukhethwa abathathi-nxaxheba:

5.1 Bonke abafundi bezikolo eziphakamileyo (ngokukhethekayo abo bezifundo zeesayensi zentlalo) abakumaBakala 8 ukuya kwele-11 bavumelekile ukuthatha inxaxheba.
5.2 Amaqela makabe nabafundi abane (kucetyiswa izikolo ziyiqwalasele imiba yesini).
5.3 Yonke imisebenzi ebhalwayo kunye neengcaciso-ntetho mazibe ngesiNgesi.
5.3.1 Yonke imifanekiso, iishedyuli zodliwano-ndlebe, iitranskripthi kwanokurekhodwayo kodliwano-ndlebe, ii-apreyizali zokuziphatha ngentsulungeko (ethics appraisals), mazifakwe kwiphothifoliyo yobungqina, ekufuneka ukuba ibe:

  1. nesalathiso;
  2. itheyibhile yokuqulathiweyo; kunye
  3. nebhibliyografi.
5.3.2 Iphepha lomsebenzi wophando malibe noku kulandelayo:

  1. isicatshulwa (abstract);
  2. ingxoxo ezingundoqo (iingxoxo ezingundoqo) okanye isiqu
  3. iingcebiso;
  4. isiqukumbelo; kunye
  5. nebhibliyografi okanye uluhlu lweencwadi ezisetyenzisiweyo.

Iphepha lomsebenzi wophando, kuqukwa imifanekiso (illustrations) nebhibliyografi mayibe ngu-10 ukuya kwi-12 lamakhasi ubude. Ikhasi elo malichwethezwe nge-Arial font, isayizi 12, kunye no-1.5 line spacing.

5.3.3 Inkcazo-ntetho yomlomo iya kuba yimizuzu engama-20 eyona mininzi, ize imizuzu emihlanu yabelwe imibuzo eya kusuka kwiphaneli yabagwebi. Abafundi baya kunikwa i-asayinimenti lo gama bekwikhempu. Iinkcukacha zendlela umsebenzi wesine oya kwenziwa ngayo nendlela yokwenza inkcazo-ntetho iya kwaziswa kwikhempu engo-Oktobha.

6. IIKHRAYITHERIYA ZOKUVAVANYWA KWENKCAZO-NTETHO

Zifakiwe kwisiHlomelo A iikhrayitheriya zovavanyo eziya kusetyenziselwa ukugweba iinkcazo-ntetho kwinqanaba lephondo nelikazwelonke.


7. INKQUBO YOKUGWEBA KWIPHONDO
7.1 Izikolo ezinqwenela ukuthatha inxaxheba kolu khuphiswano mazizalise le fom yesicelo iqhotyoshelweyo apha (isiHlomelo B) zize ziyibuyisele kumagosa ezithili zabo (kubacebisi ngezifundo zeMbali okanye izifundo zoKhenketho) ungadlulanga uMvulo, we -31 Julayi 2017.
7.2 Ootitshala kufuneka babaqaphele yaye babalungiselele abafundi kwimijikelo yokukhiqana yokhuphiswano (elimination rounds) kwizithili bekwalungiselela nesiganeko sephondo. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abafundi abangeneleyo bakhona yaye basilungele isiganeko sephondo nokuba zilungiselelwe izithuthi eziyimfuneko zokuya nokubuya kwisiganeko eso.
7.3 Abafundi kufuneka benze umsebenzi wophando wabo, neenkcukacha zeziko ledatha neengcaciso-ntetho; bakulungele ukuphendula nayiphi imibuzo ephathelele kwiiprojekthi nophando lwabo; babe nako ukwabelana ngamava abo kwiprojekthi yophando.
7.4 Ukhuphiswano lwephondo luya kubanjwa ngoMgqibelo, we-02 Septemba 2017. Kuya kukhethwa iqela lesikolo libe linye eliya kumela iNtshona Koloni kukhuphiswano lokugqibela lukazwelonke. Indawo esiya kuqhutyelwa kuyo esi siganeko iya kuqinisekiswa kuzo zonke izikolo ezithatha inxaxheba oko kusenziwa ngokudlula kubacebisi ngezekharityhulam bezeMbali nakwabezoKhenketho. UNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni uya kusingatha uxanduva lokuhlawula zonke iindleko zohambo ukuya nokubuya kukhuphiswano lwephondo.
7.5 I-NHC iya kusingatha iindleko zohambo nezendawo yokulala zabafundi nootitshala abathatha inxaxheba kukhuphiswano lukazwelonke, ukususela ngoMvulo, 02 ukuya ngoLwesihlanu, 06 Oktobha 2017.
7.6 Ukufumana ingcaciso engaphezulu, kucelwa uqhagamshelane noBridget Tobin kwifoni 021 467 2590 okanye uthumele ngedilesi ye-imeyili apha Bridget.Tobin@westerncape.gov.za okanye uRodney Johnson kwifoni 021 467 2173 okanye uthumele ngedilesi ye-imeyili apha Rodney.Johnson@westerncape.gov.za.

8. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane ikomiti yolawulo lwesikolo kwanootitshala abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:05:10

"isiHlomelo A"  (ubukhulu: 55 KB)
"isiHlomelo B"  (ubukhulu: 34 KB)