1. ISaveyi yaQho ngoNyaka epapashwe kwigazethi (gazetted Annual Survey) yamaziko e-ECD iya kuqhutywa nge-01 Matshi 2016. Le Saveyi iya kuqala ukusebenza (will go live) kwiCEMIS ngowe-16 Februwari 2016. Kuya kufuneka iinqununu zikusayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-01 Matshi 2016:
1.1 Abafundi bakumabakala, bakwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo.
1.2 Iilwimi zeenkobe zabafundi zitshekishiwe yaye zihlaziyiwe.
1.3 Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa.
1.4 Kugqityiwe ukwenziwa kwezilungiso esikolweni – apho kuyimfuneko.
1.5 Izikrini zokufaka idatha ii-general Information capture screens, kuqukwa nemibuzo ngokhuseleko lwezikolo, zigqityiwe ngokunjalo.

2. ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba amaziko e-ECD ayihlaziye ingcaciso engootitshala/engeeprakhtishina aze ayifake ingcaciso epheleleyo kwizikrini. Lo msebenzi kufuneka usayinelwe ungadlulanga owe-11 Matshi 2016 ngokuthi kuqinisekiswe le miba ilandelayo:
2.1 Zihlaziyiwe iinkcukacha zootitshala/zeeprakhtishina ezimalunga neminyaka yamava, namabakala kunye nezifundo abazifundisayo ngo-2016 kuphela; (mazisuswe iinkcukacha zamabakala nezifundo ebezifundiswa kwiminyaka edlulileyo, ukuba azifanele kuba kumthwalo womsebenzi katitshala/weeprakhtishina wango-2016.
2.2 Zonke izikrini zokufaka idatha zizalisiwe yaye izikrini ebesele zinedatha ziyahlaziywa (pre-populated screens), umz. iifizi zezikolo neetheyibhile zeziseko zophuhliso (infrastructure tables).
2.3 Iyasayinelwa ngexesha ingcaciso ukwenzela ukuba abaphathi be-ECD babe nexesha eloneleyo lokujonga, ukuyingqinisisa nokuyisayinela.

3. Njengegosa le-EMIS lesikolo, inqununu mayizilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokuvezwa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi. Mazirekhodwe Iinkqubo zomsebenzi wokufaka idatha ye-EMIS (EMIS data business processes) ukuqinisekisa ukuphendula kwabathwele uxanduva lokuchaneka kwedatha, njengoko le ngcaciso inokuphicothelwa ukuchaneka kwayo. Kucelwa nifunde iSetyhula 0003/2012 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso, ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu.

4. Imibuzo okanye iikholi zabafuna uncedo zinokubhekiswa kumphathi weze-ECD okanye kwigosa elinika inkxaso (technical support person) lesithili esichaphazelekayo:

ISITHILI UMNTU EMAKUQHAGAMSHELWANE NAYE ISIKHUNDLA INOMBOLO YEFONI
Cape Winelands Madelein Siddle ECD Manager 023 348 4608
Hazel Van Rooyen Technical Support 023 348 0646
Eden and Central Karoo Lucretia Roux ECD Manager 044 803 8314
Clementine Hartnic Technical Support 044 803 8300
Metro Central Ruth Leukes ECD Manager 021 514 6929
Marglen Davids Technical Support 021 514 6946
Metro East Michele Liedeman ECD Manager 021 900 7221
Linda Ntlombeni Technical Support 021 900 7222
Metro North Zaida Davids ECD Manager 021 938 3013
Laylani Adams Technical Support 021 938 3013
Metro South Carmen Niekerk ECD Manager 021 370 2004
Tanisha van Schalkwyk Technical Support 021 370 2004
Overberg Lynn Le Grange ECD Manager 028 214 7384
Molene Jantjies Technical Support 028 214 7383
West Coast Sally Meyer ECD Manager 021 860 1201
Lorenzo Veroni Technical Support 021 860 1202

5. Iyathakazelelwa intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:18