Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe

ISALANTHISO:  20170524-1226
12/11/5
IMIBUZO:   PP Satyo (FET)
G van Wyk (GET)
    IFONI:   021 467 2000  IFEKSI:   021 467 2258

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM NOLAWULO LOVAVAVNYO:  0001/2017


IYA:   

KUMASEKELA BALAWULI-JIKELELE, KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, KWIINTLOKO ZOQUQUZELELO NEENGCEBISO NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBAPHATHI BEZENGCACISO, UKUPHATHWA NOLAWULO LWABASEBENZI NGOBUCHULE (SIGPM); KUMASEKELA EENGCALI ZEMFUNDO EZIZINTLOKO; KUBACEBISI BEZIFUNDO NAKWIINQUNUNU


 

ISETYHULA S1 YESEBE IDBE ENGESIKHOKELO SOKOMELEZA UKUPHUNYEZWA KWECAPS, 2017


1. Ngowe-09 Matshi 2017 iSebe leMfundo kuZwelonke (Department of Basic Education (DBE)) lakhupha iSetyhula S1 ka-2017 emalunga nesikhokelo sokomeleza iCandelo 4 leNkcazo yoMgaqo-nkqubo weKharityhulam noVavanyo (Curriculum and Assessment Policy Statement (CAPS)) kumaBakala R ukuya ku-11 yaye eli Sebe lacebisa ngokwenza iinguqu kwiimvavanyo eziqhubekela ezikolweni (ii-SBAs).
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) alikawahambisi la maxwebhu njengoko zingekho okanye zingonelanga iinkcukacha ezinikiweyo ezingezifundo ezithile nemiba engekacaciswa echaphazela iimfuno ezimiselweyo zokudlulela kwelinye ibakala nezokupasa kwabafundi.
3. Nakuba kunjalo, isebe lichazelwe ukuba ezinye izikolo sele zizinciphisile okanye zenza izicwangciso zokunciphisa inani lemisebenzi yovavanyo emiselweyo (formal assessment tasks) ngenxa yesi sikhokelo.
4. Emva kokuqwalaselwa ngobulumko kwemingcipheko yale nkqubo yezemfundo nokuthathela ingqalelo iimbono ebezivezwe kuthetha-thethwano oluye lwaqhubeka kwakhona nemibutho yeemanyano zootitshala namaphondo, kwiSebe i-DBE, iSebe i-WCED, likhethe ukukuyeka ukuqalisa naziphi na iinguqu ezicetyiswayo kwiSetyhula 1 de kubekho ingcaciso efumanekayo kwiSebe i-DBE.
5. ISebe iWCED ke ngoko liya kunika izikolo isicwangciso esiqulunqwe kakuhle senkxaso nokuqaliswa koku, kwakuba kukho ingcaciso nemvumelwano ngolu xwebhu- Guidelines to Strengthen CAPS Implementation, 2017.
6. Kucelwa iinqununu zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PAD BEETS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO
UMHLA: 2017:05:25


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iinombolo zesalathiso kuyo yonke imbalelwano
Employment and salary queries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47

Byela emva     Close this Minute     Maak omsendbrief toe