Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20170303-8841
12/2/8/13/2
IMIBUZO:   JL van Deventer    IFONI:   021 467 2563  IFEKSI:   021 467 2258

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEFET:  DCF 0011/2017


IYA:   

KUMASEKELA-BALAWULI-JIKELELE; KUBALAWULI ABAZIINTLOKO; KUBALAWULI; KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO; KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM; KUBAPHATHI BEESEKETHE; KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZE-IMG, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, KUBACEBISI BEZIFUNDO BE-ECONOMICS, ACCOUNTING, MATHEMATICS NE-LIFE ORIENTATION NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIFUNDISA AMABAKALA 10 -12


 

UKHUPHISWANO I-WESTERN CAPE BURSARY COMPETITION OLWENZELWA ABAFUNDI BEBAKALA 11 ABENZA I-ECONOMICS, I-ACCOUNTING NEMATHEMATICS (2017-2018)


1. I-Ofisi kaNondyebo wePhondo leNtshona Koloni (Western Cape Provincial Treasury), isebenzisana no-Nedbank kunye neSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), icela izikolo ukuba zingenele ukhuphiswano lokubhala isincoko, i-2017 Western Cape Bursary Competition.

2. Olu Khuphiswano lweeBhasari lunika abafundi beBakala 11 kwiphondo, abenza izifundo ezidibanisa i-Economics, i-Mathematics ne-Accounting, ithuba lokufumana iibhasari nezinye izipho eziyinkuthazo (incentives) zokuba baqhubele phambili ngezifundo zabo kula macandelo ezifundo eyunivesithi.

3. Iya kuba ziibhasari ezilishumi elinambini (12) ezona zininzi, kwakunye nebhaso lemali enjengoncedo lwezemali ngethuba lonyaka weBakala 12, eziya kunikwa abafundi abanenjongo yokufumana isidanga kwi-Economics (umz. B.Com (Economics)), kwi-Accounting (umz. B.Acc., B.Compt.), kwi-Commerce (umz. B. Bus.Sc) okanye kwi-Mathematics kwiyunivesithi elapha eNtshona Koloni.

4. Iibhasari zezabafundi beBakala 11 abakufaneleyo ukungena eyunivesithi ngo-2019 nabaye bagqwese (elona nqanaba lokupasa lisezantsi ngu-60%) ubuncinane kwizifundo ezibini kwezi, i-Economics, i-Mathematics ne-Accounting. Abakufaneleyo ukungenela ukhuphiswano mababe ngabemi baseMzantsi Afrika, abahlala eNtshona Koloni, abanobuchule bokuthetha nokubhala isiNgesi.

5. Amabhaso ootitshala babafundi abaphumeleleyo:

  • I-laptop/ibhaso lemali elinikwa utitshala ngamnye wabafundi abangenele ukhuphiswano baza baphumelela kwindawo yoku-1, eyesi-2, neyesi-3.
  • Ibhaso eliyimali eyi-R5 000 elinikwa utitshala womfundi ngamnye wabanye abafundi abafumana iibhasari.
6. Kuza kucelwa iinqununu zezikolo zinike amagama ootitshala abachaphazelekayo.

7. Injongo yolu khuphiswano lwebhasari:

  • kukukhuthaza umdla kwi-Economics, Mathematics nakwi-Accounting namathuba amakhondo emisebenzi anokuthi abekho;
  • kukuphuhlisa ulwazi nezakhono kwi-Economics, Mathematics nakwi-Accounting;
  • kukuphuhlisa izakhono zokukwazi ukusombulula iingxaki nokukwazi ukucazulula idatha;
  • kukunika abafundi amathuba okufumana ulwazi ngeendlela zokwenza uphando (research methodology) nezakhono zokubhala izincoko;
  • kukunika abafundi amathuba okukwazi ukufikelela kwilizwe lempangelo nokukwazi ukuqhagamshelana nalo;
  • kukwenza abantu babe nolwazi ngemiba yezentlalo noqoqosho eMzantsi Afrika.
  • kukukhuthaza nokuwonga umsebenzi ogqwesileyo; kunye
  • nokuphuhlisa iinkokeli zangomso kumacandelo ezifundo ze-Economics, Mathematics ne-Accounting.
8. Ixesha elisikelwe olu khuphiswano ngeebhasari liqala ngoMatshi 2017 ukuya kutsho ngoMatshi 2018.

9. Kucelwa ufunde isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo ngokumalunga nesihloko sesincoko (esinikwe kuphela ngesiNgesi).

10. Kucelwa ukuba ufunde ezi zihlomelo ziqhotyoshelweyo ngokumalunga nokulandelayo:

  • Ifom yokungenela.
  • Irubrikhi yovavanyo emayisetyenziswe ize izaliswe ngootitshala ukuvavanya izincoko.
  • Isikhokelo sokubhalwa kwesincoko esisemgangathweni.
11. Kufuneka izikolo zikhethe abafundi abaqhuba kakuhle kwizifundo zabo ukuba bathathe inxaxheba kolu khuphiswano. Baya kucelwa ukuba babhale isincoko esinamagama ayi-2 200, alelona nani lisezantsi. Abanye abafundi beBakala 11 beklasi ye-Economics banokubhala isincoko kwangesi sihloko sinye esinamagama ayi-600 awona maninzi.

12. Ikomiti yootitshala esikolweni iya kusebenzisa irubrikhi yovavanyo enikiweyo ukukhetha abafundi abathathu abagqwesileyo abayizalisekisayo eyona mfuno isezantsi imiselweyo engu-70% (isincoko neenkcazo-ntetho zomlomo) (oral presentations) zidibene)) ukuze bakwazi ukudlulela kumjikelo olandelayo wolu khuphiswano. Izincoko neemakhishithi zabo bafundi bagqwesileyo bathathu kunye nabo bonke abanye abafundi abaphumelele ngaphezu ko-70% mazingeniswe kwi-ofisi yesithili ukwenzela uvavanyo lwesigaba 2 (kwinqanaba lesithili) ungadlulanga owe-06 Septemba 2017.

13. Iphaneli yovavanyo kwisithili ngasinye iya kuvavanya izincoko ezifanelekileyo ezivela kwizikolo ize ikhethe abagqwesileyo bokugqibela. Izincoko eziyi-10 ezigqwesileyo kwisithili ngasinye ziya kukhethwa yile phaneli zize zithunyelwe kwinqanaba lokugqibela (inqanaba lephondo) ungadlulanga owe-20 Septemba 2017.

14. Ezona zincoko zigqwesileyo ezingamashumi amabini (20), ziya kukhethwa yiphaneli ekhetha abokugqibela abagqwesileyo neya kwenziwa ngabameli bakwaNedbank, abe-Ofisi kaNondyebo wePhondo nabeSebe iWCED.

15. Abalishumi elinesihlanu, abona baninzi, abangene kumjikelo wokugqibela baya kucelwa ukuba beze kukhetho lokugqibela eKapa ngoMatshi/Apreli 2018 - ngoLwesihlanu emva kwemini nangoMgqibelo oya kulandela iNtetho yeBhajethi yePhondo. Baya kucelwa ukuba benze inkcazo-ntetho yomlomo (oral presentation) ngeziphumo zophando lwabo nokuba baphendule imibuzo eya kubuzwa yiphaneli yokhetho. Ootitshala be-Economics babo bagqwesileyo bokugqibela baya kucelwa ukuba bahambe kunye nabo. Amalungu ephaneli yesithili semfundo aya kucelwa ukuba aye kwitheko lamabhaso ngokuhlwa kwangoMgqibelo.

16. Kucelwa ufunde isiHlomelo A esikunika iinkcukacha ezipheleleyo ngeemfuno ezimiselweyo zamangenelo (entry requirements), amaxwebhu okungenela (entry documents), amaxesha abekiweyo neekhrayitheriya zokugweba (adjudication criteria).

17. Imibuzo malunga nokubhalwa nokumakishwa kwesincoko, mayibhekiswe ngqo kubacebisi bezifundo be-Economics kwizithili zemfundo.

18. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 be-Economics, Mathematics, Accounting nabe-Life Orientation ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:16


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: INGCACISO EBALULEKILEYO EYONGEZELELWEYO  (ubukhulu: 34 KB)
IsiHlomelo B: "Research Project Topic for Grade 11 Programme of Assessment (2017)"  (ubukhulu: 104 KB)
Entry Form"  (ubukhulu: 107 KB)
Essay writing manual"  (ubukhulu: 106 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe