1. Kucelwa izikolo zigxininise kuphela kwizicelo zenkonzo yothutho lwabafundi (learner transport service) (LTS) zika-2017 ukususela kwikota yesithathu ka-2016. Ukusetyenzwa (processing) kwezicelo zeLTS ezikhoyo ngoku zango-2016 kuyaqukunjelwa kwaye kucelwa izikolo ukuba zingangenisi ezinye izicelo ezitsha zeLTS zango-2016.
2. Izicelo zeziko zeendlela ezintsha ezenzelwe uJanuwari 2017 mazingeniswe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo ungadlulanga owe-29 Julayi 2016.
3. Izicelo zokufakwa kwabafundi abongezelelweyo kwiindlela esezikho ezenzelwa uJanuwari 2017 mazingeniswe kumphathi wesekethe ochaphazelekayo ungadlulanga owe-12 Agasti 2016.
4. Izikolo maziqalise ukulungiselela izicelo ekunikwe izizathu ngokupheleleyo ezixhasa izicelo ezo xa zivula kwakhona kwikota yesithathu ka-2016.
5. Kucelwa umphathi wesekethe angqinisise okanye agqibe ukuba ingaba abafundi banokufakwa na ezikolweni okanye ezihostele kunye nokuzalisa iSihlomelo B sefom yesicelo phambi kokuba kunikwe ingqalelo yokufakwa kwaba bafundi kwisikim sezothutho.
6. Amagosa ezithili achaphazelekayo aya kusebenza ezo zicelo njengoko kuyimfuneko baze bangenise izicelo ezisayiniweyo ezineemephu zeendlela kwiCandelo lokuXhasa amaZiko ngeziBonelelo ukwenzela ukuba zibe nokuqwalaselwa nguMnu Keith Lackay, onguSekela Mlawuli oBambeleyo weCandelo leLTS, ungadlulanga owe-02 Septemba 2016.
7. Fumana apha kuqhotyoshelwe ikopi yefom yakutshanje yokwenza isicelo seLTS, yangoJulayi 2016, eya kusetyenziselwa le njongo ikhankanywe ngasentla. Kucelwa uqinisekise ukuba onke amacandelo esi sicelo azalisiwe.
8. Kubaluleke kakhulu ukuba izicelo zeendlela ezintsha nabafundi abongezelelweyo bafumaneke kwangethuba ukwenzela ukuba kube nokuthengwa iinkonzo zize zifumaneke ngosuku lokuqala lwesikolo ngo-2017.


ISAYINWE: NGU-PA VINJEVOLD
INTLOKO YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2016:07:15

"Annexure A: Application - Learner Transport Schemes"  (ubukhulu: 77 KB)