1. Njengenxalenye yokubhiyozela inyanga yoomama kwanokuqaphela indima yokukhokela edlalwe ngabafazi abaqeshwe apha, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) labamba inkomfa eyayenzelwe iinqununu ezingamabhinqa ityeli lokuqala ngo-2015.

2. Eli nyathelo liqaqambisa inkqubela eyenziweyo ngokumalunga nobulungisa kwezengqesho kwizikhundla eziphezulu kumanqanaba esikolo nakwawe-ofisi esistim yezemfundo, nelikhatshwa kukusoloko kuqhutywa ikhosi yooMama aBanqwenela ukuba ziiNkokeli nabakwezoLawulo (Leadership and Management) (WILM) eqhutywa qho ngonyaka e-Cape Teaching and Leadership Institute.

3. INtloko yeSebe leMfundo yavuma ukuba inkomfa yonyaka mayiqinisekise ukuba iWCED inika amathuba athe kratya kwezophuhliso nenkxaso emalunga nomsebenzi eyenzelwa oomama abakhokeleyo, ngokukodwa abo bakwinqanaba lesikolo.

4. Unxibelelwano lokunika inkxaso liqonga labantu abanika inkxaso ngokweemvakalelo noncedo olusebenzisekayo kumalungu ayinxalenye yolo nxibelelwano afuna uncedo olunjalo kunye nenkxaso. Unxibelelwano lokunika inkxaso lukhusela amalungu alo. Into ekujongwe kuyo kukuba olu nxibelelwano lunciphise kwaye luphelise nkqu ukukhethelwa bucala ngokomsebenzi kweenqununu ezingamabhinqa.

5. Ukusungulwa kolu nxibelelwano ngo-2015, ngokubambisene no-Old Mutual, kwaba yimpumelelo enkulu. Le nkomfa yayihlanganiswe nemisebenzi yezempilo qete (wellness activities) exhaswa ngabakwa-Old Mutual nakulo umiyo unyaka kuza kwenzeka ngolo hlobo.

6. Le nkomfa iya kuqhuba ngokohlobo lweeseshoni apho kudibana khona uwonkewonke (plenary) nezo zokwahlulwa-hlulwa kwabathathi-nxaxheba babe kumagumbi ahlukeneyo ukwenzela ukuba kukhuthazwe iincoko ezimalunga nomsebenzi kunye nezemfundo.

7. Iinkcukacha zale nkomfa zimi ngokulandelayo:

Umhla: 17 September 2016
Indawo: Lecture Theatre 1 in the Kramer Building, Middle Campus, University of Cape Town (UCT)
Ixeha: 08:00 – 16:00

8. Amalungiselelo okuqhubeka kwenkomfa
8.1 Iinqununu ezinqwenela ukubakho kule nkomfa mazizalise u-Part A wale fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele ngefeksi kuNks Zoliswa Lonja apha 086 547 8758, ungadlulanga okanye phambi kowe-09 Septemba 2016. Le ngcaciso ifunwa kwangaphambili kakhulu ukwenzela ukuba kuqinisekiswe yaye kwenziwe namalungiselelo okuqhubeka kwale nkomfa.
8.2 Apho kunokwenzeka, kucelwa iinqununu zezikolo zikhwelisane xa zisiya kule nkomfa. Ziya kubuyiselwa iindleko zeehambo apho umgama ohanjiweyo ungaphezu kwe-120 km uhambo lokuya kuphela. Ukufaka ibango leendleko zohambo, makungeniswe ezi fom ziqhotyoshelweyo kumagosa awenza lo msebenzi/kwindawo enenkomfa "Subsistence and Transport" kunye neefom u-Z43. Akasayi kuqwalaselwa amabango afunyenwe engazaliswanga ngokupheleleyo okanye angachanekanga.
8.3 Apho uhambo lwenqununu luxhaswa khona ngemali sisikolo, ibango malenziwe egameni lesikolo, oko kuthetha ukuba imali ebangwayo iya kuhlawulwa kwi-akhawunti yesikolo.
8.4 Kuya kubonelelwa ngendawo yokulala kuphela kwezo nqununu zihambe umgama ongaphezu kwe-200 km ukuya kuphela. Iinqununu ezifuna indawo yokulala mazizalise ifom u-Part B wale fom iqhotyoshelweyo. Kucelwa le ngcaciso kwangaphambili ukuqinisekisa ukuba kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo endawo yokulala. Ezi zicelo zendawo yokulala mazifunyanwe ungadlulanga okanye ngowe-09 Septemba 2016 yaye kufuneka zithunyelwe ngefeksi kuNks Zoliswa Lonja apha: 086 547 8758. I-imeyili yokuqinisekisa indawo yokulala iya kuthunyelwa kummeli ngamnye ocela indawo yokulala.
8.5 Kwisikolo apho inqununu iyindoda, kuya kubhaliswa isekela-nqununu elilibhinqa ukwenzela inkomfa leyo.
8.6 Eminye imibuzo inokubhekiswa kuNks Zoliswa Lonja kwifoni 021 467 2070.

9. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa bonke abasebenzi kunye namaqela anomdla.


ISAYINWE: NGU-T MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2016:08:23

"Part A"  (ubukhulu: 65 KB)
"Part B"  (ubukhulu: 65 KB)
"Z43"  (ubukhulu: 10 KB)