1. ISaveyi yaQho ngoNyaka epapashwe kwigazethi (gazetted Annual Survey) yezikolo eziqhelekileyo iya kuqhutywa nge-01 Matshi 2016. Kuya kufuneka iinqununu zikusayinele ukuchaneka kwedatha yabafundi kwi-CEMIS. Kucelwa uqinisekise ukuba oku kulandelayo kubhalwe ngokuchanekileyo kwi-CEMIS ungadlulanga owe-01 Matshi 2016:
1.1 Abafundi bakumabakala, bakwiiklasi nakumacandelo e-LoLT achanekileyo.
1.2 Kugqityiwe ukufakwa kwengcaciso engabafundi (abamkelwayo nabakhutshwayo esikolweni).
1.3 Utshintsho ngokwamabakala lwenziwe lwagqitywa.
1.4 Izikrini zokufaka idatha ii-general information capture screens, kuqukwa nemibuzo ngokhuseleko lwezikolo, zigqityiwe ngokunjalo.

2. ISaveyi yaQho ngoNyaka ikwafuna ukuba izikolo ziyihlaziye ingcaciso engootitshala zize zifake ingcaciso epheleleyo kwizikrini. Lo msebenzi kufuneka usayinelwe ungadlulanga owe-31 Matshi 2016 ngokuthi kuqinisekiswe le miba ilandelayo:
2.1 Zihlaziyiwe iinkcukacha zootitshala ezimalunga neminyaka yamava, namabakala kunye nezifundo abazifundisayo ngo-2015 kuphela; (mazisuswe iinkcukacha zamabakala nezifundo ebezifundiswa kwiminyaka edlulileyo, ukuba azifanele kuba kumthwalo womsebenzi katitshala ka-2016).
2.2 Zigqityiwe izikrini zootitshala abatsha ukulungiselela ukungqinisiswa kwamabanga emfundo kwizifundo (subject qualifications).
2.3 Zonke izikrini zokufaka idatha zizalisiwe yaye izikrini ebesele zinedatha ziyahlaziywa (pre-populated screens), umz. iifizi zezikolo neetheyibhile zeziseko zophuhliso (infrastructure tables).

3. Isikrini esongezelelweyo esinengcaciso yehostele siya kubakho ukulungiselela ukufakwa kwedatha kwiCEMIS ukususela kwi-22 Februwari 2016. Iya kuba zizikolo ezineehostele kuphela eziya kubanako ukuyibona le saveyi yongezelelweyo.

4. Njengegosa le-EMIS lesikolo, inqununu mayizilawule iinkqubo zokufaka idatha ukuqinisekisa ukuba ubungqina bokuqinisekisa neesiginitsha zabasebenzi ekugqithiselwe kubo amagunya okutshekisha idatha bunokuvezwa xa bufunwa ngabaphicothi-zincwadi. Mazirekhodwe Iinkqubo zomsebenzi wokufaka idatha ye-EMIS (EMIS data business processes) ukuqinisekisa ukuphendula kwabathwele uxanduva lokuchaneka kwedatha, njengoko le ngcaciso inokuphicothelwa ukuchaneka kwayo. Kucelwa nifunde iNgcaciso eMfutshane 0003/2012 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso, ukufumana iinkcukacha ezingaphezulu. Kukhunjuzwa iinqununu kwakhona ukuba ukususela ngo-2014, ukuchaneka kwedatha ye-CEMIS ngumqathango ophambili ekuya kuxhomekeka kuwo ukufumana kwezikolo intlawulo yesabelo-mali sesibini ngokwemimiselo nemigangatho yolwabiwo-mali (Norms and Standards funding) (iNgcaciso eMfutshane 0044/2013 yeCandelo loLawulo loLwazi neNgcaciso).

5. Kunyanzelekile ukusetyenziswa kwenombolo yesazisi (Identity Number) ngabafundi kuzo zonke iisistim zokulawulwa nokuphathwa kwezikolo. Ikho ingxelo ye-CEMIS yokuqaphela abafundi abangenazinombolo zesazisi nokulungiselela ukufakwa ekhompyutheni kweenombolo zesazisi ezingekhoyo. Ukuba umfundi akananombolo yesazisi evunyiweyo, makucetyiswe umzali ngeenkqubo zokwenza isicelo se-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Kucelwa iinqununu zibancedise abazali apho kunokwenzeka, ngokuyiququzelela inkqubo yokufunyanwa kwe-ID kwiSebe leMicimbi yezeKhaya. Makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loCwangciso loLawulo noKuphathwa kwamaZiko 0005/2014 ukufumana ingcaciso engaphezulu.

6. Xa kunokwenzeka kubekho naziphi na iingxaki ngokuzaliswa kwale saveyi, kucelwa kuthetha-thethwane nomphathi wesekethe ochaphazelekayo okanye negosa lesithili elidweliswe apha ngezantsi:

ISITHILI UMLAWULI WE-CEMIS WESITHILI INOMBOLO YEFONI I-IMEYILI
West Coast Mervan Davids 021 860 1596 mervan.davids@westerncape.gov.za
Eden & Central Karoo Yvonne Ngwane /
Ayabulela Pinzie
044 803 8352 /
044 803 8353
yvonne.ngwane@westerncape.gov.za /
ayabulela.pinzie@westerncape.gov.za
Cape Winelands Keith Zibi /
Wafeeqah Ismail
023 348 4633 /
023 348 0635
keith.zibi@westerncape.gov.za /
wafeeqah.ismail@westerncape.gov.za
Overberg Kevin Van Eeden 028 214 7411 kevin.vaneeden@westerncape.gov.za
Metro North Anecia Conradie 021 938 3039 anecia.conradie@westerncape.gov.za
Metro South Anastasia Rose /
Sive Jara
021 370 2120 /
021 370 2106
anastasia.rose@westerncape.gov.za /
sive.jara@westerncape.gov.za
Metro East Buseka Ndinisa /
Thembeka Dlamini
021 900 7180 /
021 900 7181
buseka.ndinisa@westerncape.gov.za /
thembeka.dlamini@westerncape.gov.za
Metro Central Anita Mcgrath /
Tercia Southgate
021 514 6751 /
021 514 6737
anita.mcgrath@westerncape.gov.za /
tercia.southgate@westerncape.gov.za

7. Iinqununu zifanele ukuququzelela iinkqubo zeSaveyi yaQho ngoNyaka ukuqinisekisa ukuchaneka nokugqitywa kwedatha efakiweyo kwangethuba.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:02:18