Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20171002-5406
12/16/8/P
IMIBUZO:   M Phillips    IFONI:   021 900 5000  IFEKSI:   021 900 5162

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO I-CAPE TEACHING AND LEADERSHIP INSTITUTE:  0004/2017


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI), KWIINTLOKO ZAMACANDELO NAMACANDELWANA KWANDLUNKULU, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NENGCEBISO NGEZEIMG, KUBAPHATHI BEESEKETHE, NAKWIINQUNUNU ZEZIKOLO ZIKARHULUMENTE


 

IIKHOSI ZOPHUHLISO LOOTITSHALA, IINKOMFA NEESEMINA EZIQHUTYELWA E-CAPE TEACHING AND LEADERSHIP INSTITUTE (CTLI) NGO-2018


1. Ngo-2018 i-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) iya kuqhuba kwakhona iikhosi zophuhliso lootitshala, iinkomfa neesemina zeenqununu, ezamasekelanqununu, ezeentloko zezifundo kunye nezootitshala ezivunywe yi-SACE, ngethuba leekota zesikolo okanye ngeeholide zesikolo (isiHlomelo A).

2. Zonke iikhosi eziya kuqhutywa yi-CTLI ngo-2018 ziya kufumaneka kwi-CTLI website: www.wcedctli.co.za ngomhla we - 16 ku Oktobha 2017.

3. Ootitshala abanomdla wokuya kwezi khosi mababhalise kwiziko lewebhu (Inkqubo yokusayina neyokubhalisa icacisiwe kwisiHlomelo B).

4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuqesha ootitshala abaya kuba bebambele abanye ngethuba lokuqhubeka kweekhosi ekuya kuyiwa kuzo ngootitshala abasezikhundleni zona ziya kuqhubekela e-CTLI, ukuba ngaba:

  • akukho titshala ungaphezu kwenani eliyimfuneko kwisikolo eso;
  • utitshala osesikhundleni akangotitshala ohlawulwa libhunga lolawulo; yaye
  • utitshala osesikhundleni akakho kweso sikhundla kuba ebambele omnye utitshala.
5. Luxanduva lwesikolo ukufuna nokutyumba utitshala ofanelekileyo onako ukubambela omnye utitshala oye ekhosini.

6. Bayi-50 kuphela ootitshala abaya kubhaliselwa ikhosi nganye kwezi ziqhutywa ngethuba lekota yesikolo.

7. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngamaphulo ongenelelo ngoncedo e-CTLI ngo-2018, kucelwa ungathandabuzi ukuqhagamshelana nomnye waba Baququzeleli beProgram be-CTLI balandelayo:

  • Gavin de Bruyn, ifoni 021 900 5062, ifeksi 021 900 5114, i-idilesi ye-imeyili gavin.debruyn@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi neesemina ze-School Management and Leadership Development.
  • Magdalena Benn, ifoni 021 900 5016, ifeksi 086 614 5151, i-dilesi ye-imeyili magdelena.benn@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi zeSigaba seSiseko ne-GET Language Solutions Conference.
  • Natasha Fouche, ifoni 021 900 5018, idilesi ye-imeyili natasha.fouche@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi zeSigaba esiPhakathi neSigaba esiPhakamileyo (Intermediate and Senior Phase) neNkomfa yeZisombululo zeMathematika yeGET (GET Mathematics Solutions Conference).
  • Study Dangala, ifoni 021 900 5020, idilesi ye-imeyili study.dangala@westerncape.gov.za malunga nazo zonke iikhosi zeMfundo eneeMfuno eZizodwa (Special Needs).
  • Christo Davids, ifoni 021 900 5039, ifeksi 086 731 6833, idilesi ye-imeyili christo.davids2@westerncape.gov.za malunga nawo onke amaphulo ongenelelo ngoncedo i-ICT Integration.
8. Kucelwa wazise bonke ootitshala okukule ngaciso imfutshane kubo bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:10:16


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47


La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
"IsiHlomelo A"  (ubukhulu: 17 KB)
IsiHlomelo B:  (ubukhulu: 39 KB)
Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe