1. |
Ngo-Oktobha 2015, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqhube iiMvavanyo zeNkqubo yeMfundo yamaBakala 3, 6 no-9 kwiMathematika nakwiiMvavanyo zeNkqubo zeeLwimi. |
2. |
Iziphumo ziya kufumaneka kwiCEMIS ngowe- 27 Januwari 2016. Izikolo ziyakhuthazwa ukuba zifumane iziphumo zazo ngokukhawuleza ukwenzela ukuba zizibandakanye kwizicwangciso ezikhethiweyo zokuphucula izikolo zazo. |
3. |
Iingxelo eziya ezikolweni ziya kunika iireyithi zokupasa nomndilili wamanqaku azuzwe sisikolo ngasinye, ziphinde kwakhona zibonise indlela ekuqhutywe ngayo kwiinkalo ezithile zeelwimi nakwimathematika. |
4. |
Iziphumo zesikolo sakho zinokufumaneka kwiCEMIS ngokusebenzisa le nkqubo ilandelayo:
- Khetha i-ayithem yemenyu u-"Assessment" ze ukhethe u-"Systemic Test Results 2015".
- Kwi-drop-down menu, khetha enye yezi zilandelayo:
- Ukufumana iziphumo zeBakala 3, khetha "Grade 3 Results 2015".
- Ukufumana iziphumo zeBakala 6, khetha "Grade 6 Results 2015".
- Ukufumana iziphumo zeBakala 9, khetha "Grade 9 Results 2015".
Iziphumo zifanele ukuvela kwiskrini.
- Ukuba iziphumo aziveli, yiya kwi-menu bar phezulu ukhethe u-"Tools". Emva koko khetha u-"Pop-up Blocker", uze ukhethe u-"Turn-off Pop-up Blocker" uklikhe.
- Kwakugqitywa oku, khetha libe linye kula mabakala ukujonga iziphumo.
|
5. |
Malunga nayo nayiphi imibuzo yokubhalwe kule ngcaciso emfutshane, kucelwa uqhagamshelane negosa elijongene nesithili sakho njengoko kucacisiweyo kule thebhile ingezantsi:
|
ISAYINWE: NGU-P A VINJEVOLD
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:01:25
|
|