ISALANTHISO: | 20170124-7610 12/2/8/13/2 |
 | IMIBUZO: | W Mercuur | IFONI: | 021 467 2630 | IFEKSI: | 021 467 2258 |
INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YEFET: DCF 0010/2017 |
IYA: | KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE; KUBAPHATHI BEZENGCACISO, UKUPHATHWA NOLAWULO LWABASEBENZI NGOBUCHULE (SIGPM); KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO; KUBACEBISI NGEZIFUNDO; KWIINQUNUNU, KWIINTLOKO ZAMACANDELO OLWIMI LWESINGESI, KWIINTLOKO ZESIFUNDO SOLWIMI LWESINGESI NAKOOTITSHALA BOLWIMI KWIZIKOLO EZIPHAKAMILEYO |
| UKHUPHISWANO NGEZINCOKO I-QUEEN’S COMMONWEALTH ESSAY COMPETITION |
1. |
ISebe leMfundo esiSiseko linqwenela ukukhuthaza bonke abafundi ukuba bathathe inxaxheba kukhuphiswano ngezincoko i-Queen's Commonwealth Essay Competition. |
2. |
Olu khuphiswano luvuleleke kubo bonke abafundi abakula macandelo alandelayo:
- UDidi lwaBancinane (Junior Category) (abazelwe emva koMeyi 2003 - abanganeno kwiminyaka eyi-14))
- UDidi lwaBadala (Senior Category) (abazelwe nge-02 Meyi 1998 nabe-01 Meyi 2003 - 14-18 yeminyaka))
|
3. |
Onke amangenelo makabhalwe ngolwimi lwesiNgesi. |
4. |
Kucelwa abangenelayo ukuba bangenise umsebenzi wabo ngohlobo olucacisa gca indlela yokuvakalisa umyalezo wabo, nokuba sisincoko, umbongo, ibali, intsomi, iskripthi, ingcaciso yokubhaliweyo (reportage), intetho yomntu omnye okanye yomlinganiswa (monologue) okanye nasiphi na isimbo sokubhala esifanelekileyo. Kukhuthazwa ukuba kusetyenziswe iifoto nemizobo, ngokukodwa ngokumalunga noDidi lwaBancinane. |
5. |
Umxholo ka-2017 uthi, "The meaning, process and importance of peace in the Commonwealth and beyond".
IMixholo yoDidi lwaBancinane
- What is in your Toolbox for Peace?
- My peaceful place
- How can children and young people come together to build a peaceful society?
- "Peace cannot be learnt from a book or from religion. You have to reach out and touch nations." How does this relate to Commonwealth?
IMixholo yoDidi lwaBadala
- Peace
- Should you fight for peace?
- Kofi Annan said, "Education is, quite simply, peace-building by another name." Do you agree? Answer with reference to your country and/or the Commonwealth.
- What is the cost of peace?
|
6. |
Bonke abangenelayo baya kufumana isatifikethi sokuthatha inxaxheba. Nakuba kunjalo, abaphumeleleyo baya kuwongwa ngeembasa zeGolide, ezeSilivere kwanezoBhedu ngokwenqanaba lokuphumelela (position). Ophumeleleyo kunye nophume isibini (runner-up) abasuka kwiindidi zombini, ezabadala nabancinane uya kuphumelela uhambo oluya kuthatha iveki yonke eLondon uthotho lwezinto eziya kwenziwa zemfundo kunye nezenkcubeko (a week-long series of educational and cultural events). |
8. |
Umhla osikiweyo wokungeniswa kwamangenelo ngomhla we-01 Meyi 2017. |
9. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:30
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano Employment and salary queries: 0861 92 33 22 Safe Schools: 0800 45 46 47

|
 |