1. Inkqubo yokusingatha izicelo zokufikelela kwingcaciso ngokoMthetho oKhuthaza uKufikelela kwiNgcaciso, 2000 (uMthetho 2 ka-2000) (Promotion of Access to Information Act (PAIA), 2000 (Act 2 of 2000)) kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) yacaciswa kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi 0003/2014, yomhla we-06 Juni 2014.

2. Nakuba kunjalo, ngokwe-PAIA, isikolo sikarhulumente siyayifezekisa ingcaciso yegama elithi "iqumrhu likarhulumente (public body)" yaye ke ngoko siya kuthwala uxanduva lokuthobela iimfuno ezimiselweyo ze-PAIA ekuboneleleni ngengcaciso. Kuye kwayimfuneko ukuba kwaziswe zonke izikolo zikarhulumente namagosa ngenkqubo ehlaziyiweyo yezikolo zikarhulumente yokunika imvume yokufikelela kwingcaciso ngokwe-PAIA, neqala ukusebenza ukususela ngoku.

3. I-PAIA ilicacisa igama "iqumrhu likarhulumente" ngokuthi:

  1. lilo naliphi na isebe likarhulumente okanye elolawulo kwinqanaba lirhulumente kazwelonke okanye owephondo (national or provincial sphere) okanye nguye nawuphi na umasipala kwingingqi karhulumente; okanye
  2. lilo naliphi na igosa elisesikhundleni (functionary) okanye iziko (institution) apho-
    1. elisebenzisa igunya (authority) okanye elenza umsebenzi ngokungqinelana noMgaqo-siseko okanye nomgaqo-siseko wephondo (Constitution or provincila constitution);
    2. elisebenzisa igunya likarhulumente (public power) okanye elenza umsebenzi karhulumente (public function) ngokungqinelana nawo nawuphi na umthetho;
4. I-PAIA ifuna "iqumrhu likarhulumente" libe neGosa leNgcaciso (Information Officer), elenza umsebenzi wokuqinisekisa ukuba iqumrhu liyayithobela imigaqo ye-PAIA. Ngokomthetho, iGosa leNgcaciso lequmrhu likarhulumente liyintloko yelo qumrhu likarhulumente. Ngako oko inqununu iliGosa leNgcaciso (Information Officer) lesikolo sikarhulumente yaye inokuwadlulisela amagunya nemisebenzi yayo kwiSekela leGosa leNgcaciso (Deputy Information Officer) ukuqinisekisa ukuba izicelo zengcaciso ezenziwe esikolweni sayo, ziya kusingathwa ngendlela esebenzayo neyimpumelelo.

5. ISekela leGosa leNgcaciso lesikolo sikarhulumente ngumqeshwa weso sikolo ekudluliselwe kulo amagunya nemisebenzi ngokwePAIA. Oku kuthetha ukuba iSekela leGosa leNgcaciso liya kufumana isicelo sokufikelela kwingcaciso, lisiququzelele isicelo eso ukuze linike uncedo oluyimfuneko kumceli njengoko oko kufuneka egameni leGosa leNgcaciso. IGosa leNgcaciso lisaya kuba lilo elikhokela nelilawula iSekela leGosa leNgcaciso. Oku kudluliselwa kwamagunya nemisebenzi makwenziwe ngencwadi ebhaliweyo ukwenzela ukuba kube semthethweni.

6. Omnye umsebenzi weGosa leNgcaciso okanye weSekela leGosa leNgcaciso kukuqinisekisa ukuba zonke iinkcukacha zoqhagamshelwano zabo ziyafumaneka kuluntu ngawo onke amaxesha. Ukungqinelana nenkqubo eyamkelekileyo emiselweyo esebenza kakuhle kungasetyenziswa aba vimba (sources) balandelayo ukubonisa (display) le ngcaciso nemisebenzi yabo njengoko kumiselwe kwisiHlomelo A:

  • Iziko lewebhu (website) lesikolo.
  • Idayirekhtri yefoni (telephone directory).
  • Incwadana yemigaqo yesiqendu 14 yesikolo esithile.
7. I-PAIA imisela ukuba ngalinye iqumrhu likarhulumente (public body) malibe nencwadana yemigaqo enengcaciso (information manual). ISiqendu 14 sePAIA sichaza okumelwe ukuqulathwa yincwadana yemigaqo yengcaciso yequmrhu likarhulumente (public body). Le ncwadana yemigaqo yenzelwe ukunceda abenza izicelo zokufumana ingcaciso. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zeGosa leNgcaciso nezeSekela leGosa leNgcaciso lesikolo mazifakwe kule ncwadana yemigaqo.

8. Le ncwadana yemigaqo iya kubonisa ukuba malube njani na ulawulo esikolweni neenkonzo ezenziwa siso, uluhlu lwazo zonke iirekhodi ezigcinwe sisikolo nenkqubo emele ukulandelwa ukufaka isicelo kwelo ziko lithile. Oku kuthetha ukuba umntu makazi kanye ngqo ukuba makasithumele kubani na kanye isicelo (IFOM A) xa efuna ukwenza isicelo esiya esikolweni. Incwadana yemigaqo mayibandakanye nenombolo yefoni, idilesi ye-imeyili nedilesi yeposi yeGosa leNgcaciso kunye neyawo nawaphi na amaSekela amaGosa eNgcaciso ukwenzela ukuba abaceli bakwazi ukuthumela ifom yesicelo ngokulula kwiGosa leNgcaciso okanye kwiSekela leGosa leNgcaciso lesikolo.

9. Kwakhona incwadana yemigaqo yesiqendu 14 mayibandakanye ngokunjalo uluhlu lweendidi zengcaciso ezigcinwe sisikolo yaye imele ukwenza umntu oyifundayo azi ncam ukuba yeyiphi na kanye ingcaciso efumanekayo esikolweni. Ezi ncwadana zemigaqo mazibandakanye ngokunjalo neenkcukacha zoqhagamshelwano zeyunithi ye-PAIA ye-South African Human Rights Commission's (SAHRC's) PAIA unit.

10. Incwadana yemigaqo yesiqendu 14 mayigqitywe ize ithunyelwe ngeposi apha:

South African Human Rights Commission
33 Hoofd Street
Braampark Forum 3
Braamfontein
2017

OKANYE mayiqhotyoshelwe ize ithunyelwe nge-imeyili apha: paia@sahrc.org.za


11. Iincwadana zemigaqo ezifunyenweyo ziya kurekhodwa kwiziko ledatha le-SAHRC's elijongene nokuthotyelwa kwemiqathango (compliance database). Uxwebhu oluchaza ukufunyanwa kwencwadana yemigaqo luya kuthunyelwa kwizikolo) ezichaphazelekayo. Ayiyi kufakwa yona kanye incwadana yemigaqo kwiziko lewebhu kodwa igama lesikolo liya kuchazwa kwiziko lewebhu nakwingxelo yonyaka ye-SAHRC. Kucelwa uqaphele ukuba iGosa leNgcaciso lesikolo okanye elo Gosa leNgcaciso kuDluliselwe kulo amagunya nemisebenzi (Delegated Information Officer) elingaphumeleliyo ukuthobela imiqathango yesiqendu 14 linokubekwa ityala ngokuyithobeli imiqathango yaye izohlwayo zingaba zezi:

  • imali eyintlawulo (fine); okanye
  • ukuvalelwa entolongweni ithuba elingagqithanga kwiminyaka emibini.
12. Ukunceda izikolo xa zidrafta incwadana yemigaqo yesiqendu 14, kunokusetyenziswa le ncwadana yemigaqo iyidrafti iqhotyoshelweyo.

13. Niyacelwa niyithathe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso 0003/2014, yomhla we-06 Juni 2014, njengefakelwe izilungiso ngokunjalo.

14. Kucelwa wazise ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:10:04

"Promotion of Access to Information Act, 2000"  (ubukhulu: 178 KB)
IsiHlomelo A: Imisebenzi yeGosa leNgcaciso (Information Officer (IO)) neyeSekela leGosa leNgcaciso (Deputy Information Officer (DIO))  (ubukhulu: 27 KB)
Ifom A: "Request for access to a record of a public body"  (ubukhulu: 62 KB)
"Letterhead of school"  (ubukhulu: 69 KB)