1. Iilayibrari zibaluleke kakhulu kuthungelwano lwamazwe ngamazwe (global network) ukwenzela ukuba sibe nako ukufikelela ingcaciso. Ngoko ke kubalulekile ukuba iilayibrari zezikolo zethu zibe ngawona maziko okwenene angumthombo wolwazi ekufundwa kuwo kwanokuba ubaluleko lweelayibrari zezikolo lube nokunikwa ingqwalaselo ngokubanzi.

2. Ngo-Oktobha 2016 iilayibrari zezikolo eMzantsi Afrika nakwihlabathi liphela ziya kube zibhiyozela zikwakhuthaza iinkonzo zelayibrari nengcaciso ezikolweni, zisebenzisa lo mxholo: "Learn to Decode Your World". Inyanga ka-Oktobha yabhengezwa njenge-International School Library Month (ISLM) ngabe-International Association of School Librarianship (IASL).

3. Ukubhiyozela i-ISLM makubonwe njengokuqaphela indima nokubaluleko lweelayibrari ekufundeni bonke ubomi bokuphila, o.k.t. ukubonelela ngezixhobo zokuxhasa ilitheresi kunye nezixhobo zokufunda nokufundisa (LTSM) kwinkqubo yesikolo iphela. Uphando kumazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela kwinqanaba eliphezulu yaye baba ngabafundi abanobuchule xa besebenzisa ilayibrari yesikolo eneencwadi eziluncedo kakhulu, kubandakanywa neencwadi abafundi abathanda ukuzifunda kwaneenkqubo ezicwangciswe kakuhle zelitherasi yengcaciso.

4. Ukwenzela ukubhiyozela ukubaluleka kweelayibrari ngeli thuba le-ISLM, bayakhuthazwa abo baphethe iilayibrari zezikolo kwihlabathi jikelele ukuba bakhethe usuku ku-Oktobha 2016 olulolona luyifanele ngakumbi imeko yabo.

5. Kucelwa nivule la maxwebhu akhaphayo aqhotyoshelwe apha:
5.1 aneengcebiso ezininzi malunga nokuba izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) zingayibhiyozela njani i-ISLM ka-2016;
5.2 anamaziko ewebhu aluncedo ekunokungenwa kuwo; kunye
5.3 nelogo esemthethweni ye-ISLM emayisetyenziswe kwizixhobo zokufunda ezaziswa uluntu (promotional materials). (makuqatshelwe ukuba le logo ivumeleke kuphela ekusetyenzisweni ukupapasha i-ISLM hayi kwiinjongo zoshishino).

6. Kukhuthazwa izikolo zithumele ingxelo epheleleyo (kubandakanywa nemifanekiso) ngezikwenzileyo ngethuba lokubanjwa kwesiganeko i-ISLM kwaba bakwa-EDULIS nakumagosa ee-ofisi zezithili, ngenjongo yokuba ipapashwe:

Faith Lawrence School Library Adviser,
West Coast Education District
tel. 021 860 1562
Janine Ontong School Library Adviser,
Cape Winelands Education District
tel. 023 348 4657
Carol van der Heever School Library Adviser,
Metro South Education District
tel. 021 370 2084
Timothy Cloete Coordinator: School Library Services,
Eden & Central Karoo Education District
Overberg Education District
Metro North Education District
Metro East Education District
Metro Central Education District
tel. 021 957 9626


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO EBAMBELEYO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:09:28

IMISEBENZI ECETYISWAYO YENYANGA YELAYIBRARI YESIKOLO KUMAZWE NGAMAZWE  (ubukhulu: 40 KB)