Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20170605-1651
13/11/2
IMIBUZO:   M Combrink    IFONI:   021 467 2626  IFEKSI:   021 467 9370

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LOLAWULO LOVAVANYO:  0013/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI); KUMASEKELA BALAWULI; KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBAPHATHI BOKUNIKA INKXASO KWIKHARITYHULAM; KUBACEBISI NGEZIFUNDO; KUBAPHATHI BEESEKETHE, KWIINTLOKO ZEZOLAWULO NOKUPHATHA, KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO; NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO ALUNGISELELA ABAVIWA IIMVIWO ZESATIFIKETHI SEMATRIKI SIKAZWELONKE


 

IINDLELA ZOKUNCIPHISA IZITENXO KWIIMVAVANYO NGETHUBA LEEMVIWO ZIKAZWELONKE


1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) libulela zonke iinqununu nabagadi babaviwa ngendlela egqwesileyo abaziqhube ngayo nje ngokubanzi iimviwo zeSatifikethi seMatriki (Senior zeCertificate), eze-Adult Education and Training (AET) Level 4 nezeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)) zango-2016.

2. Kwaye kwakhoo, nakuba kunjalo, izitenxo ezingephi ezinxulunyaniswa nolawulo kwanokusingathwa kweemviwo kwiindawo zokubhalela iimviwo apho iziphumo zeemviwo zabaviwa ziye zathathwa njengezililize nezingasebenziyo.

3. Ezona zitenxo bezixhaphakile zezi:
3.1 abaviwa abafunyenwe beneselula kubo ngethuba lokubhala uviwo;
3.2 abaviwa abaphuma kwindawo yokubhalela uviwo nencwadi yabo yeempendulo okanye isihlomelo;
3.3 abaviwa abangena kwindawo yokubhalela uviwo nezinto ezingagunyaziswanga (zikwisilivu seplastiki ngokuqhelekileyo); okanye isixhobo sekhompyutha; kunye
3.4 nabaviwa abafunyenwe bekopa ngethuba lokubhalwa koviwo.

4. Kubaluleke kakhulu ukuba inqununu/umphathi weziko lokubhalela iimviwo athethe nabaviwa bakhe apha ekuhambeni konyaka ngemimiselo ephathelele ekubhalweni kweemviwo zangaphandle, ngokwenjenjalo baya kugxininisa kwiziphumo zokuzibandakanya ekuziphatheni kakubi ngethuba lokubhalwa kweemviwo.

5. izitenxo ekwakubandakanyeka kuzo amagosa zaziquka:
5.1 iinqununu/abaphathi bamaziko abangafumani yaye bengagcini mithwalo yamaphepha ngokuchanekileyo nangononophelo oluyimfuneko;
5.2 iinqununu/abaphathi bamaziko abangalandeli nkqubo ichanekileyo xa besusa amaphepha eemviwo kwigumbi elinqatyisiweyo, nokwaye kwakhokelela ekuvulweni kwebhokisi yeseshoni yephepha loviwo elingachanekanga;
5.3 ukukhutshelwa kwabaviwa iphepha lemibuzo elingachanekanga;
5.4 iinkqubo ezingokugcinwa ngokunqatyisiweyo kwesitshixo segumbi elinqatyisiweyo zinyashiwe.

6. Isikhokelo sokunqanda izitenxo nezohlwayo ezinokuwiswa ngezitenxo ezikhankanywe kule ngcaciso imfutshane sinikiwe kwisiHlomelo A.

7. Iinqununu nabaphathi bamaziko abalungiselela abaviwa ukubhalwa koviwo lweNSC bayacelwa baqwalasele isikhokelo esikwisiHlomelo A kunye nokwazisa bonke abafundi beBakala 12 ngokukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:08:24


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
IsiHlomelo A: Isikhokelo sokuthintela izitenxo nezohlwayo ezisebenzayo kwizitenxo  (ubukhulu: 66 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe