Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20170830-4417
13/2/3
IMIBUZO:   R van der Horst    IFONI:   021 467 2991  IFEKSI:   021 467 9370

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOVAVANYO:  0014/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZOKUNIKA INKXASO KWIKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOLAWULO NOKUPHATHWA KWAMAZIKO; KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO NAKUBAQUQUZELELI BOVAVANYO, KUBACEBISI BEZIFUNDO NAKWIINTLOKO ZAWO ONKE AMAZIKO EMFUNDO


 

UMNYINYIVA WOKUNYUSELWA KWABAFUNDI KWIIMEKO EZIZODWA UKULUNGISELELA ABAFUNDI ABAKWISIGABA SABADALA NGO-2017


1. ISebe leMfundo esiSiseko (ISebe iDBE) lakhupha ngowe-29 Agasti 2017 i-National Assessment Circular 1 ka-2017, echaza ukuba kuvunyiwe ukunyuselwa kwabafundi kwiimeko ezizodwa ukulungiselela abafundi abanokuchaphazeleka ngokungalunganga yimfuno emiselweyo enyanzelekileyo yokuphumelela kwiMathematika ngenqanaba 3 (40%), ukupasa ukuya kwibakala elilandelayo.

2. Kwimeko yaxa umfundi ezifezekisile zonke iimfuno ezimiselweyo zokupasa kwibakala ukuya kwelinye elilandelayo (o.k.t. iBakala 7, 8 no-9), ngaphandle kokuba akaphumelelanga ngenqanaba 3 (40%) kwiMathematika ukuze ngoko ke kufuneke ukuba agcinwe kwelo bakala, loo mfundi ulolu hlobo makanyuselwe kwiMathematika.

3. Ihlala isebenza inkqubo yokutshintshwa kwamanqaku apha naphaya njengoko kumiselwe kwiNgcaciso eMfutshane yoLawulo loVavanyo 0020/2015. Oku kuthetha ukuba makwenziwe kuqala ukutshintshwa kwamanqaku apha naphaya njengoko kuchaziwe kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loVavanyo 0020/2015 (yi-5% kwizifundo ezithathu ukulungiselela u-2017) yaye ukuqaliswa ukusetyenziswa le nkqubo yokunyuselwa komfundi kwiimeko ezizodwa, kuya kuba semva koku, kuphela.

4. Kucetyiswa ukuba izikolo ezisebenzisa iiprogram zeSebe leMfundo leNtshona Koloni zokurekhoda nokwenza iiripoti (WCED recording and reporting programmes) kumaBakala 7, 8 no-9, mazilandele le nkqubo ichazwe apha ngezantsi:
4.1 Ziya kucelwa izikolo zikhuphele (download) iiprogram ezintsha zamaBakala 7, 8, no-9 kwi-CEMIS (2017 Version 3) kwikota 4 ka-2017 zize zizivule (import) iifayili zazo ezikhoyo ukulungiselela ukuzenza iinguqulelo (versions) ezintsha.
4.2 Inkqubo ecacisa amanyathelo alandelelanayo (step-by-step procedure) iya kubonelelwa kwi-CEMIS zakuba zifakiwe (uploaded) iiprogram ze-Version 3. Kucingelwa ukuba iiprogram ze-Version 3 ziya kufumaneka ungadlulanga owe-30 Oktobha 2017. Inkqubo yokutshintsha amanqaku neyokunyuselwa kwabafundi iya kuzenzekela ngokupheleleyo (completely automated).
4.3 Ziya kuboniswa ngokuzenzekelayo (automatically) ezi nguqu kwishedyuli, kwikhasi lokungqinisisa (verification page) nakwikhadi i-report card.

5. Izikolo ezisebenzisa iiprogram zazo zokurekhoda nokwenza iiripoti nezinabafundi abaya kuchaphazeleka kule nkqubo yonyuselo yeemeko ezizodwa, maziyenze le nkqubo njengoko ichaziwe kule Setyhula - DBE National Assessment Circular 1 ka-2017 eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A) ekupheleni konyaka.

6. Ishedyuli ehlaziyiweyo, ilisti yabafundi abanamanqaku atshintshwe apha naphaya nekhasi lokungqinisisa (verification page) maziprintwe zize zingeniswe kumphathi wesekethe ukulungiselela ukungqinisiswa kwazo ekupheleni konyaka.

7. Apho kuyimfuneko, imo yokugqibela yokupasa komfundi ukuya kwelinye ibakala (final promotion status of learners) kwi-CEMIS, mayifakwe ngolu hlobo "Promoted with Mathematics condonation".

8. Kucelwa niqaphele ukuba le nkqubo yokunyuselwa isebenza kuphela ngo-2017 kumaBakala 7, 8 no-9.

9. Kwimeko yabafundi beBakala 9, makuqatshelwe ukuba abafundi abangawafumaniyo amanqaku angu-30% kwiMathematika (emva kokuvunywa kokunyuselwa kwabo), abayi kuvunyelwa bayenze iMathematika kwiBakala 10. Abafundi abalolu hlobo banokubhalisela i-Mathematical Literacy. Esi sigqibo siya kuzichaphazela ngokunjalo iindibanisela zezifundo (i-Physical Sciences ne-Accounting ezifuna i-Mathematika).

10. Le nkqubo ingentla yokunyuselwa kwabafundi kwiimeko ezizodwa ayizitshintshi nangayiphi na indlela, iimfuno ezimiselweyo zeeprogram zezifundo okanye iimfuno ezimiselweyo zeeprogram zezifundo kwiSigaba saBadala.

11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okuqulethwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala bamaBakala 7, 8 no-9 ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:09:12


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: "National Assessment Circular 1 of 2017"  (ubukhulu: 116 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe