1. Ukuqinisekiswa komgangatho, ukuphathwa nokulawulwa ngendlela eyiyo kweenkqubo zeemviwo kubaluleke kakhulu kuwo onke amanqanaba nakuwo onke amaziko ekuqinisekiseni ukuthembeka nokunyaniseka kweziphumo zeemviwo. Oku kuquka utyelelo olungayi kwaziswa kwangaphambili kumaziko okubhalela uviwo kwanokuba iinqununu/abaphathi bamaziko bavume uxanduva lokuphendula ngazo zonke iimviwo eziqhubekela ezikolweni zabo.

2. Ukubekwa esweni kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), ezeMfundo noQeqesho lwaBadala (AET) ku-Level 4 kunye nezeSatifikethi seMatriki (SC)
2.1 Abameli abavela kula maqumrhu mane alandelayo baya kubeka esweni iinkqubo zeemviwo kumagumbi okubhalela iimviwo:

  1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) — abaphathi beesekethe namagosa avela kumaCandelo oCwangciso loLawulo nokuPhathwa kwamaZiko, awokuQinisekisa umGangatho namagosa eCandelo loLawulo oluyiNtloko lweeMviwo noVavanyo aya kutshekisha ukuba ngaba iinkqubo zeemviwo ziqhutywa ngendlela eyiyo na
  2. IBhunga lokuQinisekisa umGangatho kwiMfundo ngokuBanzi nakwiMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Council for Quality Assurance in General and Further Education and Training) (Umalusi)
  3. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (i-DBE)
  4. ISebe leMfundo ePhakamileyo noQeqesho likazwelonke (i-DHET).
2.2 Kuqeshwe ngokukodwa ababeki-liso abavela ku-Umalusi, kwi-DBE nakwi-DHET ukulungiselela le njongo yaye akusayi kuba yimfuneko ukuba bakhatshwe ngamagosa eWCED xa betyelela amaziko okubhalela iimviwo.
2.3 Akusayi kuba yimfuneko ukuba abaphathi beesekethe baphelele ekubekeni esweni iimviwo kwiisekethe zabo kuphela.
2.4 Bonke ababeki-liso (monitors) abavela kwiWCED, ku-Umalusi, kwi-DBE nakwi-DHET baya kuba nezazisi zabo kunye neeleta ezingqina ukuqeshwa kwabo njengababeki-liso abaya kutshekisha zonke iinkqubo zeemviwo, umzekelo, ukukhutshwa kwamaphepha emibuzo kwisefu/kwigumbi elinqatyisiweyo, ukugcinwa ngokukhuselekileyo nangokunqatyisiweyo kwamaphepha eemviwo kwisefu/kwigumbi elinqatyisiweyo, ukubhalwa kanye kanye kweemviwo kwiindawo zokubhalela iimviwo kwanenkqubo yokugada abaviwa.
2.5 Ababeki-liso baceliwe ukuba banike ingxelo kwi-ofisi yentloko yeziko xa befika kwakhona naxa behamba. Kucelwa iintloko zamaziko ukuba zisayinele isixhobo sokubeka esweni iinkqubo zeemviwo (monitoring instrument) kwanokuqinisekisa ukuba umbeki-liso (monitor) uyayisayina iRejista yaBabeki-liso (Register for Monitors).
2.6 Isixhobo sokubeka esweni iinkqubo zeemviwo (IsiHlomelo A) siya kusetyenziswa ngamagosa eWCED ukubeka esweni ukubhalwa kweemviwo.

3. Ulawulo lweziphazamiso ezingachaphazela iimviwo ze-NSC, eze-AET Level 4 neze-SC
3.1 Lo gama kungalindeleke luphazamiseko lokubhalwa kwazo naziphi iimviwo, kubalulekile ukuba kwenziwe isicwangciso esiphangaleleyo solawulo lophazamiseko olusengachaphazela iimviwo, oko kusenziwa liziko ngalinye ukuze kujongwane nalo naluphi na uphazamiseko olusengachaphazela ukulawulwa nokuqhutywa kwezi mviwo.
3.2 Kwimeko yokusaba (evacuation), umphathi wesekethe okanye umlawuli wesithili makaziswe ngesehlo eso ngoko nangoko. Umphathi wesekethe okanye elinye igosa elityunjiweyo elivela kwi-ofisi yesithili liya kwenza iinzame zokutyelela isikolo ngoko nangoko ukuze kungqinisiswe iinkqubo eziya kulandelwa sisikolo. Igosa elityunjiweyo elivela kwi-ofisi yesithili malibeke esweni imeko ngeliso lokhozi ukususela kwixesha elo lifika ngalo esikolweni.
3.3 Ukungayenzi inkqubo yamalungiselelo okusaba kwisakhiwo ngokweenkqubo ezimiselweyo kuya kudala isikrokro kwintembeko yoviwo yaye oko kungakhokelela ekwenziweni kwamanye amalungiselelo, anjengokutshintshela uviwo komnye umhla wakamva.
3.4 Iinqununu/abaphathi beesekethe mabazise abaviwa ngezicwangciso zeziko zokulungiselela ukusaba kungekehli (institution’s contingency plan for evacuation) (IsiHlomelo B) nangeziphumo ezixhomis’ amehlo ukuba ngaba loo nkqubo yokusaba kwisakhiwo ayenziwanga ngokomgaqo-nkqubo.
3.5 Xa kunokuthi kwenzeke kwimeko engalindelekanga ukuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo kunyanzeleke ukuba malubhalwe kwakhona, iWCED iya kwazisa zonke iinqununu/abaphathi bamaziko ngoko nangoko emveni kokuba kwenziwe eso sigqibo.
3.6 Iinqununu/abaphathi bamaziko mabasebenzise olu luhlu lokutshekisha lukhaphayo (IsiHlomelo C) njengesikhokelo sokubanceda bona ekuqapheleni iziphazamiso ezingachaphazela ukuqhutywa ngendlela eyiyo kweemviwo kwanokwenza isicwangciso sabo sokujongana ngokufanelekileyo nophazamiseko olungachaphazela iimviwo.

4. Ukuba kukho nayiphi intandabuzo ngokuzazisa komntu oze ngenjongo yokubeka esweni uviwo, ngalo naluphi na uphazamiseko lwenkqubo yeemviwo okanye ukuvulwa kwephepha lemibuzo elingachanekanga, inqununu/umphathi wesekethe makakuxele oko ngoko nangoko komnye wala magosa eWCED alandelayo:

Chief Education Specialist, Mr J Parbhoo at 021 467 2572
Director: Assessment Management, Mr HJ Swart at 021 467 2057
Director: Examinations Administration, Mr AP Clausen at 021 467 2945
Chief Director, Ms T Singh at 021 467 2541


5. IWCED ivakalisa iminqweno emihle kwiinqununu/kubaphathi bamaziko ngokumalunga nolawulo lweemviwo ezizayo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:10:10

IsiHlomelo A: "Monitoring instrument 2017"  (ubukhulu: 87 KB)
IsiHlomelo B: Isicwangciso sokusingatha okungekehli okumalunga neemeko zezongxamiseko  (ubukhulu: 54 KB)
IsiHlomelo C: UluHlu lokuTshekisha uLawulo lokuNgaziziphazamiso kwiimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ezeMfundo noQeqesho lwaBadala u-Level 4 kunye nezeSatifikethi seMatriki  (ubukhulu: 63 KB)