1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0017/2016: Ulawulo lweminyinyiva kubafundi abanezithintelo ekufundeni nakuvavanyo kumaBakala R-12 nakubafundi abacela ukuqwalaselwa njengabemi bamanye amazwe ukwenzela iinjongo zovavanyo kumaBakala 4-12

2. Abafundi abanezithintelo ekufundeni
2.1 Umfundi oqatshelwe ngutitshala njengomfundi onesithintelo ekufundeni makanikwe inkxaso yaye bonke ubungqina benkxaso ayinikiweyo mabugcinwe ngutitshala. Ifom eyi-Support Needs Assessment Form 1 (SNA1), esuselwa kuMgaqo-nkqubo Policy on Screening, Identification, Assessment and Support (SIAS), 2014, imele ukusetyenziselwa le njongo (makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuNika iNkxaso kwiMfundo eBandakanya Bonke aBafundi neMfundo eneeMfuno eziZodwa: 0001/2016).
2.2 Ukuba amaxwebhu e-SIAS akakasetyenziswa, kunganikwa oku kulandelayo njengemizekelo yobungqina benkxaso: Amaphulo ongenelelo ngoncedo ekharityhulam enziwe ngutitshala, ikhontenti yekharityhulam elungiselela abafundi ngokweemfuno zabo ezahlukileyo ekufundiseni nakuvavanyo (curriculum differentiated content for teaching and assessment), okanye ukufundiswa kwekhontenti yesifundo ngendlela etshintshwe apha naphaya (modified presentation of lesson content) (iindlela zokufundisa (teaching methods)) (umzekelo: ukusebenzisa imifanekiso/imifanekiso enenkcazo/iinkcazo njalo-njalo).
2.3 Ukuba inkxaso kwinqanaba lesikolo ayizi naziphumo zinqwenelekayo, ikomiti enika inkxaso esesikolweni (school-based support team (SBST)) mayimgqithisele umfundi, ngokuqala igqithe kwinqununu, kwikomiti yenkxaso yesithili (district-based support team (DBST)). Isicelo senkxaso simele ukungeniswa kwi-DBST kunye nawo onke amaxwebhu axhasayo kuqukwa ne-SIAS forms, iingxelo zezonyango (medical reports), iingxelo zeemvavanyo ezinxulumene nokusebenza kwengqondo (psychological assessments), amaxwebhu axhasayo abubungqina anembali yomfundi, amaxwebhu aneekhomenti zikatitshala weklasi okanye wesifundo, iripoti yesikolo, iisampuli zesikolo njalo-njalo.
2.4 Ishedyuli/ingxelo ebhaliweyo engothetha-thethwano nomzali/nomgcini/nomnonopheli/nomfundi imele ukufumaneka yaye apho kukho isicelo somnyinyiva kuvavanyo (assessment accommodation), inkcazo yokuvuma (declaration of consent) evela kumzali/kumgcini/kumnonopheli imele ukungeniswa kunye namanye amaxwebhu abubungqina adweliswe kwingongoma 2.2 no-2.3).
2.5 Isikolo emva kothetha-thethwano nesayikholojisti yesithili (district psychologist)/nomcebisi onika inkxaso ekufundeni (learning support adviser), sifaka isicelo somnyinyiva kuvavanyo (assessment accommodation application) kwiCEMIS (oku kubandakanya izicelo zamaphepha atshintshwe apha naphaya okanye izixhobo zokuncedisa umfundi (assistive devices). Sakuba sifakiwe isicelo ngokuyimpumelelo, kuya kuveliswa (generated) ifom efana nesiHlomelo B seSetyhula 0017/2016.
2.6 Ifom evelisiweyo (generated form) mayiprintwe yaye makuqhotyoshelwe onke amaxwebhu axhasayo ukuze emva koko isicelo sithunyelwe kwi-District Assessment Accommodations Committee (DAAC).
2.7 Isayikholojisti iya kusingqinisisa isithintelo ekufundeni ize inike iingcebiso.
2.8 Zonke izicelo ziya kujongisiswa yi-DAAC.
2.9 Kwimeko yokugula yethutyana (medical condition) (umzekelo ingalo eyaphukileyo) umnyinyiva kuvavanyo ungaba ngowexeshana elifutshane kuphela onokusebenza kule meko. Kwimeko yesithintelo esiyimeko esisigxina ekufundeni ngokungaphezulu, umnyinyiva kuvavanyo mawujongisiswe kwisigaba ngasinye sovavanyo njengoko zahlukile iimfuno ezimiselweyo nezifundo ezifundiswayo kwisigaba ngasinye.
2.10 Izikolo zimele ukungenisa izicelo ezitsha ekuqaleni kwesigaba ngasinye esitsha.

3. Ukuxolelwa ekuhambeni isikolo okunyanzelekileyo
3.1 Apho umfundi avavanywa njengofuna ixesha elongezelelweyo kwisigaba sepriprayimari (iBakala R), isikolo simele ukufaka isicelo sokuxolelwa komfundi ekuhambeni isikolo okunyanzelekileyo kwiCEMIS. Sakuba sifakiwe kwiCEMIS isicelo ngokuyimpumelelo, kuya kuveliswa (generated) ifom.
3.2 Ifom evelisiweyo mayiprintwe, kuqhotyoshelwe amaxwebhu axhasayo ize ithunyelwe kwi-DAAC.
3.3 UMphathi we-ECD (Early Childhood Development) uya kuwajongisisa amaxwebhu aze anike iingcebiso kwi-DAAC.

4. Iminyinyiva kubafundi abacela ukuba baqwalaselwe njengabafundi bamanye amazwe ukwenzela iinjongo zovavanyo
4.1 Isikolo masifake isicelo somnyinyiva kuvavanyo kwiCEMIS. Sakuba sifakiwe isicelo ngokuyimpumelelo, kuya kuveliswa (generated) ifom efana nesiHlomelo B seSetyhula 0017/2016.
4.2 Ifom evelisiweyo (generated form) mayiprintwe yaye makuqhotyoshelwe onke amaxwebhu axhasayo ukuze emva koko isicelo sithunyelwe kumququzeleli wovavanyo wesithili.
4.3 Umququzeleli wovavanyo wesithili uya kuwangqinisisa amaxwebhu aze anike iingcebiso.
4.4 Zonke izicelo ziya kujongisiswa yi-DAAC.

5. IiKomiti zeSithili/zePhondo zeMinyinyiva kuVavanyo (District/Provincial Assessment Accommodations Committees)
5.1 I-DAAC iya kuhlangana kube kanye ubuncinane ngenyanga ukujongisisa iingcebiso kumaBakala R ukuya ku-9 yaye iya kungenisa iingcebiso kumaBakala 10 ukuya ku-12, kwiKomiti yeMinyinyiva kuVavanyo yePhondo (Provincial Assessment Accommodations Committee (PAAC)).
5.2 Izicelo zamaBakala 10 ukuya ku-12 ziya kuthathelwa ingqalelo yaye zivunywe yi-PAAC.

6. Amaxwebhu esiphumo sesicelo
6.1 Zakuba ziqwalaselwe zonke izicelo, iileta ezinika ingcaciso ngesiphumo ziya kufakwa kwi-CEMIS, zichaze ukuba ngaba zivunyiwe izicelo ezo.
6.2 Iileta ezivela kubafundi bamaBakala 10 ukuya ku-12 zinokuprintwa kwiCEMIS engadlulanga u-Agasti. Ileta iya kubanegama lomfundi yaye mayigcinwe phezu kwedesika yakhe ngethuba leemviwo zangaphakathi.
6.3 Kwimeko yabafundi beBakala 12, iileta zokugqibela ezinenombolo yoviwo yomviwa nomnyinyiva/nokuxolelwa kuvavanyo okuvunyiweyo, ziya kufakwa kwiCEMIS ngaphambi kokuqalisa kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) ngo-Oktobha. Ileta echaza igama mayibekwe phezu kwedesika yomfundi ngethuba leemviwo zeNSC.
6.4 Kwezinye iimeko kwiBakala 12, kuya kubonelelwa ngeleta emayiqhotyoshelwe kwincwadi yeempendulo yomfundi, eyazisa ummakishi ngomnyinyiva othile ekumakishweni komfundi (umzekelo: upelo). Le ileta MAYINGABI nagama lomfundi. Kucelwa uqaphele ukuba ayiyo yonke iminyinyiva kuvavanyo efuna ukuba ileta mayiqhotyoshelwe kwincwadi yeempendulo. Iileta ezihamba neencwadi zeempendulo ziphawulwa ngokucacileyo (clearly marked) ngokunjalo nakwi-CEMIS.

7. Amaxesha amisiweyo
7.1 Abafundi bamaBakala R ukuya ku-9

Inkqubo yokwenza isicelo iya kuqhubekeka okoko kwinqanaba lesikolo nakwelesithili.

7.2 Abafundi bamaBakala 10 no-11
7.2.1 Izikolo mazifake izicelo kumaBakala 10 no-11 kwiCEMIS ingaphelanga iKota 3, qho ngonyaka.
7.2.2 Isiphumo sazo zonke izicelo zamaBakala 10 no-11, ziya kwaziswa izikolo ekupheleni kuka-Oktobha.
7.3 Abafundi beBakala 12
7.3.1 Izikolo mazifake izicelo zeBakala 12 zeminyinyiva/zokuxolelwa kuvavanyo ukwenzela iimvavanyo neemviwo zeNSC kwiCEMIS, ungekadluli owe-31 Matshi kunyaka ngamnye. Oku kuquka izicelo zeminyinyiva kuvavanyo nezicelo zokutshintshwa apha naphaya kwamaphepha emibuzo nezixhobo zokuncedisa abafundi (assistive devices) (umzekelo iibreyili, ifonti enkulu, ii-audio tapes) kubafundi abaneemfuno ezizodwa. Ngo-2017, izikolo mazifake izicelo zazo kwiCEMIS ungadlulanga owe-21 Apreli 2017.
7.3.2 I-DAAC iya kuziphicotha izicelo zeBakala 12 ekupheleni kukaMeyi yaye i-PAAC iya kuzingqinisisa ize izivume izicelo ngoJulayi.
7.3.3 Abaviwa abaphindayo kwiimviwo zeNSC ababevunyiwe kwiminyinyiva/ukuxolelwa kwiimvavanyo kwithuba elingaphambili, banokufaka izicelo ezihamba nenkcazo enika izizathu ezivokothekileyo, kuMs Gail Laguma ngqo kwiCandelo loLawulo loVavanyo kule dilesi ye-imeyili: Gail.Laguma@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni: 021 467 2913.

8. Izibheno
8.1 Abafundi bamaBakala 1 ukuya ku-9

Kwimeko yaxa isicelo somnyinyiva/sokuxolelwa kuvavanyo singaphumelelanga, abazali baya kuba neentsuku eziyi-10 zokufaka isibheno ukususela kwisaziso esixela isiphumo sesicelo. Abazali banokufaka isibheno, ngencwadi ebhaliweyo, ngqo kumlawuli wesithili. Umlawuli wesithili uya kutyumba igqiza elizimeleyo (independent panel) ngenjongo yokuba lisijongisise isibheno, lixoxe ngemiba esemgaqweni nelungiselela umfundi yeso sicelo yaye linike iingcebiso ngokuvunywa kwaso zingadlulanga iintsuku ezintlanu zokusekwa kwegqiza elizimeleyo. Abameli bekharityhulam nemfundo eneemfuno ezizodwa besithili, bamele ukuba yinxalenye yegqiza elizimeleyo.

8.2 Abafundi bamaBakala 10 ukuya ku-12
8.2.1 Kwimeko yaxa isicelo somnyinyiva/sokuxolelwa kuvavanyo singaphumelelanga, abazali baya kuba neentsuku eziyi-10 zokufaka isibheno ukususela kwisaziso sesiphumo sesicelo. Abazali banokufaka isibheno, ngencwadi ebhaliweyo, ngqo kwi-PAAC ngokuqala bagqithe ku-Nks Lisl van Rensburg, kule imeyili: Lisl.vanRensburg@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni: 021 467 2541.
8.2.2 I-PAAC iya kusingatha yaye ixoxe ngezibheno zeBakala 12 kwinyanga ka-Agasti yaye izigqibo ziya kwaziswa zonke izikolo phambi kokuphela kuka-Agasti.

9. Izicelo ezingxamisekileyo zamaBakala 12
9.1 Kwimeko yezicelo ezingxamisekileyo kwiBakala 12 (ukususela kwiKota 3 ukubheka phambili), isicelo kunye namaxwebhu ayimfuneko mazingeniswe ku-Nks Gail Laguma kwiCandelo loLawulo loVavanyo, kule dilesi ye-imeyili: Gail.Laguma@westerncape.gov.za okanye kule nombolo yefoni: 021 467 2913.
9.2 Isicelo siya kufakwa liCandelo loLawulo loVavanyo eliya kusebenzisana nabaphathi abanika inkxaso kubafundi nakootitshala bemfundo eneemfuno ezizodwa kwi-ofisi yesithili, amabanike iingcebiso.
9.3 Ukungqinisiswa kwesithintelo ekufundeni kuya kwenziwa liCandelo loLawulo loVavanyo.
9.4 Iileta zeminyinyiva/zokuxolelwa kuvavanyo ziya kufakwa kwiCEMIS.
9.5 Nayiphi na imibuzo imele ukubhekiswa ku-Nks Gail Laguma kwiCandelo loLawulo loVavanyo kule dilesi ye-imeyili: Gail.Laguma@westerncape.gov.za okanye kule nombolo: 021 467 2913.

10. Ziyacelwa iinqununu zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke ootitshala nabazali abachaphazelakayo ukuqinisekisa ukuba bonke abathathi-nxaxheba bayaziswa ngenkxaso efumanekayo kubafundi ngokumalunga neminyinyiva/nokuxolelwa kuvavanyo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:16