1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) lenze isistim ye-inventri yasekhompyutheni yokugcinwa kweerekhodi zefanitshala kunye nezinto zokusebenza. |
2. |
Injongo yale sistim yasekhompyutheni kukuncedisa ekurekhodeni kwayo yonke ifanitshala kunye nezinto zokusebenza zezikolo. |
3. |
Okuluncedo ngokuba nayo ingcaciso efakwe ekhompyutheni kuquka oku kulandelayo: |
3.1 |
Izikolo nezithili ziya kungena lula kwiinkcukacha-manani zefanitshala zakutshanje esikolweni nakwizinto zokusebenza qho ngonyaka. Kuya kuqatshelwa izinto ezingaphelelanga xa kuqinisekiswa naxa kunikwa iprayorithi kwiimfuno zokongeza inani leencwadi zokufunda ezingaphelelanga kunye nezingaphaya komlinganiselo (surpluses) zinako ukuqatshelwa. Kuya kunikwa ithuba qho ngonyaka lokufaka ingcaciso entsha yale ngcaciso. |
3.2 |
Izikolo nezithili zinako ukungena kwanokuprinta iingxelo ezisekhompyutheni eziyimfuneko ngokusebenzisa i-Edu-Info. |
4. |
Ngethuba lokuqala lokufakwa kwedatha emalunga nefanitshala kunye nezinto zokusebenza ngoMeyi 2016, ezinye izikolo zavakalisa iinkxalabo malunga nenyaniso yokuba enye yefanitshala nezinto zokusebenza zathengwa ngeemali zesikolo oko kusenziwa kungasetyenziswanga zabelo-mali zeWCED. Ukwenjenje kukungqina ukuba iWCED ayinanjongo zakubanga nayiphi na ifanitshala okanye zinto zokusebenza zesikolo. Ifasilithi esekhompyutheni iya kusetyenziswa kuphela njengesixhobo sezolawulo (management tool). |
5. |
Kufumaneke ukuba ezinye izikolo azizange zisithathe isitokhwe phambi kwenkqubo yokufaka ingcaciso ekhompyutheni ngoMeyi 2016 kunye/okanye kwaye akwabikho xesha laneleyo lokuqalisa okanye lokwenziwa kugqitywe ukufakwa kwedatha ekhompyutheni kwayo yonke ifanitshala kunye nezinto zokusebenza. |
6. |
Ukusombulula ezi nkxalabo, izikolo ziya kunikwa ithuba lokugqibela lokufaka ekhompyutheni iinkcukacha zefanitshala nezezinto zokusebenza ukususela nge-08 ukuya nge-19 Agasti 2016. |
7. |
Zonke izikolo ezazingazange zifake ekhompyutheni iimfuno zefanitshala nezezinto zokusebenza zazo ziyacelwa ziqinisekise ukuba ukuthathwa kwesitokhwe kwenziwa kugqitywe phambi kweli xesha kunye nokuba ingcaciso leyo ifakwa ekhompyutheni. |
8. |
Xa izikolo zingena kwiCEMIS, mazikhethe i-"Administration" option kwi-menu bar. Kwi-drop-down list, khetha u-"Furniture and Equipment" uze emva koko ukhethe u-"Welcome" okanye isikrini u-"Capture". Kwi-welcome screen, izikolo ziya kunikwa ingcaciso ngokubanzi malunga nesistim yasekhompyutheni kuze kwisikrini u-"Capture" zona izikolo zibe nako ukukhetha nokufaka idatha ngefanitshala leyo kunye nezinto zokusebenza. |
10. |
I-report icon ekwisandla sasekhohlo kwisikrini ivumela ukuprintwa koluhlu olupheleleyo lwefanitshala nezinto zokusebenza ezifakwe ekhompyutheni. |
11. |
Zisakuba zifakwe zonke iinkcukacha zefanitshala nezezinto zokusebenza, kulindeleke ukuba inqununu isayine kwisistim. |
12. |
Kucelwa ungene kwi-CEMIS kwangethuba kangangoko unako xa kufakwa ingcaciso ekhompyutheni ukuqinisekisa ukuba iinkqubo zokufakwa kwengcaciso ekhompyutheni nokusayina kwenziwa kugqitywe kwangethuba. |
13. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. |
ISAYINWE: NGU-HA LEWIS
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOCWANGCISO LWEMFUNDO
UMHLA: 2016:06:24
|
|