1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuqinisekisa ukusetyenziswa kangangoko kwexesha lokufundisa nokufunda. Luxanduva, ke ngoko, lwesikolo ngasinye ukukhusela ixesha lokufundisa nokufunda kwanokunika inkxaso kwimfundo ngokupheleleyo kwiintsuku zesikolo eziyi-203 zizonke ngonyaka ngamnye, ngokungqinelana noMgaqo-nkqubo woKuhamba iSikolo kwaBafundi (National Learner Attendance Policy). |
2. |
Kucelwa bonke abasebenzi abasezikolweni nabakwii-ofisi zezithili baqaphele oku kulandelayo: |
2.1 |
Luxanduva lwesikolo ngasinye ukucwangcisa iprogram yesikolo yaso ngethuba nasemva kweemviwo kude kube lusuku lokugqibela lwekota yesikolo kwanokwazisa bonke abafundi, abazali kunye nee-ofisi zezithili ngokumalunga noku. |
2.2 |
Izikolo ezifundisa amaBakala 10, 11 no-12 (apho kusebenzayo oku) ziyakhunjuzwa ukuba akuvumelekile ukuqaliswa kweemviwo phambi kwe-30 Meyi 2016 ne-14 Novemba 2016. Nakuba kunjalo, izikolo zingafaka isicelo semvume yokuqalisa ngeemviwo zeprakthikhali kumlawuli wesithili, phambi kwethuba kwizifundo ezithile. |
2.3 |
Izikolo ezifundisa amaBakala 7 – 9 akuvumelekile ukuba ziziqalise iimviwo zazo phambi kwe-06 Juni 2016 ne-14 Novemba 2016. |
2.4 |
Izikolo ezifundisa amaBakala 4 – 6 akuvumelekile ukuba ziziqalise ngeemviwo zazo phambi kwe-08 Juni 2016 ne-21 Novemba 2016. |
2.5 |
Kulindeleke ukuba bonke abafundi babe sesikolweni kangengeeyure ezintlanu (5) ubuncinane ngosuku ngalunye ngethuba lokubhalwa koviwo. Ngoko ke, ukuba isikolo siqala ngo-08:00, asivumelekanga isikolo ukubakhulula abafundi bagoduke engekabethi u-13:00. Ukulungiselela eli xesha lokukhululwa kwabafundi phambi kwethuba, makuqwalaselwe ukhuseleko nokuthuthwa kwabafundi. Kubalulekile, ke ngoko, ukwazisa abazali kwangaphambili ukwenzela ukuba bakwazi ukwenza amanye amalungiselelo. |
2.6 |
Bonke abafundi mabahambe isikolo ngalo lonke ithuba loviwo, yaye oko akubabandakanyi abafundi beBakala 12, abaya kunikwa ilungelo leentsuku ezi-5 zokungayi esikolweni ngeenjongo zokuba bafunde phambi kokuqala kweemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke. |
2.7 |
Izikolo azivumelekile ukwazisa abafundi ukuba sisigqibo somfundi ngamnye ukuya nokungayi esikolweni zakuba zigqityiwe iimviwo kwikota leyo okanye xa bengabhali zimviwo okanye zimvavanyo. |
2.8 |
Kulindeleke ukuba bonke ootitshala babe sesikolweni usuku lwesikolo olupheleleyo (iiyure eziyi-35 ngeveki nganye) ngethuba loviwo, kungakhathaliseki nokuba ngaba banemisebenzi yokugada abafundi okanye abanayo. |
2.9 |
Ngosuku lokugqibela lwekota yesikolo abafundi mababe sesikolweni iiyure ezintathu (3) yaye ootitshala kulindeleke babe sesikolweni kangangeeyure ezintlanu (5) ubuncinane. |
3. |
Kukhunjuzwa iinqununu ukuba zingenise iithayimthebhile zoviwo zazo kuMphathi weSekethe ubuncinane kwiiveki ezine (4) phambi kokuqala koviwo. Amagosa esithili aya kubeka esweni ukwenziwa kwale miyalelo. |
4. |
Kucelwa iinqununu namabhunga olawulo ukuba bakuqwalasele ngokukodwa ukwenziwa kweeprogram zawo ngethuba leemviwo, ukwenzela ukuba kungaphulukwana nexesha elixabisekileyo lokufundisa nokufunda. |
ISAYINWE: NGU-J H LYNERS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2016:03:10
|
|