1. ISebe leMfundo esiSiseko likazwelonke (iDBE) linqwenela ukutsalela ingqwalaselo kwiinkqubo nesikhokelo emazithotyelwe xa kuqhutywa iimviwo zokugqibela zepraktikhali kwi-Computer Applications Technology (CAT) ne-Information Technology (IT).

2. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye ne-Annexure G of the Regulations pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate (efakelwe izilungiso), epapashwe kwiGazethi kaRhulumente No. 31337 ye-29 Agasti 2008.

3. Ootitshala nezikolo mabangqinisise ukuba i-software tools abazisebenzisayo ukufundisa i-CAT ne-IT zithobela ikhontenti nezakhono ezidweliswe kwiNkcazelo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement) (CAPS) lwe-CAT ne-IT. Akusayi kulungelelaniswa amaphepha emibuzo ukuze angqinelane nezixhobo ze-software ezingayithobeliyo i-CAPS.

4. Uviwo lweCAT ngoNovemba 2017 lubonelela ngezi phakheji ze-software zilandelayo:

  1. Iinguqulelo ezintathu zakutshanje ze-Microsoft Office ziya kuvumeleka — i-MS Office 2010, i-MS Office 2013 kwane-MS Office 2016 (nekwaziwa ngokuba yi-MS Office 365)
  2. I-HTML editor, umz. i-Notepad ++ engokwenziwa kwamakhasi ewebhu
5. Uviwo lwe-IT ngoNovemba 2017 lunika abafundi iifayili eziya kusetyenziswa kwakunye nezi phakheji ze-software zilandelayo:

  1. i-Delphi
  2. i-Delphi 2010 nangaphezulu
  3. i-MS Access 2010 nangaphezulu
6. Zonke izikolo ezifundisa i-CAT kunye/okanye i-IT ziya kuphicothwa ngabacebisi bezifundo.

7. Ziiseshoni ezimbini ubuninzi ezivumelekileyo ngosuku lokubhalwa koviwo. Kucetyiswa la maxesha asikiweyo alandelayo ngezi seshoni ngokulandelelanayo:

  1. ISESHONI ENYE
INKCAZO IXESHA ELABIWEYO IXESHA
Bahleli kwilabhoretri yeekhompyutha   08:30 – 08:35
Ukunika i-access cards, inkqubo yokuloga nokunika ifolda elinye igama Yi-15 yemizuzu 08:35 – 08:50
Lixxesha lokufunda iphepha lemibuzo Yi-10 yemizuzu 08:50 – 09:00
IPhepha 1 (iPraktikhali) Yi-3 yeeyure 09:00 – 12:00
Kugqityezelwa ukutshekisha, ukufumana kwakhona iifolda (retrieve folders), seyiva kwiiCD/kwiiDVD Yi-120 yemizuzu (kuxhomekeke kwinani labaviwa) 12:00 – 14:00
  1. IISESHONI EZIMBINI
INKCAZO IXESHA ELABIWEYO UBUDE BESESHONI YOKUQALA UBUDE BESESHONI YESIBINI
Bahleli kwilabhoretri yeekhompyutha   07:30 – 07:35 13:00 – 13:05
Ukunika i-access cards, inkqubo yokuloga nokunika ifolda elinye igama Yi-15 yemizuzu 07:35 – 07:50 13:05 – 13:20
Lixesha lokufunda iphepha lemibuzo Yi-10 yemizuzu 07:50 – 08:00 13:20 – 13:30
IPhepha 1 (iPraktikhali) Yi-3 yeeyure 08:00 – 11:00 13:30 – 16:30
Gqibezela ukutshekisha, ukufumana kwakhona iifolda (retrieve folders), seyiva kwiiCD/kwiiDVD Yi-120 yemizuzu (kuxhomekeke kwinani labaviwa) 11:00 – 13:00 16:30 – 18:30
8. Apho kukho iiseshoni ezimbini, abaviwa nabazali babo KUFUNEKA baziswe ngencwadi ebhaliweyo ngala malungiselelo. Abaviwa beseshoni yesibini mabaripote kwiyure phambi kokuphela kweseshoni yokuqala.

9. Akuvumelekile ukuba abaviwa baphume kwigumbi lokubhalela uviwo kude kube kugqitywe zonke iinkqubo zolawulo eziphathelele ekuqhutyweni koviwo lwepraktikhali.

10. Kukhunjuzwa izikolo ngale misebenzi yabagadi babaviwa abaziintloko, ootitshala kunye nabaviwa:
10.1 Phambi kokuqala koviwo lwepraktikhali, umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba bonke abaviwa:

  1. bawanikiwe amakhadi abo azii-access cards yaye babekwa kwiikhompyutha nakanjani na (randomly), bakuba bengenile kwigumbi lokubhalela uviwo;
  2. bayachazelwa inkqubo yokuloga bangene kwakunye nokunika elinye igama iifolda zabo zoviwo;
  3. babhala iinombolo zabo zoviwo kumakhadi azii-access cards yaye umgadi wabaviwa usteplishela i-access card kwicala elingentla ekhohlo kuxwebhu lweenkcukacha zomviwa (candidate’s information sheet); yaye
  4. bayakhunjuzwa ukuba bawuseyive umsebenzi wabo qho nangokuchanekileyo.
10.2 Ngethuba loviwo lwepraktikhali umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba:

  1. ukongeza kumgadi wabaviwa, makubekho utitshala onamava weCAT okanye we-IT ngazo zonke iiseshoni zepraktikhali, ukwenzela ukuba abe nokunika uncedo xa kuyimfuneko;
  2. makuthotyelwe yonke imiqathango yokugada abaviwa;
  3. zonke iinkqubo zokhuseleko zenziwa phantsi kweliso elibukhali lomgadi wabaviwa oyintloko; kunye
  4. nokulandelwa kwemigaqo echanekileyo kwimeko apho kunokwenzeka umke umbane.
10.3 Ngethuba loviwo lwepraktikhali umgadi wabaviwa oyintloko makaqinisekise ukuba:

  1. abaviwa batshekisha ukuba ingaba zonke iifayili zabo ziseyiviwe na kwiifolda zoviwo yaye zileyibhelishwe ngamanani oviwo achanekileyo azo.
  2. abaviwa bazalisa uxwebhu lwengcaciso yaye baqinisekise ukuba ingcaciso leyo iyangqinelana neyeefolda zoviwo;
  3. utitshala ufumana kwakhona (retrieves) zonke iifolda zabaviwa ngokusebenzisa i-network okanye i-flash drive ukukhuphela zonke iifolda zabaviwa kwikhompyutha engundoqo (central computer) okanye kwiserver enye, yaye kutshekishwe ukuba iifayili zomviwa ngamnye ezikwifolda yabo ziyangqinelana nengcaciso ekuxwebhu lwengcaciso yabo;
  4. utitshala useyiva zonke iifolda zabaviwa kwii-CD/kwii-DVD eziya kungeniswa ukwenzela ukuba zimakishwe yaye enze ii-CD/ii-DVD ezimbini zokulalelisa (back-up) ngaxeshanye, nekufuneka enye yazo igcinwe ngokunqatyisiweyo kwiziko lokubhalela uviwo ize enye ingeniswe kwicandelwana leemviwo (examination section);
  5. iifayili zabaviwa aziseyivwa kwi-flash drives njengoko umngcipheko wokulahleka kweefayili ngenxa ye-viruses umkhulu kakhulu kwi-flash drives.
10.4 Utitshala weCAT/IT makatshekishe ukuba zonke iifolda zabaviwa, ezileyibhelishwe ngenani loviwo lomviwa ochaphazelekayo, ziseyivelwe kwii-CDs/DVD kwanokuba iifayili kunye neefolda zingavuleka zonke, phambi kokuba iiCD/ii-DVD zipakishwe yaye zinikwe umgadi wabaviwa oyintloko.
10.5 Ukuba iifolda okanye iifayili zabaviwa zilahlekile, utitshala makazame ukufumana kwakhona (recover) ezo folda okanye iifayili ezidukileyo phambi kokuba enze ii-CD/ii-DVD.
10.6 Inani leefolda zabaviwa eziseyivwe kwiiCD/kwii-DVD malingqinelane nenani labaviwa elidweliswe kwimakhishithi.
10.7 Makungeniswe iripoti epheleleyo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration) ngazo naziphi iingxaki zobugcisa (technical problems) okanye izitenxo ekungenzeka ukuba zenzekile ngethuba loviwo.
10.8 Utitshala we-CAT/we-IT, kunye nabagadi babaviwa, mabazalise yaye basayine uluhlu lokutshekisha (isiHlomelo A) balungenise kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.

11. Nayiphi imibuzo engeenkqubo zoviwo lwepraktikhali okanye ngezongxamiseko mayithunyelwe kuMnu I Francis ngefoni 021 467 2549 okanye nge-imeyili Ighsaan.Francis@westerncape.gov.za

12. Kucelwa uqinisekise ukuba ikopi yale ngcaciso imfutshane inikwa bonke ootitshala beCAT ne-IT kunye nabagadi babaviwa ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:09:29

"Government Gazette No. 31337 - Annexure G"  (ubukhulu: 218 KB)
IsiHlomelo A: "Computer Applications Technology and Information Technology 2017 checklist"  (ubukhulu: 77 KB)