1. Ukwenjenje kukwazisa ukuba ukubhalisa ngekhompyutha ukwenzela ukumakishwa kwakhona, ukutshekishwa kwakhona nokubonwa kweencwadi zeempendulo, konke oku kuyafumaneka kwiziko lewebhu www.eservices.gov.za. Abaviwa abangenaso isazisi esiyi-ID saseMzantsi Afrika mabafake iifom zesicelo ngokwabo kuNdlunkulu eKapa. Ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu kunokungenwa kwiziko lewebhu (http://wcedonline.westerncape.gov.za) leSebe leMfundo leNtshona Koloni (leWCED).

2. Ukumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo
2.1 Izicelo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo, nemali emiselweyo eyi-R98,00 ngesifundo ngasinye mayifike eWCED ngomhla okanye phambi komhla wokuvala kokwamkelwa kwezicelo. Akukho sicelo sokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo kuya kunikwa ingqwalaselo ngaphandle kokuba isixamali esimiselweyo sihamba nesicelo eso lingadlulanga ithuba lexesha elikhankanyiweyo.
2.2 Umhla wokuvala wokwamkelwa kwezicelo zokumakishwa kwakhona kwamaphepha eempendulo angoNovemba 2017 ngowe-19 Januwari 2018.
2.3 Umviwa ngamnye uya kwaziswa ngesiphumo okanye ngokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo phambi kowe-31 Matshi 2018.

3. Ukutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo
3.1 Bavumelekile abaviwa ukuba benze izicelo zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zabo ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa aza amanqaku adityaniswa afakwa ngokuchanekileyo.
3.2 Isicelo sokuba iincwadi zeempendulo mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku eziyi-14 zokupapashwa kweziphumo. Intlawulo yi-R23.00 ngesifundo ngasinye yaye ayibuyiselwa (non-refundable).
3.3 Abenzi-sicelo baya kwaziswa ngencwadi ebhaliweyo ngeziphumo zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo. Apho kufanelekileyo, kuya kukhutshwa iNgxelo yeZiphumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results).

4. Ukubonwa kweencwadi zeempendulo
4.1 Ukuba abanelisekanga sisiphumo sokumakishwa kwakhona, kweencwadi zeempendulo, abaviwa banokufaka izicelo zokuzibona iincwadi zeempendulo zabo ngentlawulo eyi-R192.00 isifundo ngasinye. Le ntlawulo ayibuyiswa.
4.2 Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika isizathu (izizathu) esicacileyo sokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku eziyi-14 zokupapashwa kweziphumo ngokusemthethweni. Akukho zicelo ziya kuthathelwa ingqalelo emva kwaloo mhla.
4.3 Umviwa kunye/okanye umzali wakhe (abazali bakhe) okanye umgcini wakhe uya kuvunyelwa ukuba ayibone incwadi yeempendulo (iincwadi zeempendulo) yomfundi echaphazelekayo yaye unako ukufaka isikhalazo lingadlulanga ithuba lexesha leentsuku ezisixhenxe ukuba akakade abe wanelisekile ziziphumo zakhe. IWCED iya kuthi emva koko ithathe isigqibo sokugqibela ngokumalunga neziphumo.

5. Ukubuyiswa kwentlawulo yokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo
5.1 Iintlawulo ebezihlawuliwe zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zaso nasiphi na isifundo, ziya kubuyiswa ukuba, ngenxa yokumakishwa kwakhona kwazo, umviwa lowo:

  1. uyasipasa isifundo okanye izifundo ebezitshonile kuqala; okanye

  2. uzuza amanqaku aphucula iziphumo kwisifundo ubuncinane ngenqanaba elinye.
5.2 Ukubuyiselwa kweentlawulo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo kuya kwenziwa kwakuba nje kugqitywe inkqubo yokumakishwa kwakhona kwazo zonke izifundo.
5.3 Kubaluleke gqitha, ke ngoko, ukuba irisithi ekhutshwe njengobungqina bentlawulo yemali yokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo, igcinwe kwindawo enqatyisiweyo.
5.4 Kwimeko apho kufuneka kubuyiselwe intlawulo, kufunwa ifom yeBAS yentsusa enokukhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu leWCED yaye inokuthunyelwa ngeposi okanye isiwe ubuqu eWCED ukuze ifumane ukuqwalaselwa.

6. Izicelo
6.1 Abaviwa abanesazisi i-ID esemthethweni yaseMzantsi Afrika:

Isicelo sokumakishwa kwakhona okanye ukutshekishwa kwakhona masenziwe kusetyenziswa inkonzo yokubhalisa kwikhompyutha apha www.eservices.gov.za.

6.2 Abaviwa abangenaso isazisi i-ID esemthethweni yaseMzantsi Afrika:

Isicelo masingeniswe kuNdlunkulu weWCED eKapa (kwiCandelo laBenzelwa iiNkonzo, kumgangatho wesibini, eGrand Central Towers) ukwenzela ukuba sibe nokuqwalaselwa nguMnu Mark Cameron.

Ukuba isicelo siza kuthunyelwa ngeposi makusetyenziswe le dilesi ilandelayo:

Head: Education
Attention: Mr Mark Cameron
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8001

6.3 Imali zokumakishwa kwakhona, ukutshekishwa kwakhona nokubonwa kweencwadi zeempendulo zinokuhlawulwa ngqo kwi-akhawunti yebhanki yaseWCED (makujongwe iinkcukacha kwifom yokwenza isicelo kwicala lasekunene eliphezulu kwifom).

7. Imibuzo

Iifom zinokukhutshelwa kwiziko lewebhu leWCED okanye zicelwe kwezi nombolo zoqhagamshelwano zilandelayo:

021 467 2952: N Kanase
021 467 2459: K Darvel
021 467 2591: C Theunissen

Iziko lewebhu le WCED: http://wcedonline.westerncape.gov.za



ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2018:01:02