1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye nemimiselo ii-Regulations pertaining to the National Curriculum Statement Grades R-12, the Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate examination and the Policy pertaining to the Programme and Promotion Requirements of the National Curriculum Statement Grades R-12, njengoko zifakelwe izilungiso kwiGazethi kaRhulumente, Vol 618 No 40472, yomhla we-02 Disemba 2016.

2. Iimfuno zokupasa zabafundi bamaBakala 10 ukuya ku-12
2.1 Abafundi abakumaBakala 10 ukuya ku-12 baya kupasa ukuba:

  1. balwenzile balugqiba uvavanyo oluqhubekela esikolweni (school-based assessment) (SBA), imisebenzi yovavanyo lwe-orali, imisebenzi yovavanyo yepraktikhali (practical assessment tasks) (PATs) nokuphumeza iimfuno zoviwo lokuphela konyaka kwizifundo ezingekho nganeno kwisixhenxe; kunye
  2. nokupasa ngo-40% kwizifundo ezithathu, esinye sazo ilulwimi lwaseburhulumenteni kwinqanaba loLwimi lweeNkobe (Home Language) (HL), kunye no-30% kwizifundo ezithathu, phantsi kwemfuno yokuba icandelo le-SBA lifakwa kwisifundo sesixhenxe.
3. Ukudlulela kwibakala elilandelayo nokugcinwa kwabafundi kwibakala elo
3.1 Umfundi unokugcinwa kube kanye kuphela kwisigaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET) ukuthintela ukuba umfundi agcinwe kwesi sigaba iminyaka engaphezulu kwemine. Oku kuya kusetyenziswa kuphela kwiimeko apho eso sigqibo sithathwa njengokufezekisa ezona mfuno zingcono zabafundi zokubadlulisela kwibakala elilandelayo.
3.2 Kuthathelwa ingqalelo oku, ukudlulela kwibakala elilandelayo kwabafundi ukuya kwiBakala 11 okanye kwiBakala 12, kuxhomekeke kwezi khrayitheriya zilandelayo:

  1. Umfundi kufuneka abe kanti ebelitshonile iBakala 10 okanye iBakala 11, waza waliphinda kwakhona iBakala 10 okanye iBakala 11.
  2. Umfundi kufuneka apase ngo-30% izifundo zibe ne kwizifundo ezisixhenxe ezenziwa kwiSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (NSC), kuqukwa uLwimi lokuFunda nokuFundisa (LoLT) kwakunye nezinye izifundo ezisuka kuMaqela A kunye/okanye B kuqukwa noLwazi ngezoBomi (Life Orientation).
  3. Umfundi kufuneka kuthi kanti ebesihamba isikolo rhoqo yonke imihla. Ukungasihambi isikolo kude kugqithise kwiintsuku zokufundisa eziyi-20, ngaphandle kwesizathu esibambekayo, kuya kumthintela umfundi ekubeni abe nokudlulela kwibakala elilandelayo. Oku kuthathwa njengokuhamba isikolo kakubi.
  4. Umfundi kufuneka ahambelane mbo neemfuno ezimiselweyo ze-SBA zazo zonke izifundo ezenziwayo, kuqukwa nezifundo ezingapaswanga.
3.3 Makulandelwe le nkqubo ilandelayo sisikolo ukuqiniseka ukuba ngaba umfundi kufuneka agcinwe kwiSigaba seFET okanye makadluliselwe kwibakala elilandelayo:

  1. Isikolo masibambe intlanganiso eyodwa yootitshala besifundo abachaphazelekayo ukuhlola umfundi ngokubanzi ongakwazanga kuzifezekisa iimfuno zokupasa amaxesha amaninzi kwiBakala 10 okanye kwiBakala 11.
  2. Ukuba kubekho ukuvumelana phakathi kwabo bonke ootitshala bezifundo ngethuba lentlanganiso yokupasisa kwanokudlulisela umfundi kwibakala elilandelayo umfundi lowo makagcinwe kwibakala akulo, emva koko makubanjwe intlanganiso nomzali/nomgcini ngenjongo yokuba acaciselwe ngononophelo nangokuthe gca sisikolo kwaze oko kwaqondwa ngumzali/ngumgcini phambi kokuba bayinikwe iripoti yesikolo yomfundi.
  3. Isigqibo esisuka entlanganisweni masibhalwe kwiripoti elikhadi yomfundi.
3.4 Umzali/umgcini unelungelo lokubhena kwisigqibo sokugqibela esenziwe sisikolo sokumdlulisela kwibakala elilandelayo okanye sokumgcina kwibakala akulo umfundi. Abazali/abagcini mabalandele le nkqubo ilandelayo:

  1. Umzali/umgcini makangenise isicelo esiyincwadi ebhaliweyo, zingadlulanga iintsuku ezintathu emva kokuvulwa kwezikolo ngokusesikweni, eya kwinqununu yesikolo echaza izizathu zokuba ngani inkqubo yokudlulisela umfundi kwibakala elilandelayo okanye isigqibo sokumgcina kwibakala akulo sicelwa umngeni nje.
  2. INtloko yeSebe leMfundo (HoD) okanye igosa elingummeli wakhe liya kwenza isigqibo sokugqibela ngokumalunga noku zingadlulanga iintsuku zomsebenzi eziyi-14 zokufunyanwa kwesicelo sokwenza isibheno.
  3. Uxanduva lushiyeka nomzali/nomgcini njengeqela elifaka isibheno ukubonisa ukuba kungani isigqibo sokudluliselwa kwibakala elilandelayo okanye ukugcinwa komfundi kwibakala akulo kufuneka siguqulwe nje.
3.5 Izithili nezikolo mazibe nezicwangciso zongenelelo ngoncedo ezicaciswe gca eziquka ukuqatshelwa kwangethuba kwabafundi abangaqhubi kakuhle okanye abafundi abasemngciphekweni ukwenzela ukuba isikolo, isithili kunye nephondo libe nako ukwenza kwanokunika amathuba okufunda ongezelelweyo. Abafundi abaphinda iBakala 10 okanye iBakala 11 mabafumane inkxaso eyongezelelweyo efanelekileyo.
3.6 Inkqubo yokudlulela kumabakala alandelayo kwabafundi beBakala 10 no-11 ayiniki ngqinisekiso yokupasa kwakhe isatifikethi sokuphela konyaka somfundi kwiBakala 12. Loo mfundi makathobele iimfuno zesatifikethi eziya kumnika ingcaciso emalunga nokupasa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke.

4. IThuba loKuhlalela uViwo lweXesha eLingaphezu koNyaka (Multiple Examination Opportunity) (MEO) labafundi abakwiBakala 12 abadluliselweyo
4.1 Malunga nenkqubo enokukhethwa eyi-MOE, abafundi abadluliselwe kwibakala elilandelayo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12, banako ukukhetha ukubhala izifundo zozithandathu okanye ezinganeno kwiphakheji yezifundo ezithandathu kuviwo lwangoNovemba 2017 baze babhale izifundo ezishiyekileyo kuviwo lukaJuni 2018.
4.2 Indlela abaqhuba ngayo abafundi abadluliselwe kwibakala elilandelayo mayibekwe esweni kunyaka weBakala 12, yaye ngokusekelwe kwinkqubo yothetha-thethwano nabazali/nabagcini, abafundi baya kuvunyelwa babhale uviwo kwizifundo ezine (kuqukwa noLwazi ngezoBomi) ngo-2017 zize zona izifundo ezishiyekileyo zibhalwe kuviwo lukaJuni 2018.
4.3 Ukuze kuqinisekiswe ukwenziwa kwezinto ngendlela eyondeleleneyo kusetyenziso lwenkqubo enokukhethwa ye-MEO, umfundi okhetha le nkqubo inokukhethwa makathobele ezi khrayitheriya zilandelayo:

Umfundi kufuneka –

  1. adluliselwe kwibakala elilandelayo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12;
  2. abe ngozisalise zonke iimfuno zenkqubo ye-SBA zakhe kuzo zosixhenxe izifundo;
  3. abe ngobesihamba isikolo yonke imihla (ukungasihambi isikolo kude kugqithise kwiintsuku zokufundisa eziyi-20, kungekho sizathu sivokothekileyo, kuya kumthintela (disqualify) umfundi ekudluliselweni kwibakala elilandelayo. Oku kuthathwa njengokuhamba kakubi isikolo);
  4. kuthi kanti wayezibhalile iimviwo zikaSeptemba 2017 kuzo zonke izifundo; kwaye
  5. akapasanga ubuncinane bezifundo ezithathu kwiimviwo zikaSeptemba 2017.
5. Iinqununu maziqinisekise ukuba umzali womfundi/umgcini olandela inkqubo enokukhethwa ye-MEO wenza isicelo ngokubhaliweyo ngokuzalisa isiHlomelo A esihamba nale ngcaciso imfutshane. Oku makubuyiselwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ukuze kufumane ingqwalaselo kaNksk C Abrahams phambi okanye ngomhla we-19 Oktobha 2017.

6. Kucelwa uqaphele ukuba inkqubo enokukhethwa eyi-MEO isebenza kuphela kubafundi abadluliselwe kwibakala elilandelayo ukusuka kwiBakala 11 ukuya kwiBakala 12.

7. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 12, abafundi kunye nabazali/nabagcini esikolweni okuso ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
NGUSEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:10:10

IsiHlomelo A: "Application for Multiple Examinations Opportunity (MEO)"  (ubukhulu: 54 KB)