1. IMimise-LO i-Regulations Pertaining to the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate examination eyapapashwa kwiGazethi No. 37651 yange-16 Meyi 2014, icacisa imigaqo yamanqaku okupasa okugqibela kwiSifundo se-LO ngokusekelwe kuvavanyo lwangaphakathi, nemasimodareyithwe ngaphandle, kwakunye noMsebenzi woVavanyo okuMgangatho oFanayo (Common Assessment Task) (CAT) nosetwa yaye umodareyithwe ngaphandle.

2. Injongo yale ngcaciso imfutshane kukwazisa izikolo ngenkqubo emayilandelwe kulawulo lwe-CAT yeSifundo se-LO ngo-2017.

3. Ukubhalwa kwe-CAT yeSifundo se-LO
3.1 I-CAT yeSifundo se-LO yenza inxalenye yamanqaku okupasa okugqibela kwiBakala 12 yaye ke ngoko mabayibhalwe ngabo bonke abafundi beBakala 12.
3.2 Umhla wokubhalwa kwe-CAT yeSifundo se-LO ngowe-08 Septemba 2017, ukususela ngo-09:00 ukuya ku-11:00. Nakuphi na ukushenxa kulo mhla neli xesha, kuya kuthathwa njengesitenxo esixhomisa amehlo.
3.3 I-CAT yeSifundo se-LO iya kuba nephepha eliziiyure ezimbini (2) elinamanqaku ayi-80. Iya kuthatha indawo yoMsebenzi 4 kwiKota 3 yaye iya kwenza i-20% yamanqaku okuphela konyaka (final mark) eSifundo se-LO.
3.4 ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) liya kuprinta amaphepha emibuzo e-CAT yeSifundo se-LO abo bonke abafundi beBakala 12 kwiphondo ngokwedatha yobhaliso yokugqibela (final registration data) echazwe kwi-Centralised Education Management Information System (CEMIS) lize liwase kuzo zonke izikolo ezifundisa iSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate (NSC)).
3.5 Zakuwafumana iinqununu amaphepha emibuzo, mazithwale uxanduva ngokupheleleyo njengabagadi babaviwa abaziintloko ukuqinisekisa ukuba iyalandelwa ngqo yonke imiqathango nemigaqo emalunga neemviwo ze-NSC.
3.6 Iinqununu maziyivule imvulophu ngomhla woviwo kukho nabafundi zize zikubeke esweni ukuhanjiswa kwamaphepha emibuzo.
3.7 Iinqununu maziqinisekise ukuba abagadi babaviwa bahlala bebagadile abaviwa ngeliso elibukhali lo gama bebhala i-CAT yeSifundo se-LO.
3.8 Emva kokubhalwa kwe-CAT ye-LO, amaphepha eempendulo makafakwe etywiniweyo kwisingxobo (bag) ekubonelelwe ngaso aze agcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo kude kuqaliswe inkqubo yokumakishwa kwawo.

4. Iingxoxo ngesikhokelo sokumakisha
4.1 Iintlanganiso zeengxoxo ngesikhokelo sokumakisha sikazwelonke okanye esephondo, ziya kuqhubeka ukususela kwi-13 ukuya kwi-20 Septemba 2017.
4.2 Isikhokelo sokumakisha sokugqibela (final marking guideline) siya kunikwa izikolo ungadlulanga owe-21 Septemba 2017, kodwa iincwadi zeempendulo zinokukhutshwa kuphela kwigumbi elinqatyisiweyo ngosuku ekuqalwa ngalo ukumakishwa kwazo.

5. Ukumakishwa kwe-CAT yeSifundo se-LO
5.1 Ukumakishwa kwe-CAT ye-LO kumele ukuqhutyelwa esikolweni phantsi kweliso lenqununu notitshala oneqhuzu okanye neNtloko yeSifundo ebambeleyo (HoD) njengemodareyitha yangaphakathi.
5.2 Inkqubo yokumakisha imele ukuqala nge-22 Septemba 2017 yaye mayigqitywe ungadlulanga owe-29 Septemba 2017.
5.3 Apho kukho ngaphezu kotitshala omnye weSifundo se-LO esikolweni, iinqununu zimele ukuqinisekisa ukuba ootitshala abazimakishi iincwadi zeempendulo zabafundi bazo.

6. Ukumodareyithwa kobungqina babafundi
6.1 Ubuncinane yi-10% yeencwadi zeempendulo ezimakishiweyo ezimele ukumodareyithwa ngutitshala oneqhuzu okanye yiNtloko yeSifundo (HoD).
6.2 Umcebisi wesifundo se-LO makamodareyithe isampula yeencwadi zeempendulo zezikolo ezikhethiweyo.
6.3 Ukumodareyithwa kwe-CAT yeSifundo se-LO kwiphondo nakuzwelonke kuya kuqhubeka ukususela ngowe-02 ukuya kowe-04 Oktobha 2017.

7. Ukufakwa kwamanqaku e-CAT yeSifundo se-LO
7.1 Imakhishithi ekhethekileyo (special mark sheet) iya kunikwa izikolo ukwenzela ukufakwa kwamanqaku (recording of marks) e-CAT ye-LO. Le makhishithi iya kuba yeyongezelelweyo (additional) kwimakhishithi eqhelekileyo ekhutshelwa iSifundo se-LO.
7.2 Imakhishithi ye-CAT ye-LO (CAT mark sheet) mayithunyelwe kwiSebe i-WCED kunye nezinye iimakhishithi zovavanyo oluqhubekela esikolweni (school based assessment mark sheets).

8. Ziyacelwa iinqununu zenze amalungiselelo ayimfuneko okubhalwa kolu vavanyo.

9. Kucelwa wazise ngale ngcaciso kubo bonke ootitshala nabafundi beBakala 12 beSifundo se-LO ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:07:25