1. Ngenxa yotshintsho olucwangcisiweyo olwenziwa kwisistim yeCEMIS, bayaziswa abasebenzisi ngokwenjenje, ukuba le sistim (application) ayiyi kufumaneka ukususela nge-01 ukuya kwi-04 Julayi 2016.
2. Kucelwa niqaphele ukuba ngeli thuba isistim ayiyi kufumaneka yaye bayacelwa abasebenzisi ukuba bezenzele izicwangciso zemisebenzi yeCEMIS ukulungiselela eli thuba.
3. Zonke iinkonzo zeCEMIS ziya kuqala kwakhona nge-05 Julayi 2016.
4. Ukuba nithe nafumana iingxaki nokuba zeziphi na ezimalunga nokungena kwisistim okanye ukuyisebenzisa isistim yakuba iqalile ukusebenza kwakhona, niyacelwa niqhagamshelane noMnu Lance Abrahams apha: 021 467 2364 okanye apha: Lance.Abrahams@westerncape.gov.za ukufumana uncedo.


ISAYINWE: NGU-P A VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:06:23