Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20171101-6429
13/3/2
IMIBUZO:   M Combrink    IFONI:   021 467 2626  IFEKSI:   021 467 9370

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOVAVANYO:  0020/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KUMASEKELA BALAWULI, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO YEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZIFUNDO, NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAFUNDI IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE


 

UKUNIKEZWA OKUNYANZELEKILEYO KWAMAXWEBHU OKUZAZISA XA KUBHALISELWA IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE ZIKA-2018


1. Kufikelele kwingqwalaselo yeSebe leMfundo esiSiseko likazwelonke ukuba inani elininzi labafundi ababebhalisele iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC) zika-2016 abazange babe nako ukuveza amaxwebhu asemthethweni kunye/okanye iipasipothi.

2. Ukususela ngoJanuwari 2018, uya kunyanzeleka umfundi obhalisela iimviwo zeNSC ukuba aveze amaxwebhu okuzazisa akhe asemthethweni. Ukungawavezi la maxwebhu kuya kukhokelela ekubeni abafundi bangabi nako ukubhaliselwa iimviwo zeNSC zika-2018.
2.1 Abemi baseMzantsi Afrika mabaveze iNcwadi-sazisi yaseMzantsi Afrika (ID) okanye isazisi sekhadi esiyi-Smart ID Card.
2.2 Abemi bamanye amazwe (immigrants) (abemi abangengabo abaseMzantsi Afrika) mabaveze ipasipothi kunye nepemithi yokufunda esemthethweni.
2.3 Abakweli ukuzokufuna igwiba lezokhuseleko (asylum seekers) mabaveze amaxwebhu achaphazelekayo asuka kwiSebe leMicimbi yeKhaya ahamba nepemithi yokufunda.

3. Kucelwa iinqununu ukuba zazise bonke abafundi abakwiBakala 11 ukwenzela ukuba abo bangenawo amaxwebhu afunekayo aseburhulumenteni, babe nako ukuwafumana kwiinyanga ezimbalwa ezizayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:11:10


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe