1. Iprogram i-National School Nutrition Programme (NSNP) imema iinqununu zezikolo ezixhamlayo kule program zithathe inxaxheba ekufumaneni izisombululo ezisebenzayo ngokulawulwa kwale program ezikolweni, njengabenzi benkcazontetho (presenters) okanye njengabathathi-nxaxheba.

2. INJONGO
Injongo yale nkomfana kukwabelana ngemizekelo enokwenzeka yezicwangciso ezinokusetyenziswa ekuqhubeni le program ezikolweni ngokuyimpumelelo.

3. UMHLA, IXESHA NENDAWO
Le nkomfa iya kuqhutywa ngoLwesihlanu, we-27 Meyi 2016, ukuqala ngo-15:00 ukuya ku-19:00 nangoMgqibelo we-28 Meyi 2016, ukuqala ngo-08:00 ukuya ku-14:00 e-Cape Teaching and Leadership Institute. Iprogram yenkomfana iya kufumaneka xa ixesha sele lisondele.

4. IZIHLOKO NENGCACISO YABENZI BENKCAZO-NTETHO

  • Iinkqubo zokutyisa abafundi ezigqwesileyo ezikolweni.
  • Ukhuselo nokhuseleko
  • Ukugcinwa kweerekhodi nguNdlunkulu
  • Iirejista (ezenziwa ngokukhawuleza nezithembekileyo).
  • Zeziphi iinzuzo zoku?
  • Iinkcazo-ntetho zinokuba kwimo yeephowusta okanye eyesandi (audio) kodwa kungaphelelwa kwezi ndidi kuba nezinye iindidi zivumelekile.
  • Ukuthatha inxaxheba kwabathathi-nxaxheba kubaluleke gqitha ("ukwenza, ukucinga nokuxoxa") ("hands-on, minds-on and words-on") into ethetha ukuba iinkcazo-ntetho kufanele ukuba zibe zezixoxisayo kumntu wonke.
  • Ithuba elimisiweyo yimizuzu eyi-50. Mazinikwe imizuzu eyi-7 ukuya kweyi-10 iingxoxo zamaqela kunye/okanye imibuzo.
  • Indawo iya kubanedathaprojektha nebhodi eyi-interactive whiteboard (azinyanzelekanga kodwa kungenziwa amalungiselelo). Kunokwenziwa amalungiselelo efanitshala ukuququzelela iingxoxo zamaqela anabathathi-nxaxheba abalishumi ngetafile nganye.
5. Kukhangelwa kule nkomfana nabenzi benkcazo-ntetho abanako ukwabelana ngeenkqubo ezigqwesileyo zokusebenzisa iindidi zemenyu eziphuculweyo ngokwebhajethi yeNSNP eqingqekileyo nezikhuthaza ukuzibandakanya kwabahlali ngokuxhasa le program.

6. Kuya kuxoxwa nangokuqala iigadi zokutya (ukwenza okuthile ngaphandle kwentlawulo) nangokwenziwa kweegadi kunye namanye amaqela achaphazelekayo.

7. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kubo bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:04:28