1. |
ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe i-DBE) liqulunqe izikhokelo zoviwo kwiinzame zalo zokuncedisa ootitshala nabafundi xa belungiselela iimviwo ze-NSC zango-2017. |
2. |
Izikhokelo zoViwo lweNSC ngo-2017 (2017 NSC Examination Guidelines) azikuchaphazeli kangako ukufundisa nokufunda yaye aziyichaphazeli nekhontenti, njengoko kumiselwe kwiNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS). |
3. |
Ezi Zikhokelo zoViwo lweNSC zango-2017, zilungisa iimpazamo zomgaqo-nkqubo ezaziqatshelwe kwiZikhokelo zoViwo zango-2014 (2014 Examination Guidelines), zinika ingcaciso emalunga neemviwo zokugqibela ze-NSC yaye mazisetyenziswe kunye neNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (CAPS) kwisifundo ngasinye. |
4. |
Ziyafumaneka iZikhokelo zoViwo lweNSC zango-2017 kuzo zonke izifundo ngaphandle kwakwizifundo ze-Electrical Technology ne-Civil Technology, apho zingeyomfuneko khona. |
5. |
Zifumaneka ezi zikhokelo kwiziko lewebhu lovavanyo eliyi-Western Cape Education Department (WCED) Further Education and Training (FET) assessment website, http://www.wcedcurriculum.westerncape.gov.za/, ngokwenza oku kulandelayo:
- Yalatha ku-"Assessment Management" uze uklikhe ku-"FET Assessment".
- Klikha ku-"Downloads" ngasekhohlo.
- Klikha kwifolda engu-"2017 NSC Examination Guidelines" folder.
|
6. |
Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi beBakala 12 ukuze bayithathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:12
|
 |