1. Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo leziBonelelo zeNkxaso: 0001/2016, apho kwakucelwe khona izikolo zifake ekhompyutheni amagama abafundi bamaBakala R ukuya ku-12 zisebenzisa inkqubo yothutho lwabafundi exhaswa ngemali yiWCED ekwisistim yasekhompyutheni i-Central Education Management Information System (CEMIS).
2. Le nkqubo ichazwe ngentla yenziwe yagqitywa yaye amagama abafundi agunyazisiweyo abhalwe kwi-CEMIS malunga nendlela nendawo nganye abalayishwa kuyo (per route and pick-up point).
3. Kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba amagama abafundi afakwe ngokuchanekileyo kwiindlela nakwiindawo abalayishwa kuzo yaye bachaze naziphi iimeko zokungangqinelani malunga namagama abafundi agunyaziselwe ukuthuthwa kwi-CEMIS nguNks Rhonell De Vries. Usebenza kwiCandelwana leZikim zoThutho lwaBafundi (Learner Transport Schemes) (LTS) kwaNdlunkulu yaye kungaqhagamshelwana naye kwifoni 021 467 2136 okanye ngale dilesi ye-imeyili u-Rhonell.DeVries@westerncape.gov.za
4. Kucelwa uqaphele ukuba bonke abafundi abongezelelweyo abagunyaziswd emva koko baya kufakwa ekhompyutheni ngamagosa e-LTS kwanokuba iinqununu ziya kunikwa ithuba kumaxesha ngamaxesha lokususa abafundi abangasasebenzisi nkqubo yothutho lwabafundi. Le sistim iya kuwasusa ngokwayo amagama abafundi abaphumayo esikolweni.
5. Ithakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho malunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-TS MATSELISO
USEKELA MLAWULI-JIKELELE WOPHUHLISO NOQUQUZELELO LWAMAZIKO
UMHLA: 2016:10:27