1. Iphephandaba i-Die Burger lisebenzisana neSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED), liza kuphinda lisingathe inkomfa yolutsha i-59th annual Youth Leadership Conference ukususela nge-8 ukuya kwi-14 Disemba 2017 e-Die Burger Strandhuis e-Muizenberg, eKapa.
2. Kucelwa izikolo zityumbe usihlalo kunye/okanye usekela-sihlalo weBhunga eliMele aBafundi lika-2018. Ngamashumi amahlanu (50) eenkokeli zolutsha (amakhwenkwe ayi-25 namantombazana ayi-25) aya kukhethwa kwizicelo ngokweekhrayitheriya ezichazwe kwifom yokutyumba eqhotyoshelweyo.
3. Ulwimi ekuya kuqhutywa ngalo kule nkomfa sisi-Afrikansi (ulwimi lwephephandaba i-Die Burger), kodwa kuya kuqwalaselwa bonke abagqatswa bezinye iilwimi xa kukhethwa abatyunjwa.
4. Iinkokeli zolutsha ezikhethiweyo kulindeleke zibekho kule nkomfa ngalo lonke ithuba lokuqhuba kwayo ukususela ngoLwesihlanu, we-08 Disemba 2017 ukuya ngoLwesine, we-14 Disemba 2017.
5. Ifom yokutyumba eqhotyoshelweyo mayizaliswe ngokupheleleyo yaye apho kuyimfuneko, kungeniswe ingcaciso efanelekileyo yokuxhasa isicelo.
6. Ifom yokwenza isicelo ezaliswe ngokupheleleyo mayiskenwe ingeniswe nge-imeyili kuNks T Cronje apha Tracy.Cronje@westerncape.gov.za ungadlulanga owe-31 Oktobha 2017.
7. I-WCED icela zonke izikolo zityumbe abagqatswa abafanelekileyo ukwenzela le nkomfa ixabiseke kangaka.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INHOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2017:10:10

"Die Burger se 59ste Jeugleierskonferensie nominasievorm"  (ubukhulu: 72 KB)