1. IBhunga laBaphathiswa bezeMfundo (Council of Education Ministers (CEM)) likuvumile ukudityaniswa koviwo lokuxabangela lwe-National Senior Certificate (NSC) noviwo lwe-Senior Certificate (SC), yaye oko kuqala ukusebenza ngo-2019.

2. Oku kuthetha ukuba ukususela ngo-2018, abafundi beBakala 12 ababhala uviwo lwe-National Senior Certificate (NSC) ngoNovemba 2018, nabakufaneleyo ukubhala uviwo lokuxabangela ngoFebruwari/Matshi 2019, baya kubhala uviwo olulingana noviwo lokuxabangela (equivalent of the supplementary examination) ngoJuni 2019.

3. Eyona njongo iphambili yoviwo lokuxabangela kukunikwa kwabafundi abasemngciphekweni abashota ngesifundo esinye okanye ezibini, ithuba lokuba bangene kwimfundo ephakamileyo okanye kumsebenzi othile (specific occupation), okanye banikwe ithuba lesibini.

4. Imiba eqatshelweyo ngokumalunga noviwo lokuxabangela kule minyaka imbalwa idlulileyo ibe yile ilandelayo:

  1. Ithuba elincinci abafundi abanalo eliphakathi kokuqala kukaJanuwari naphakathi kuFebruwari lokulungiselela uviwo lokuxabangela, alanelanga yaye ke ngoko umgangatho wokupasa kwabo kwiimviwo zokuxabangela ubusoloko uphantsi kakhulu.

  2. Inani elikhulu labafundi - neliphezulu kangange-50% kwisifundo ngasinye, abafiki ukuza kubhala iimviwo. Oku kubangela inkcitho ephezulu neyilahleko, xa kuqwalaselwe ubungakanani bezibonelelo ezisetyenziswayo ukulungiselela ezi mviwo.
5. Izinto ezilungileyo ngokudityaniswa koviwo lokuxabangela noviwo lwangoJuni zezi zilandelayo:

  1. Abafundi baya kuba nexesha elininzi lokulungiselela iimviwo zikaJuni. Oku kuya kulungiselela ukuphuculwa komgangatho wokupasa kwabo yaye kuya kunciphisa nepesenti yabafundi abangafikiyo ukuza kubhala iimviwo.

  2. Uviwo lweMatriki lwangoMeyi/Juni luya kubanika abafundi imvume engenamiqathango "open access" kuba, kuya kuba kungekho zithintelo ekubhaleni iimviwo zangoJuni, njengoko kunjalo kuviwo lokuxabangela lwangoku. Ngako oko, abafundi abangaphumelelanga ukuzifezekisa iimfuno ezimiselweyo kuviwo lwangoNovemba, kwakunye nabo bafundi bapasileyo kodwa bafuna ukuphucula umgangatho wezifundo zabo, banokubhalisela ukubhala uviwo lwangoJuni.
6. Ziyacelwa iinqununu zazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane bonke abafundi beBakala 11 bangoku abaya kuchatshazelwa yile nkqubo yalo mgaqo mtsha ngo-2019 ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVANYO
UMHLA: 2017:10:10