1. Ngenxa yokukhula kwemfuno yeendawo neendawo zokulala ezifunwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED), abathathi-nxaxheba bakubone kubalulekile ukuba i-Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI) izijongisise inkqubo zayo malunga nokungeniswa kwezicelo zokubhukishwa kwendawo. Inkqubo ehlaziyiweyo iya kuyivumela iCTLI ukuba yenze izicwangciso yaye iyilawule yonke inkqubo yokubhukishwa kweendawo ngokuyimpumelelo enkulu.
2. Njengoko bekusenziwa kwithuba elidlulileyo, zonke izicelo zokubhukisha indawo mazithunyelwe kwangaphambi kweentsuku eziyi-30 ubuncinane. Akuyi kwamkela zicelo zokubhukisha indawo ezenziwe emva kwexesha. Kwimeko apho indawo ifuneka ngokukhawuleza ngenxa yeemeko ebezingenakuthinteleka yaye libe liphelile ithuba leentsuku eziyi-30 elimisiweyo, makuthunyelwe incwadi ebhaliweyo enika izizathu ezivokothekileyo ebhalwe ngumlawuli wecandelo owenza isicelo sokubhukisha indawo kuMlawuli we-CTLI ukwenzela ukuthathelwa ingqalelo nokuvunywa kwayo. Ukungacwangisi kakuhle akuyi kwamkeleka njengesizathu sokuxoleleka.
3. Zonke izicelo zokubhukishwa kwendawo mazizaliswe kwifom emiselweyo yokubhukisha indawo (prescribed reservation form) (Annexure A) zize zigqithiselwe kwigosa elijongene nokubhukishwa kwendawo, uMarjorie Phillips kule dilesi ye-imeyili: Marjorie.Phillips@westerncape.gov.za okanye ngefeksi apha: 086 535 5659. Zizicelo ezingeniswe ngokumiselweyo kwigosa elijongene nokubhukishwa kwendawo eziya kuthathelwa ingqalelo.
4. Kwakufunyanwa isicelo sokubhukishwa kwendawo, irisithi yokwamkelwa kwaso iya kuthunyelwa kulowo ucela indawo yaye mayibonise ukuba kuya kuqinisekiswa ukubakho kwendawo zingadlulanga iintsuku ezintlanu zomsebenzi.
5. Zonke izicelo zokubhukishwa kwendawo ziqwalaselwa yi-CTLI Booking Committee qho ngooLwezithathu. Ukufumaneka kwendawo, inani labathunywa kwelo ziko kunye naziphi na iimfuno ezimiselweyo zokubhukishwa ezongezelelweyo, ziya kuthathelwa ingqalelo. Sakuba senziwe isigqibo, i-imeyili yokungqinisisa oku iya kuthunyelwa kulowo ucela indawo, ukuqinisekisa ukufumaneka kwendawo okanye ukukhatywa kwesicelo sokubhukisha.
6. Bonke abasebenzisa indawo banyanzelekile ukuba basebenzise abantu abalungisa ukutya abalapho kwiziko njengoko abangaphandle bengasayi kuvunyelwa. Amalungiselelo okulungiswa kokutya makenziwe ngqo nabantu abalungisa ukutya kwakuba kuqinisekisiwe ukubhukishwa kwendawo. Indawo ekulungiselwa kuyo ukutya iya kubonelelwa yi-CTLI Booking Committee ngokususela kwiimeko zethuba elichaphazelekayo.
7. Ukurhoxiswa kwesicelo sokubhukisha indawo kumele ukuba kwenziwe kusengaphambi kwexesha kakhulu. Abantu abacela indawo abaphinda-phindayo ukuzirhoxisa izicelo zokubhukisha indawo kwithuba elifutshane okanye ngaphandle kwesaziso, banokwaziswa ukuba ziya kurhoxiswa zonke izicelo zabo zokubhukishwa kwendawo eziseleyo zonyaka omiyo. Kuya kufuneka ukuba baphinde bafake izicelo kwakhona.
8. Ukulungiselela iinjongo zokunika ingxelo nezophicotho-zincwadi, umntu obhukisha indawo kucelwa ukuba anike igosa elijongene nokubhukishwa kwendawo, ikopi esayiniweyo yerejista yokubakho ekupheleni kwephulo loqeqesho longenelelo ngoncedo ngalinye. Ukungaphumeleli ukwenjenjalo kunokuchaphazela izicelo zokubhukishwa kwendawo zethuba elizayo.
9. Inkqubo efana nale nemihla emisiweyo, iya kusebenza nakwizicelo zokubhukisha indawo yokulala.
10. Iifasilithi zeCTLI zifumaneka kuphela kumaphulo oqeqesho longenelelo ngoncedo ophuhliso lootitshala yaye ngako oko abavumelekanga abafundi.
11. Iyathakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu eqhubekekayo ukuqinisekisa ulawulo oluyimpumelelo lwenkqubo yokubhukishwa kwendawo.
12. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:03:30

"Annexure A: Cape Teaching and Leadership Institute reservation form"  (ubukhulu: 64 KB)