1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (ISebe iWCED) lingene kwimvumelwano entsha no-Microsoft ebizwa ngokuba yi-Microsoft Schools Agreement egameni lezikolo.
2. Ngale mvumelwano, izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nezikolo ezizimeleyo ezixhaswa ngemali ngurhulumente, ziya kubonelelwa nge-Windows operating software ne-Microsoft Office application packages.
3. Ukwenzela ukufumana le software, izikolo zimele ukuzalisa le fom yoku-odola iqhotyoshelweyo zize ziyingenise ngokuyithumela ngefeksi okanye nge-imeyili kwa-Edumedia. Kucelwa uqaphele ukuba isikolo sinokucela kuphela ikopi enye ngepakheji nganye ngonyaka ngamnye. Izikolo ezikwiingingqi zeedolophu mazenze amalungiselelo okuzithathela ii-software packages kwii-ofisi zakwa-Edumedia e-Mowbray.
4. Ifom yoku-odola ehlaziyiweyo nembalelwano, ziya kuthunyelwa ezikolweni zakuba zifumaneka iinguqulelo ezintsha ze-software packages.
5. Izikolo zinako ukuqhagamshelana ne-ofisi eyi-Schools' IT Helpdesk ngale nombolo 021 900 7123 ukuba zifuna uncedo ngokufakwa kwezi software packages.
6. Iinqununu kufanele zikuqinisekise ukugcinwa ngokukhuselekileyo kwee-installation discs nee-license keys. I-software inokufakwa kwikhompyutha yomntu ngamnye kubasebenzi abaqeshwe liSebe iWCED kangangethuba lokusebenza kwale mvumelwano.
7. Xa kuthathelwa ingqalelo ukubonelelwa kwezikolo ngeLAN okulindelekileyo, abafundi namalungu angabasebenzi baya kuvumeleka ukuba bafikelele mahala ku-Office 365 ngezixhobo zethekhnoloji ezizi-mobile devices ezi-5, umntu ngamnye.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:18

"Microsoft schools agreement product selection order form"  (ubukhulu: 64 KB)