1. ISaveyi yaQho ngoNyaka) epapashwe kwigazethi (gazetted Snap Survey) yezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa iya kuqhutywa nge-01 Matshi 2016. Kuya kufuneka iinqununu ziyisayinele idatha yabafundi kwi-CEMIS. Le saveyi iya kufumaneka ezikolweni ukususela ngowe-19 Februwari 2016. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-01 Matshi 2016:
1.1 Abafundi bakumabakala, bakwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo.
1.2 Kugqityiwe ukufakwa kwengcaciso engabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni).
1.3 Ingcaciso engokukhubazeka kwabafundi ichanekile.
1.4 Ingcaciso engootitshala ichanekile.
1.5 Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa.
1.6 Zonke izikrini zokufaka idatha, zigqityiwe.

2. ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba ihlaziywe yonke ingcaciso engokhubazeka kwabafundi ziisayikholojisti ezinkulu (senior psychologists)/ngabaphathi abanika inkxaso kubafundi (iintloko zeSLES).

3. Ukusayinelwa kwedatha yeSNAP kwizithili ngabaphathi abanika inkxaso kubafundi (iintloko zeSLES), kufuneka ungadlulanga owe-15 Matshi 2016.

4. Njengegosa le-EMIS lesikolo, inqununu mayizilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokuvezwa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi. Kucelwa nifunde iNgcaciso eMfutshane 0003/2012 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso, ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu.

5. Ziya kucelwa izikolo zezibhedlele ukuba zizalise ikopi eliphepha yale saveyi. Isaveyi iya kunikwa izikolo ngqo.

6. Kunyanzelekile ukusetyenziswa kwenombolo yesazisi (Identity Number) ngabafundi kuzo zonke iisistim zokulawulwa nokuphathwa kwezikolo. Iyafumaneka ezikolweni ingxelo enge-CEMIS yokuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zesazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akananombolo yesazisi evunyiweyo, makucetyiswe umzali ngeenkqubo zokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. (Makufundwe iSetyhula 0008/2014). Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ngokuyiququzelela inkqubo yokufunyanwa kwe-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya.

7. Iinqununu zifanele ukuququzelela iinkqubo zeSaveyi yaQho ngoNyaka ukuqinisekisa ukuchaneka nokugqitywa kwedatha efakiweyo kwangethuba.

8. Ukuba ufuna uncedo nokuba loluphi na, kucelwa uqhagamshelane negosa elichaphazelekayo:

ISITHILI UMLAWULI WE-CEMIS WESITHILI INOMBOLO YEFONI I-IMEYILI
West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Yvonne Ngwane /
Ayabulela Pinzie
044 803 8352 /
044 803 8353
yvonne.ngwane@westerncape.gov.za /
ayabulela.pinzie@westerncape.gov.za
Cape Winelands Keith Zibi /
Wafeeqah Ismail
023 348 4633 /
023 348 0635
keith.zibi@westerncape.gov.za /
wafeeqah.ismail@westerncape.gov.za
Overberg Kevin Van Eeden 028 214 7411 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
Metro North Anecia Conradie 021 938 3039 anecia.conradie@westerncape.gov.za
Metro South Anastasia Rose /
Sive Jara
021 370 2120 /
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za /
sive.jara@westerncape.gov.za
Metro East Buseka Ndinisa /
Thembeka Dlamini
021 900 7180 /
021 900 7181
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za /
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
Metro Central Anita Mcgrath /
Tercia Southgate
021 514 6751 /
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za /
tercia.southgate@westerncape.gov.za


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:24