1. Niyaziswa ukuba zonke izicelo zokumakishwa kwakhona, nokutshekishwa kwakhona nokubonwa kweencwadi zeempendulo zinokwenziwa nge posi uzithumele kule dilesi ingezantsi okanye kwiziko lewebhu WCED (http://wcedonline.pgwc.gov.za). Iintlawulo nazo zinokwenziwa ngekhompyutha kusetyenziswa ii-EFT transfer. Ubungqina bentlawulo kwakunye namaxwebhu azaliswe ngokupheleleyo, mawathunyelwe apha: Exam.Marking@westerncape.gov.za maziye ku Mnu Mark Cameron.

2. UKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO (SCRIPTS)

Iincwadi zeempendulo zabaviwa zinokumakishwa kwakhona kwezi meko zilandelayo:

2.1 Umviwa oye watshona isifundo esinye okanye ezingaphezulu koko kwiiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, usenokucela ukuba i(ii)ncwadi yakhe yeempendulo kweso sifundo imakishwe kwakhona.
2.2 Umviwa ophumelele iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, kodwa akaphumelela kwisifundo esinye okanye ezingaphezulu koko, ukufika kumgangatho oyimfuneko ukulungiselela injongo ethile (umz. ukufumana isatifikethi sematriki sokudlulela phambili(matriculation endorsement), ibhasari okanye imfuno emiselweyo eyodwa eyimfuneko yeziko lemfundo ephakamileyo (tertiary institution), unokuthi, ngemvume

yeSebe leMfundo acele ukumakishelwa kwakhona incwadi yeempendulo (iincwadi zeempendulo) kweso sifundo (kwezo zifundo) silolu hlobo. ISIZATHU sokucela ukumakishwa kwakhona masibhalwe kuxwebhu lwephepha olwahlukileyo yaye masihambe kunye nesicelo eso. Izicelo ezingahambi nezizathu esele zikhankanywe apha ngentla aziyi kuqwalaselwa. (Qaphela ukuba iSebe leMfundo liya kukuvuma ukumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo kwisifundo apho umviwa aye akaphumelela ukuzuza i-40%, kuphela ngenjongo yokufumana isatifikethi sematriki sokudlulela phambili (matriculation endorsement) kunye/okanye xa umba ophambili ikukuba makafumane ibhasari).

2.3 IZICELO ZOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO, KUNYE NENTLAWULO EMISELWEYO EYI-R92.00 NGESIFUNDO NGASINYE, MAZIFIKE KWISEBE LEMFUNDO PHAMBI OKANYE UNGADLULANGA UMHLA WOKUVALA UKUFAKA IZICELO. AKUKHO SICELO SOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO SIYA KUQWALASELWA NGAPHANDLE KOKUBA ISIXA-MALI ESIMISELWEYO SIHAMBA NESICELO ESO YAYE SIFIKA NGETHUBA ELIMISELWEYO.
2.4 Umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zeemviwo zangoNovemba 2016 ngumhla we 19 Januwari 2017.
2.5 Umviwa ngamnye uya kwaziswa ngeziphumo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zakhe phambi kwe-31 Matshi 2017

3. UKUTSHEKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
3.1 Abaviwa bayavunyelwa okokuba benze izicelo zokuba iincwadi zeempendulo zabo zitshekishwe kwakhona ukuqinisekisa ukuba zonke iimpendulo zamakishwa aza amanqaku adityaniswa yaye alungiswa ngokuchanekileyo.
3.2 Isicelo sokuba iincwadi zeempendulo mazitshekishwe kwakhona masenziwe zingadlulanga iintsuku ezilishumi elinesine (14) zokupapashwa kweziphumo. Intlawulo yi-R21.00 ngesifundo ngasinye yaye ayibuyiswa.
3.3 Abenzi-zicelo baya kwaziswa ngeleta ngeziphumo zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zabo. Apho kufanelekileyo, kuya kukhutshwa iNgxelo yeZiphumo efakelwe izilungiso (amended Advice of Results).

4. UKUBONWA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
4.1 Ukuba abaviwa abanelisekanga sisiphumo sokumakishwa nokutshekishwa kwakhona, banokuzibona iincwadi zeempendulo zabo ngentlawulo eyi-R180.00 isifundo ngasinye. Le ntlawulo ayibuyiswa.
4.2 Makungeniswe isicelo esibhaliweyo, esinika isizathu (izizathu) esicacileyo sokwenziwa kwesicelo eso, kwiNtloko yeSebe leMfundo zingadlulanga iintsuku ezilishumi elinesine (14) zokupapashwa kweziphumo ngokusemthethweni. Akukho zicelo ziya kuthathelwa ingqalelo emva kwalo mhla.
4.3 Umviwa kunye/okanye umzali wakhe (abazali bakhe) okanye umgcini wakhe uya kuvunyelwa ukuba ayibone incwadi yeempendulo (iincwadi zeempendulo) yomfundi echaphazelekayo yaye unako, ukufaka isikhalazo (sokungawe ziziphumo ezo) zingadlulanga iintsuku ezisixhenxe (7). ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuthi emva koko lithathe isigqibo sokugqibela ngokumalunga neziphumo.

5. UKUBUYISWA KWENTLAWULO YOKUMAKISHWA KWAKHONA KWEENCWADI ZEEMPENDULO
5.1 Iintlawulo ebezihlawuliwe zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zaso nasiphi na isifundo, ziya kubuyiswa ukuba, ngenxa yokumakishwa kwakhona kwazo, umviwa lowo:

  1. uyasipasa isifundo okanye izifundo ebezitshonile kuqala.

  2. uzuza amanqaku aphucula iziphumo kwisifundo eso ubuncinane ngenqanaba elinye.
5.2 Ukubuyiselwa kweentlawulo zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo kuya kwenziwa kwakuba nje kugqitywe inkqubo yokumakishwa kwakhona kwazo zonke izifundo.
5.3 Ngako oko, kubaluleke gqitha ukuba irisithi ekhutshwe njengobungqina bentlawulo yeefizi zokumakishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo, igcinwe kwindawo enqatyisiweyo.
5.4 Kwimeko apho kufuneka kubuyiselwe intlawulo, kufunwa ifom yeBAS eyintsusa enokukhutshelwa (downloaded) kwiziko lewebhu leSebe iWCED yaye mayithunyelwe kwiSebe ngeposi ukuze iqwalaselwe.

6. IZICELO
6.1 Isicelo sokumakishwa kwakhona, okanye sokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo masenziwe kwifom emiselweyo. Makungeniswe iifom ezahlukeneyo zokumakishwa kwakhona okanye zokutshekishwa kwakhona kweencwadi zeempendulo zoviwo. Izicelo zingangeniswa kuNdlunkulu weSebe leMfundo iWCED (kwiCandelo laBenzelwa iiNkonzo, kuMgangatho 2) (Client Service Division, 2nd Floor), okanye zi emamelwe kule dilesi: Exam.Marking@westerncape.gov.za

okanye zithunyelwe ngeposi kule dilesi ilandelayo:
Head: Education
Attention: Mnu Mark Cameron
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000

6.2 Iintlawulo zokumakishwa kwakhona, ukutshekishwa kwakhona nokubonwa kweencwadi zeempendulo, zinokuhlawulwa ngqo kwi-akhawunti yebhanki yeSebe (makujongwe iinkcukacha kwifom yokwenza isicelo kwicala lasekunene eliphezulu kwifom).

7. IMIBUZO

Iifom zingacelwa kwezi nombolo needilesi zoqhagamshelwano zilandelayo, okanye zikhutshelwe (downloaded) kwiziko lewebhu leSebe iWCED:

021 467 2952: N. Kanase
021 467 2459: K. Darvel
021 467 2591: C. Theunissen



ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:01:17

"NSC 2016 Re-mark/Re-check form"  (ubukhulu: 60 KB)
"ABET L4 Re-mark/Re-check form"  (ubukhulu: 61 KB)