1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyiqwalasele ngenkxalabo into yokuba i-South African Democratic Teachers’ Union (SADTU) ihlabe ikhwelo lokuba kukwaywe iProgram yeeMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED (WCED Systemic Testing Programme).

2. Eli khwelo liyaphazamisa kakhulu njengoko libonakala ngathi liphenjelelwa kakhulu luluvo oluyingeyonyaniso ngobume neenjongo zeeMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yeSebe iWCED. Ngaphezulu, iimvavanyo zenkqubo yemfundo zinyanzelekile njengoko zilinganisela indlela esebenza kakuhle ngayo inkqubo yemfundo yethu kwiphondo.

3. Eyona nto iphicothwa kakhulu nenako ukutshintsha (key analytical variable) sisikolo ingenguye umfundi ngamnye. Umfundi ngamnye uvavanywa kube kanye kuphela qho ngeminyaka emithathu. Iimvavanyo zithatha isiqingatha sosuku yaye ziquka amacandelo angundoqo ekharityhulam.

4. Iimvavanyo ziqaphela iingxaki zenkqubo yemfundo eziya kubakho naxa sebedlulele kwamanye amabakala abafundi abafumana uvavanyo. Oku kuthetha ukuba ukufumaneka kweziphumo zeemvavanyo emva kokuba abafundi abangoontanga belipasile ibakala, oko akubalulekanga kuba ezi mvavanyo azigxilanga kubafundi (learner-focused).

5. Sifumene iingxelo zokuba amanye amagosa asebenzisa le datha yeemvavanyo ngendlela engeyiyo. Sinqwenela ukuyigxininisa into yokuba idatha engenkqubo yesikolo ngasinye (performance data) mayisetyenziselwe ukuxhasa isikolo kwimigudu yaso yokuphucula umgangatho. Ukusetyenziswa ngendlela engeyiyo kwedatha kubangela ukuba ifumane ukuchaswa ngokungeyomfuneko yaye icatshukelwe le nkqubo. Amagosa ezithili sele echazelwe ngalo mgqaliselo ubaluleke gqitha yaye iNtloko yeSebe leMfundo iya kuwuqwalasela lo mbandela nabaphathi kwisithili ngasinye.

6. Kuya kuba yinto engalunganga enokwenziwa liSebe iWCED ukuba lingasuka liyiyeke esithubeni inkqubo yayo yovavanyo kwesi sigaba njengoko ibonisa izinto ezincomekayo kwinkqubo yemfundo yethu. Le theyibhile ingezantsi ibonisa ukuphucuka komgangatho wamaqondo okupasa kwizifundo ekuhambeni kwexesha:

IBAKALA I-MATHS 2011 I-MATHS 2015 UKUP-HUCUKA KOMGAN-GATHO
IBAKALA 3 47.5 57.6 10.4
IBAKALA 6 23.4 37.6 14.3
IBAKALA 9 10.4 22.2 11.8
 
IBAKALA ULWIMI 2011 ULWIMI 2015 UKUP-HUCUKA KOMGAN-GATHO
IBAKALA 3 30.4 42.4 12
IBAKALA 6 31.5 36.8 5.3
IBAKALA 9 44.2 53 8.8

7. ISebe i-WCED lisebenzisa yaye sele liyisebenzisile idatha esuka kwiimvavanyo zenkqubo yemfundo ukuphucula ukufundiswa kwekharityhulam ngolu hlobo lulandelayo:

  • Ngo-2006 iSebe iWCED lapapasha isicwangciso i-LitNum Strategy esasiphenjelelwa kakhulu luhlalutyo lweenkqubo eziqhubekayo nezixhaphakileyo kwezemfundo phakathi ko-2002 no-2006.

  • ISebe iWCED ligqibe iprogram yoqeqesho lootitshala yeminyaka eyi-6 kulwimi neMathematika, nolufikelele kwizikolo eziziiprayimari eziyi-800.

  • Ngo-2015 kwapapashwa isicwangciso sobuchule i-LitNum Strategy nesihlaziywe ngokutsha njengeziCwangciso ezizimeleyo zeMathematika neeLwimi (Mathematics and Language Strategies). Ezi nkqubo ziphenjelelwe kokuqhubeka kwindlela izikolo eziqhuba ngayo phakathi ko-2008 no-2014.

  • Ukongeza kwezi nkqubo zongenelelo ngoncedo, iSebe iWCED ngoku liqhuba inkqubo yokunika inkxaso yamaBakala R ukuya ku-3 kwizikolo eziyi-100 yaye eli sebe lineProgram eziqhubekayo zoNgenelelo ngoNcedo kwiZikolo eziPhakamileyo (High School Intervention Programme) ukunika inkxaso izikolo eziphakamileyo ezithagethiweyo.

  • Kuqhutywa ikhosi engokuhlalutywa kweeripoti zezikolo zeemvavanyo zenkqubo yemfundo ukwenzela zonke iiNtloko zeZifundo, amaSekela-nqununu neeNqununu, ukuzinceda ziphucule izicwangciso zobuchule zazo. (planning strategies).
8. Amabhaso ii-LitNum Awards akahlukanga kwiisistim zokuwonga ngamabhaso e-National Senior Certificate okanye e-Adult Education and Training. Anika ingqwalaselo inkqubo esemagqabini ngokuwonga ngesatifikethi kodwa oku kwenziwa ngaphandle kokukhutshwa kwezibonelelo eziyinkuthazo eziyimali (financial incentives). Ukongeza, anika ingqwalaselo ezo zikolo ziye zawuphucula umgangatho ngokuthi ziwongwe ngesatifikethi nesibonelelo semali esiyinkuthazo sokuba kuthengwe izixhobo zokuxhasa ukufunda nokufundisa (esiyi-R10 000 ngoku ekhutshwayo ngokuxhomekeke kubukho bebhajethi).

9. Amandla eSebe i-WCED Systemic Test Programme axhomekeke kwinyaniso yokuba ezi mvavanyo ziqhutywa ngokuzimeleyo into ethetha ukuba akukho nkqubo eyenziwa lisebe lemfundo ngeliso elicalanye (departmental bias) echaphazela ukunika ingxelo ngeziphumo.

10. Kucelwa zonke iinqununu zimisele iinkqubo ukuqinisekisa ukuba uvavanyo alufumani kuphazanyiswa. ISebe i-WCED linqwenela ukuligxininisa elokuba uvavanyo lwenkqubo yemfundo lunyanzelekile kwanokuba kunokuthathwa amanyathelo ezoluleko ngakwizikolo (kwinqununu nakotitshala) ukuba ziye azavumela ukuba ziqhutywe iimvavanyo zenkqubo yemfundo okanye zithe zaphazamisana nazo okanye zibangele ukuba ziphazanyiswe nangayiphi na indlela iimvavanyo, umzekelo ngokukhuthaza abafundi bangazibhali.

11. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, ukuze bayithathele ingqalelo.

12. Iyakuthakazelelwa inkxaso yenu nokuyiqonda kwenu le nkqubo.


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:10:08